Xhosa.2296.scavengers
UPHILA NGENKUNKUMA
UBOMI BENENE
BONA XHOSA September 2008
Bavuka kusasa baye kuphengulula iingxowa zenkunkuma ezibekwe ngaphandle kwemizi befuna okokuziphilisa. Ngabantu abatheni aba baphila ngenkunkuma? IBONA incokole nabo. Kubhale uDon Makatile, kufote uMatia Komako
RHOQO ngoMvulo abahlali baseMindalore entshona yeJoburg bakhupha iingxowa zabo zenkunkuma ukuze zithathwe ziinqwelo zenkunkuma zikamasipala.
Kodwa zithi zingekafiki ezo nqwelo kube kuphithizela amadoda, amabhinqa nabantwana bephengulula ezo ngxowa zenkunkuma befuna nantoni na abayibona inexabiso kubo elahlwe kuyo.
Oku kwenzeka kwimimandla emininzi yasezidolophini zaseMzantsi Afrika. Bathi kule nkunkuma bafumana iimpahla zokunxiba neebhotile zebhiya abazithengisa nge-50c kwiivenkile zotywala.
Kodwa ziintsimbi ezindala abafumana imali entle ngokuzithengisa. UNomakhaya Mbulaleko ubephila ngokufuna izinto angazithengisa enkunkumeni oko waphelelwa ngumsebenzi ngenxa yokuba ngumlwelwe.
Wacenga usapho lwakowabo e-Elliotdale eMpuma Koloni ukuba lumgcinele abantwana bakhe abane kwabathandathu anabo. Ababini uhlala nabo kwityotyombe lakhe eliseSoul City kwaye uNomakhaya uchitha imini efuna izinto ezilahliweyo angazithengisa ukuze afundise abantwana bakhe.
"Ndiyaqokelela phakathi neveki ndize ndiyothengisa ngoMgqibelo. Ndizamela ukuba abantwana bam bangalali bengatyanga," utshilo.
Namaxabiso ezinto azithengisayo uwazi ngentloko.
"Ndiyayifumana imali yokutheng' umgubo wombona namakhandlela kuba indawo esihlala kuyo ayinambane," utsho uNomakhaya.
Maxa wambi uyawafumana amatorho, kodwa imeko yakhe yempilo iyamchana ngamanye amaxesha. Uthi ude wayifumana i-ID emva kokwenza izicelo ezininzi.
Uthi amagama akhe akapelwanga kakuhle kuyo kodwa uthi akanakuyiphindisa. "Kuya kuthabath' ixesha ukuba ndifumane enye xa ndingayiphindisa," utsho.
Indawo abadla ngokufumana izinto ezinemali kuzo kuseSaratoga engummandla weeflethi ezintsha eMindalore.
Ivumba elibi lezinto ezibolileyo enkunkumeni alimkhathazi. Izinto azifumanayo uzithwala ngebhala ayiphiwa ngumkhaya wakhe waseDutywa eMpuma Koloni naye ohlala eSoul City.
U-ISAAC MOKOENA oneminyaka engama-38 nekuyiminyaka yobudala ebefanele ukuba usaphangela kodwa ingxaki yesifuba yamenza wangabinako ukuqhubeka nokuphangela.
Kodwa uthi akathandi ukuphila ngokungqiba.
Kweziny' iindawo inkunkuma ikhutshwa ngoMvulo, kwezinye ngoLwesibini, ngoLwesithathu okanye ngoLwesine. "Oko kuthetha ukuba ndiphuma kane ngeveki ukuya kufuna izinto endingazichola enkunkumeni ndizithengise," utshilo.
"Maxa wambi ndiyayifumana i-R30 ndize ndizithengele ubisi nebhanana athe ugqirha mandizitye."
Yonk' imihla uhamba umgama we-10km esuka eKagiso ukuze ayofika ingekakhutshwa inkunkuma ukuze ithathwe ziilori zakwamasipala.
Ngemini iBONA ebincokola naye ubefumene iibhotile zebhiya ezonele iikesi ezimbini nazithengise nge-R25 kwivenkile yotywala!
"Ndiza kuzithengel' isepha yokuhlamba namhlanje," utshilo.
Kulo msebenzi usebenzisana noBoesman Mmega oneminyaka engama-65 nothi usalindele iziphumo zesicelo sakhe senkam-nkam. "Ukufuna izinto ezilahliweyo enkunkumeni kuyandinceda ndikwazi ukugxoth' ikati eziko," utsho.
UMmega uthe kubhetele ukuphila ngolu hlobo kunokuba.
UVusi Dlamini sele eyinkunkqele kulo msebenzi kwaye uthi wenza malunga ne-R150 ngemini. "Mna ndifuna iintsimbi ezindala kuphela. Njengokuba namhlanje ndilapha, ngomso ndiza kuba ndikweny' indawo," utshilo.
KUFUNEKA uzithengele ibhala kulo msebenzi ukuze uhambe lula. Kodwa u-Abram Ditsi onama-34 eminyaka nonesiphene emzimbeni usebenzisa inqwelo yasesuphamakethi.
"Ndiyayenza imali ephakathi kwe-R30 ne-R60 ngemini," utsho.
Isandla sakhe sasekunene sashunquka xa kwagqabhuka "okuthile" esayalula inkunkuma kwindawo elahlwa kuyo ngo-1988.
Ukuchola izinto ezilahliweyo kuncede no-Ohaletse Bakgethi wakwazi ukunxibisa umntwana wakhe nabatshana bakhe.
"Ndidla ngokufuman' iimpahla ezintle. Ndiyazihlamba ndizi-ayine baze banxibe bafudumale abantwana bam," utsho
NoSombi Ndlovu (35) owaswelekelwa ngumyeni emshiya nabantwana abathathu uziphilisa ngezinto azichola enkunkumeni.
Waya eGauteng esuka eVryheid eKZN kwaye akazange waphangela. Le kuphela kwendlela ayaziyo yokuziphilisa.
Akazibhaliselanga izibonelelo zikamasipala waseMogale City engaphantsi kwayo iMindalore.
Ngokwanani alo masipala, bangama-35 733 abantu ababhalisele izibonelelo zikamasipala, ukanti zingaphantsi kwama-7 000 ezivunyiweyo.
Uninzi lwabantu abangazenziyo ezi zicelo njengoMbulaleko babethwa kukungabi nazo ii-ID neempepha ezifunekayo, ukanti abanye abakholwa ukuba bangalufumana uncedo.
Oko kubangelwa nakukuba zili-10 000 izicelo zezi zibonelelo ezikhatyiweyo.
Ngoxa ukuqwalaselwa kwezicelo zezibonelelo kuhamba ngonyawo lonwabu kwaye zizininzi izicelo ezikhatywayo, abantu abaphila ngenkunkuma eMindalore (nakweziny' iindawo) baseza kuqhubeka nokuphila ngolu hlobo. [x]
UVusi Dlamini uyenye yeenkunkqele kweli shishini. Wenza malunga ne-R150 ngemini: "Mna ndichola iintsimbi ezindala kuphela."
BONA XHOSA September 2008
U-Isaac Mokoena uqokelela iibhotile zebhiya azithengisa nge-50c inye.
