XHOSA.2284.townshp
Ukulwa ulwaphulo-mthetho - ngendlela yaselokishini
Ukuzibandakanya koluntu kwidabi lokulwa ulwaphulo-mthetho kuzigxothile izaphuli-mthetho, atsho ancipha namanani olwaphulo-mthetho.
Kubhale uForce Khashane noSteve Makhanya
BONA XHOSA June 2008
ULWAPHULO-MTHETHO 1
USAKHUMBULA xa
i-Alexandra Township
yayibizwa nge-"Dark City"? Kaloku yayingabizwa kanjalo kuba ingenazibani ezitratweni nje kuphela. I-Alex, iSebokeng nemimandla ethile yaseSoweto enjenge-Orlando neNaledi yayizezona ndawo ziyingozi eMzantsi Afrika.
Apha ulwaphulo-mthetho oluhamba nobundlobongela lwalugquba okwengada emzini ongenazinja.
Ingaba izinto zitshintshile ngoku?
Impendulo yalo mbuzo ngu-"Hayi!" omkhulu xa sijonga izihloko neengxelo zophango, ukubulawa kwabantu nokonakaliswa kwempahla emaphepha-ndabeni.
Qho xa uvul' iTV okanye ireyido uva iindaba zomntu obulewe ngokungenalusini.
Ilizwe lethu lilijaja ligazi labantu kodwa ke imeko ayixhomisi mehlo ngokwendlela evakala ngayo!
Uya kumangaliswa xa ungagqibeli ngokumamela ezo ndaba ubuze izimvo zabantu. Uya kuva ukuba ulwaphulo-mthetho luyancipha nakwiindawo ebezikade zingummandla kafayayo.
Amanani akhutshwe ngurhulumente kutshanje abonisa ukuba zinciphile iziganeko zolwaphulo-mthetho e-Alexandra naseSebokeng.
Singafunda ke kwezi lokishi ukuba kukuzibandakanya koluntu nedabi lokulwa ulwaphulo-mthetho olwenze izaphuli-mthetho zaphelelwa ngamahlathi.
Le yimfihlelo yempumelelo yabo ngokutsho kukaTeddy Martin, ongusihlalo weGreater Orlando Community Policing Forum (CPF), umphathi-sititshi samapolisa sase-Orlando, uNgoako Mashao noCaptain M.H. Mbhense.
"I-Orlando yaphala phambili eGauteng ekutshayeleni izikrelemnqa ezaziphatha imipu neemela ezitratweni, kodwa yiSebokeng eyaphumelela kuqala kwelo dabi," utshilo uMartin.
Ngokutsho kukaChomane Chomane weLesedi FM, neNaledi iyaliphumelela idabi lokulwa nolwaphulo-mthetho.
"Ulwaphulo-mthetho luhle nge-80% kummandla wethu," utshilo lo msasazi waba negalelo elikhulu ekusekweni kweCPF nokwathe impumelelo yeli dabi ibangelwe yintsebenziswano noluntu.
INGABA yintoni le itshintshileyo kule minyaka ili-14 yenkululeko eyenze "zakhuseleka" iindawo ezinjenge-Alex, i-Orlando neSebokeng?
Ukuphathwa gadala kwabantu yimithetho yocalulo kuko okwenza bamanyana ngakumbi. Njengokuba lwaphelayo ucalulo lweentlanga, ubuntu bubuyile kwaye kuko okumanye abantu ekulweni nolwaphulo-mthetho.
"Andizange ndacinga ukuba ngeny' imini ndiya kuze ndiphangele kwisikhululo samapolisa. Kaloku sasizicaphukela izikhululo zamapolisa, kodwa ngoku ndine-ofisi kwesinye sazo," utshilo ehleka uTeddy Martin.
Njengoko esebenzela e-Orlando Police Station ufak' igxalaba ekwenziweni kwamacebo okwenza kubekho ukuthembana nentsebenziswano phakathi kwamapolisa eSAPS noluntu.
Balwa njani ke nolwaphulo-mthetho?
UMartin uthe: "Siyekile ngoku ukunyanzelisa imithetho yamapolisa eluntwini. Ngoku sihlala phantsi noluntu sicwangcise yaye sisebenzisane. "Siba neentlanganiso rhoqo ngenyanga ukuze sive izikhalazo zoluntu, sixoxe nangeendlela esingaqinisa ngazo apho sisilela khona, sizame nokulungisa iimpazamo zethu. Abahlali basezilokishini bazinikele ekulusiphuleni neengcambu ulwaphulo-mthetho.
"Sinamadoda namabhinqa azinikeleyo ukuba aza kuvuka ngentsimbi yesithathu kusasa azula-zule ezitratweni, akhaphe abasebenzi ukuya kwiirenki zeeteksi nezeebhasi nakwizikhululo zikaloliwe. Abahlawulwa ngaloo nto, balwa nolwaphulo-mthetho simahla."
Aba bantu banikwa uqeqesho olulodwa kwaye bayakwazi ukubamba umrhanelwa bamse emapolisa akufutshane.
Noluntu alusonganga izandla lonwabele ukhuseleko olulunikwa ngaba bantu.
Banikela nge-R10 umzi ukuze kuthengelwe ukutya neziselo abantu abenza lo msebenzi.
"Intsebenziswano yoluntu yenze sazazi zonke iikona ezizimela kuzo izikrelemnqa," utshilo uMartin.
Kungoku nje sekuyinto enqabileyo ukuva kusithiwa kuxhwilwe imoto e-Orlando. "Izikrelemnqa azisenandawo zithengisa kuzo ezo moto kuba sivale iindawo ezininzi ebezithengisa iintsimbi zeemoto.
"Abantu bakruqukile lulwaphulo-mthetho olunobundlobongela kwaye bafun' ukuncedisa ekulutshayeleni kwiindawo abahlala kuzo. Izaphuli-mthetho ngoku azisenandawo ezilokishini."
Uphinde wayibethelela into yokuba impumelelo yabo ibangelwa yintsebenziswano yoluntu nokuselwa kwamaqumrhu oluntu okulwa ulwaphulo-mthetho asebenzisana namapolisa.
NGOKUTSHO kukaCaptain Mbhense olona lwaphulo-mthetho luyinkathazo ngoku ludushe lwasekhaya nodlwengulo. Ubuhlwempu buba negalelo kudlwengulo kuba maxa wambi amaxhoba athenjiswa imali zizidlwengu abazaziyo, aze loo matyala angaxelwa emapoliseni.
UPortia Tshepe ongumphathi weDonaldson Community Centre (DOCC) e-Orlando uthi kunqabile ukuva ngeziganeko zolwaphulo-mthetho kule lokishi.
"Kaloku apha bekunzima nokunxiba amacici nezihombo zexabiso kuba ziza kuphangwa, ukanti ukuxhwilwa kweemoto bekuyinto yamihla le. Ngoku sezinqabile iziganeko ezinjalo," utsho uPortia.
"Iinkqubo esizenzayo siyiDOCC zokufundisa abantu zenza ulutsha lube neqhayiya ngokuhlala kwiindawo ezinenzolo nezinenkqubela kuluntu olumanyeneyo."
Kusenjalo, amahlumela-dolophu amatsha akufutshane neelokishi ezindala okanye kufutshane nemimandla yamatyotyombe ibazizisulu zezaphuli-mthetho.
"Kaloku izaphuli-mthetho ziyazenzela kwiindawo ezingenabo abantu abazula-zulayo bagade izitrato," utsho u-Oupa Thobejane oyinkumanda yeqela labagadi bezitrato eVosloorus eMpuma Randi.
Uthi kuqhekezwe imizi engama-30 kwisithuba esingaphantsi kwenyanga eVosloorus Extension 28 engummandla onemizi emitsha. Sabamba abarhanelwa abathandathu safumana neeTV ezili-14 ezazibiwe," utshilo. Ingaba amapolisa oluntu athabathel' umthetho ezandleni zawo? Bathi akunjalo ooMartin, uCommissioner Mashao noCaptain Mbhense.
"Asiyikhuthazi loo nto ezintlanganisweni esiba nazo noluntu," utsho uMashao. Ngoku abantu ababaleka ulwaphulo-mthetho ezilokishini bafun' ukubuyela.
"Ndagxothwa kukuqhekezelwa nokuxhwilwa kwebhegi zabantu, ndaya kuhlala eDiepkloof. Kodwa oko ndabuyayo andikakhathazwa bubundlobongela," utsho uMamokgethi Segoathle ongusomashishinikazi owafudukela eSunnyside ePitoli. [x]
UTeddy Martin ongusihlalo weGreater Orlando Community Policing Forum.
Ngeminyaka yocalulo lweentlanga uluntu lwalumanyene ekulweni nalo. Ngoku badibene kwakhona ukulwanolwaphulo-mthetho olunobungozi. Uluntu luthe gqi nohlobo olutsha "lokuzikhusela" ngokudibana lube ngamaqela agxotha izikrelemnqa ezitratweni esebenzisana namapolisa. Kweli phulo abathabathelanga umthetho ezandleni zabo. La madoda namabhinqa azinikeleyo ekulweni nolwaphulo-mthetho afanele abe ngumzekelo omhle kuthi sonke.
UMphathi-sititshi uNgoako Mashao, ekwinkqubo yokuya kwamapolisa eluntwini.
BONA XHOSA June 2008
Abantu abazula-zula ezitratweni besilwa ulwaphulo-mthetho banikwa ijakhethi, ibhlukhwe, ikepsi neebhutsi. Banikwa nethotshi, incwadana yokubhala ixesha, indawo nolwaphulo-mthetho olwenzekileyo xa bebamba umrhanelwa, banikwa no-ova ababiza ngawo amapolisa xa bezibona besengozini.
BONA XHOSA June 2008
INDLELA YOKUQALISA
Yiya kuva kwisikhululo samapolisa esikufutshane nawe ukuba sinayo na le mibutho (ukuze ungachith' ixesha useka into esele ikhona kakade). Xa sel' ikhona, cela iinombolo zabantu ongaqhagamshelana nabo ukuze ufake igxalaba.
Qalani ngokwenza iCommunity Safety Forum nize nilandelise ngeCPF nemibutho yokugadelana ningabamelwane, ngaloo ndlela niya kufumana inkxaso yomphathi wamapolisa eSAPS wengingqi yenu neSebe lezeKhaya namany' amasebe karhulumente. UMphathiswa uNqakula wathembisa nokuba iza kubakho imali yokwakha ii-ofisi nokujongana neziny' iindleko zeeCommunity Safety Forum. Buza ngaloo nto, ulwele nokuba ibekho imali yezo zinto xa ingekho.
Lumkelani ukufaka abantu abafanelekileyo kwizikhundla ezibafaneleyo. Sebenzisani izakhono abanazo abantu endaweni yokuba niqeqeshe abantu abangenazo ezo zakhono. Xa nifuna ipolisa eniza kusebenzisana nalo, fumanani elisesikhundleni esiphezulu nelizimiseleyo ukusebenzisana nani.
Nakuqala ukusebenza ningatyhafi. Kaloku abantu bayazimisela xa usaqala umsebenzi, baze baphelelwe ngumdla xa benganconywa ngomsebenzi abawenzayo.
Xa ungafumani ntsebenziswano kwisikhululo samapolisa esikufutshane nawe - qhagamshelana neSebe loKhuseleko noNxibelelwano loLuntu eliya kukunceda.
Bhalela abaphathi benkonzo yamapolisa eSAPS, uye kupapasha nengxaki yakho kumajelo eendaba xa ungalufumani uncedo. Kweliny' icala, wancome amapolisa "akho" xa esenz' umsebenzi omhle.
AMACEBISO
Eseyinkwenkwana uTolbart Ngobese nabahlobo bakhe basesikolweni babephanga abantu ezitratweni zase-Orlando. "Sasibalinda kwizikhululo zikaloliwe abantu xa bebuy' emsebenzini, sibaphange imali yabo siyotheng' utywala necuba ngayo," utshilo.
Ngoku nguye ophambili ekulweni ulwaphulo-mthetho. "Ndabona ukuba alunambuyiselo ulwaphulo-mthetho emva kokugwetywa iminyaka
emininzi entolongweni nabahlobo bam." Njengoko ngoku engutata nosomashishini, "ulwazi" lwakhe uNgobese luyamnceda ekwazini amaqhinga ezikrelemnqa neendawo eziyingozi.
Nanga amacebiso awanik' abantu ukuze bangabi ngamaxhosa abaphangi:
Amabhinqa aphuma kade emsebenzini nahamba ngezithuthi zikawonke-wonke makabe nomntu owakhaphayo xa egoduka.
Ungahambi wedwa kwizitrato ezingenabantu okanye emaphandleni elokishi.
Xelela ummelwane omthembileyo xa ungazukubakho iintsuku eziliqela ekhaya.
Lumka ngakumbi xa ukhe wakrob' ebhekileni kuba ungalixhoba elilula kubaphambi.
NAKO LULWAPHULO-MTHETHO
Abazali abakhathazwa ngabantwana okanya abazukulwana abasoloko befun' imali bafanele babaxele emapoliseni. Kaloku nako oku kululwaphulo-mthetho kwaye kuxhaphakile ezilokishini nakweziny' iindawo.
AMAGAMA ABALULEKILEYO
Ukugadelana imizi ningabamelwane, ukuba namapolisa oluntu nemibutho yokhuseleko yoluntu ingasebenzisana ekulweni ulwaphulo-mthetho, iphinde ijonge yaye ikhuthaze amapolisa afanele akhusele abantu.
Ukugadelana imizi ningabamelwane:
Apha abamelwane bayavuma ukugadelana imizi kulwaphulo-mthetho.
Bayaqhagamshelana bodwa kunye namapolisa, abanye bazinikela ekuzula-zuleni izitrato ebusuku begade izaphuli-mthetho.
ICommunity Policing Forum:
I-CPF efanele ibekho kuzo zonke izikhululo zamapolisa yikomiti eyenziwe ngabahlali, amaqela eenkonzo, ulutsha, amaqela emidlalo, imibutho yoonoteksi, ooceba noosomashishini namagosa aphezulu esikhululo samapolisa, kwindawo esisebenza kuyo isikhululo samapolisa.
I-CPF idla ngokumela bonke abamelwane abagadelanayo imizi kuloo mmandla.
ICommunity Safety Forum:
Yona ijongana nomnmandla othe kratya ngobukhulu kuneCPF - yona ingasebenza kummandla onezikhululo zamapolisa ezihlanu okanye ezithandathu - kwaye yona ayigqibeli nje ngokulwa nolwaphulo-mthetho.
NgoMeyi wanyakente uCharles Nqakula onguMphathiswa woKhuselo noKhuseleko wathi le mibutho iza kuba namandla athe kratya kunemibutho yokugadelana kwabamelwane neeCPF.
Ii-CSF zona ziza kusebenzisana namany' amasebe karhulumente afana neleMicimbi yeKhaya ekubambeni abantu abangena kweli ngokukho mthethweni, ziphinde zincede iSebe loLuleko ekubuyiseleni amabanjwa aphuma entolongweni eluntwini, zincede neSebe loBulungisa ukuqinisekisa ukuba abantu bayawazi amalungelo abo.
- GAVIN FOSTER
UMamokgethi Segoathle ungomnye wabantu owabuyela kumahlomela-dolophu "akhuselekileyo".
BONA XHOSA June 2008
