xhosa.2279.teens
ULUTSHA luyaziwa ngokungakwazi ukuzilawula iimvakalelo zalo - ulutsha luhlaselwa kakhulu ngumsindo.
Ukuba nomsindo ndikufanisa nqwa nokunxila. Niyazi kaloku ukuba xa unxilile awukwazi ukuzibamba. Kufana naxa unomsindo kakhulu awukwazi ukuwulawula koko nguwo okulawulayo.
Zininzi izinto ezikucaphukisayo, iititshala nabazali, izifundo, abafundi ofunda nabo abakuqhulayo, isithandwa sakho esikutyhola ngento ongayenzanga, okanye isithandwa sakho esikulindisayo sisakugqiba singafiki...
Ziba ninzi izinto ezikucaphukisayo de kufikelele apho udikwa khona uze ukhuphe umsindo wakho.
Ucatshukiswa yinto encinci uze ungcangcazele ngumsindo xa sele ukule meko. Umsindo wakho uwukhuphela emntwini ongenzanganto.
Esi sesinye sezizathu ezenza kubaluleke ukuba sizifundise ukulawula umsindo wethu. Amaxesha amaninzi umsindo wethu uxakanisa abantu abangenzanganto.
Masikhumbule kwakhona ukuba umsindo unomsebenzi wawo. Wenza iinguqu ekubetheni kweentliziyo zethu, kuxinzelelo lwegazi kwaye "uyasivuselela" ukuze sikwazi ukuzikhusela xa sihlaselwa.
Zikho izinto ezisenza sizive sicaphuka kodwa siphila kwamanye amaxesha ngoku kwaye akufuneki sicinge ukuba zonke izinto ezisoyikisayo ziza kusihlasela size sibe nomsindo. Imizimba yethu ke yona ayizazi zonke ezi zinto koko yona yenza umsebenzi wayo.
Ukukhupha umsindo
Imithetho yasekuhlaleni nembeko esiyinika abanye abantu ayisivumeli ukuba sikhuphele umsindo wethu kuye nabani na okanye nantoni na esicaphukisayo. Kodwa ngamanye amaxesha siyoyisakala ukuzibamba xa sinomsindo.
Kuyafuneka siwukhuphe umsindo esinawo ngamanye amaxesha kuba akulunganga ukuwugcina ngaphakathi kuthi de kucace ukuba siza kugqabhuka.
Zintathu iindlela zokukhupha umsindo. Eyokuqala, siyacaphuka sithethe phandle sibe nengcwangu. Ayilunganga loo nto mlisela nomthinjana wakuthi.
Abanye abantu bayathula xa benomsindo bangawukhuphi. Loo nto iyabanceda bangangeni engxakini kodwa akulunganga ukusoloko uthula qho xa unomsindo.
Xa uthula unomsindo ungawukhuphi uba neengxaki zempilo eziquka ihayi-hayi nodandatheko, ngokutsho kwengcali yengqondo.
Okwesithathu ungawukhupha umsindo wakho ngengqiqo ungawukhuphi ngengcwangu.
Wukhuphe ngengqiqo
"Kufuneka uqale ufunde ukwenza iimfuno zakho zikucacele kwanokuba ungazifeza njani na kodwa ungaxakanisi abanye abantu," utsho uGqr. Charles Spielberger, oyingcali yengqondo ejongene nomsindo.
Uqhuba athi, "Ukuvakalis' umsindo wakho ngengqiqo akuthethi kuthi kufuneka unyanzelise izinto koko kufuneka uzihloniphe wena nabanye abantu ngokunjalo."
Kulula ukuyibeka ngolu hlobo kodwa ukuyenza kunzima! Ungoyiki wena - kaloku umsindo uyalawulwa.
Xa ufuna ukukhupha umsindo okanye ukumelana nawo ngendlela eyiyo kufuneka uqale uzole. Xa uziva ucaphuka khawulinge ukwenza ezi zinto zilandelayo...
YIHLA! Akufuneki ukuba xa unomsindo uxambulisane nomnye umntu onomsindo. Yihla! Phefumla kakhulu. Mshiye loo mntu. Nkqu nokuba akunguwe othetha kakhulu, mshiye ukuthintela ukuxambulisana okungenasiphelo.
PHOLA! Bala uye ku-10 (okanye ku-100), okanye biza igama eliza kukunceda uthothise umsindo uliphinda-phinde njengelithi "phola" okanye uthi "ungangxami" uze ulawule indlela ophefumla ngayo nomzimba wakho.
Ingaba uwabumbile amanqindi namagxa akho uwanyusile" Ingaba unyakamile kwaye uyangcangcazela ngumsindo" Zinyanzele ukuba uphole.
CINGA! Xa sele ukwazi ukulawula indlela ophefumla ngayo kwaye uziva upholile, hlalutya imeko kwakhona. Kaloku uyihlalutyile okokuqala imeko yaza yakucaphukisa. Uzive usoyika ekuqaleni waza waqalisa ukuba nengcwangu.
Zijonge ngelinye iliso izinto ke ngoku. Ziphulaphule wena uze umphulaphule nomntu othetha naye. Cinga ngaphambi kokuphendula.
Kuyenzeka kuthi kanti into enixambulisana ngayo ayinanto yakwenza nomsindo eninawo ngelo xesha, ngokutsho kukaGqr. Spielberger.
Ingaba ngenene ucatshukiswa kukuba isithandwa sakho sifuna ukubukela iTV okanye intsusa kukuba sikuxokisile sathi sizikhuphe nabahlobo kwabe kungenjalo"
PHULAPHULA! Xa inguwe ohlaselwayo okanye ogxekwayo uyazithethelela kodwa ungabi nomsindo. Omawukwenze wena kukuphulaphula isizathu esimenza akutyhole okanye akugxeke, mhlawumbi ubona ngathi awumkhathalelanga okanye ubhidwe yindlela owenza ngayo izinto. Zama ukufumanisa ukuba kutheni ethetha nawe ngolu hlobo.
Kunzima ukwenza le nto kodwa kubalulekile ukuba uyenze. Ukuthatha izinto ngomsindo uze waphule kwanto ephambi kwakho, akusokuze kuzisombulule iingxaki. Umsindo wakho uza kukhula nangakumbi nto leyo iza kwenza ukuba ungonwabi nabantu abahlala nawe bangonwabi ngenxa yakho.
TSHINTSHA! Kufuneka uyitshintshe indlela ocinga ngayo ukuze ungabi nomsindo ongalawulekiyo.
Yazi into yokokuba wonke umntu uyema kwimigca emide okanye alibaziseke endleleni ngenxa yomthamo weemoto. Musa ukucinga ngathi yinto eyenzeka kuwe le ukuze ungabi nomsindo.
Zikhumbuze ukuba umsindo awulungisi nto koko wonakalisa izinto nangakumbi," utsho uGqr. Jerry Deffenbacher oyingcali yengqondo ejongene nokulawula umsindo.
"Abantu abanomsindo banyanzelisa ukuba uvumelane nabo ngenkani, ubancome ngenkani kwaye bafuna izinto zenziwe ngendlela yabo. Sonke siyafuna ukunconywa nokuba kuvunyelwane nathi kwaye siyaphoxeka xa kungenzeki ngolo hlobo kodwa abantu abanengcwangu bona bayazinyanzelisa baze bathi zisakungenzeki babe nomsindo nangakumbi."
UGqr. Deffenbacher uthi abanye abantu basebenzisa umsindo xa bephepha ukuxakaniseka kodwa akupheli ukuxakaniseka noxa kunjalo.
Xa utshintsha indlela ocinga ngayo ufunda ukuthi "Ndinqwenela" endaweni yokuthi "Ndifuna."
LUNGISA! Maxa wambi sicatshukiswa ziingxaki zobomi esijongene nazo. Ngamanye amaxesha sicaphuka kuba sifanele ngenxa yeenzingo zomhlaba. Sikholelwa ekubeni nayiphi na ingxaki inesisombululo ngoko kuyacaphukisa ukufumanisa ukuba maxa wambi asifumaneki isisombululo.
Enye ingcali yogqirha icebisa ngelithi akufuneki ujonge isisombululo kuphela xa unengxaki koko jonga indlela oza kumelana ngayo nengxaki yakho.
Umzekelo: ubona ngathi ititshala ayikuthandi. Le yingxaki ongasokuze "uyisombulule" ngoko qinisekisa ukuba umelana nayo ngokwenza umsebenzi wakho wesikolo kakuhle uze ungahluphi esikolweni.
Khumbula...
... umsindo awubalekwa kwaye nkqu nokuba uzama kangakanani ukuwubaleka, zikho izinto eziza kwenzeka ezikucaphukisayo.
Apha ebomini sihlangabezana neentlungu, siyalahlekelwa, siyabhideka kwaye siphila nabantu abenza izinto ezingalindelekanga. Zizinto ongenakuzitshintsha ezi kodwa into ongayitshintsha yindlela ovumela ukuba zikuchaphazele ngayo ezi zinto.
Ukulawula umsindo wakho kuyakunceda kuthintele ukungonwabi okubangelwa kukuba nomsindo ongalawulekiyo. [x]
Umsindo yinto ebafikelayo abantu abaqhelekileyo kodwa wenza iingxaki xa sele ungalawuleki kwaye usonakalisa izinto
Izoluleko zikaFat Charlie
Ukulawula umsindo
u
t
Abany' abantu baphepha ukuxakaniseka ngokucaphuka
Lumka!
Abanye abantu bathi xa ucaphuka, wukhuphe ngendlela owukhupha ngayo umsindo wakho kuba xa uwugcina ngaphakathi kuwe uyingozi empilweni yakho.
Iingcali zengqondo zona zithi bubuxoki obuyingozi obu. Abanye abantu basebenzisa obu buxoki xa bexakanisa abanye ngelithi: "Kulungile ukuwukhupha umsindo onawo ngoko ke ndiza kuyitsho le nto ndifuna ukuyitsho ngawe nokuba iza kuxakanisa kangakanani na!"
Uphando lufumanise ukuba ukukhupha umsindo konakalis' izinto, akuyisombululi ingxaki kwaye akukuncedi nganto (naloo mntu omcaphukeleyo).
