xhosa.2271.angel
BONA - August 2007
NGASENTLA: U-Elizabeth Rapuleng uthi uyabathanda kakhulu abantwana.
EKUNENE: U-Elizabeth (ophakathi) nabanye babantwana abaziinkedama, nomncedisi uHillary Mlondobozi.
UKUFA kwabantu ngenxa kagawulayo ezilokishini kwamkhathaza uElizabeth Rapuleng waza wathath' intshukumo. Ngoku unceda iinkedama zesifo sikagawulayo eSoweto naseMuhlava Headkraal, ekuyilali ekumzantsi-mpuma weTzaneen.
Uneziko eligcina iinkedama elibizwa ngokuba yiSizanani eMeadowlands kwanelinye elibizwa ngePfunano-Thusano eliseMuhlava. Amagama ala maziko athetha ukuthi "Masincedane."
La maziko anceda iinkedama ezithelekelelwa kwi-1 000 ngokuzinika ukutya okushushu, iiyunifom zesikolo, ukuzifundisa ikhompyutha, ziphiw' izinto zokudlala, amayeza, kukhathalelwe amalungu eentsapho zazo agulayo.
"Ndiyabathanda abantwana," litsho eli bhinqa elalisakuba yititshalakazi.
Wazalelwa eOrlando East eSoweto ngo-1949 waza wafunda eThaba-Nchu eFree State. Watshata waza wayohlala eBloemfontein.
Waqhawula umtshato ngo-1976 waza wabuyela eSoweto wafika watitsha kwisikolo samantombazana iminyaka engama-20.
Wawuyeka umsebenzi ngo-1996 waqeqeshelwa ukunceda abantu abangakwaziyo ukuzikhathalela waza kamva wasungula iSizanani.
"Ukubona abantu abaninzi bebulawa ngugawulayo ezilokishini kwakhokelela ekubeni ndisungule eli ziko.
"Ndaqala ngokuphekela abantu abagulayo ndize ndibasele ukutya emakhayeni abo. Babengakugqibi kuba bekugcinela abantwana babo," utsho uRapuleng.
URapuleng wasungula iphulo lokuphekela iinkedama ezili-10 isuphu kodwa kwacaca ukuba baninzi kakhulu abantwana abalambileyo.
ISizanani inabantu abancedisayo abangama-54 abanika ukutya nenkxaso kwiinkedama zesifo sikagawulayo ezingama-620.
Iphulo lakhe liwongwe liSebe loPhuhliso lweNtlalontle ngeBest Practice Model.
Lifumana inkxaso-mali kwiHolland Foundation, iNational Port Authority Of South Africa, uWoolworths, iWorldvision, iSave Africa Children neminye imibutho enikela ngemali.
Ngo-2004 uRapuleng wayetyelele izalamane zakhe kwilali ekufuphi naseTzaneen. "Kwakukho abantwana abathathu ababeziinkedama kwammelwane kwaye ndaqonda ukuba kufanele ndibancede," utsho.
Wafumanisa ukuba zininzi iinkedama ezazifuna uncedo.
Umasipala waseTzaneen unenani eliphezulu labantu abanogawulayo eLimpopo. Bamalunga nama-30 ekhulwini abantu abadala abanentsholongwane kagawulayo.
"Ndathetha nenkosi yelali malunga nokunceda iinkedama ezikule lali yaza yandincedisa yandifumanela amabhinqa amahlanu nendoda enye abaza kundincedisa," utsho uRapuleng.
Ngoku iPfunano-Thusano inamavolontiya ali-11 ahambisela abantwana bezikolo ezine ukutya. Eli phulo linceda abantwana abaziinkedama abangama-365.
Eli phulo lixhaswa ngemali nguRapuleng nenkosi uHosi Mpumulana Muhlava.
"Maxa wambi sibapha isidudu kuphela," utsho uRapuleng.
NgoAprili walo nyaka abantwana abasi-8 baseSizanani naba-6 basePfunano Thusano bathathe inxaxheba kwiprojekthi yeZizwe eZimanyeneyo. Umntwana ngamnye wanikwa ikhamera wayalelwa ukuba isetyenziswa njani waza wayalelwa ukuba afote ihlabathi ngendlela alibona ngayo.
Kwathiwa mabaphendule le mibuzo emine: Yintoni ekonwabisayo" Yintoni ekudakumbisayo" Unqwenela ntoni" Yintoni ofuna abantu bayazi ngobomi bakho"
Umntwana oneminyaka eli-14 wathi, "Andinabazali... Andinayo indawo yokulala efanelekileyo. Ndinqwenela ukuba urhulumemte andakhele indlu."
Amazwi aba bantwana neefoto zabo zishicilelwe kwincwadi ethi, Our World: AIDS And Childhood In Southern Africa.
"Le ncwadi inika aba bantwana ithuba lokusizobela umfanekiso ngqondweni wendlela abalibona ngayo ihlabathi," utsho uRapuleng.
Isifo sikagawulayo sele sibulale abantu izigidi ezingama-25 kwaye zizigidi ezingama-40 eziphila nentsholongwane kagawulayo. Bangaphaya kwezigidi ezili-15 abantwana abaswelekelwe ngumzali okanye bobabini abazali ngenxa yesi sifo kwaye eli nani liyakhula.
Kuthelekelelwa ukuba eli nani liza kukhula de kube ngu-2020 no-2030.
"Ndiyathemba ukuba ndenza igalelo elivakalayo kumlo nesifo sikagawulayo," kutsho uRapuleng.[x] NewsFirst.
Waqonda uElizabeth ukuba kufanele enze intshukumo xa wayesithi xa ehambisela abantu abagulayo ukutya bangakutyi kuba begcinela abantwana babo abalambileyo...
Ibhinqa elinceda iinkedama
Uhlangula abantwana
kubhale kwafota uNEVILLE MAAKANA/NEWSFIRST
BONA XHOSA - September 2007
u
iingxaki zomthetho
Thumel' ingxaki yakho yomthetho kule dilesi BONA Legally Yours, Box 32083, Mobeni 4060 - uya kufumana ithuba lokuxoxa negqwetha imizuzu engama-30 kwii-ofisi zalo naphi na kweli okanye uthethe nalo ngomnxeba.
INGXAKI: Umntu osiphetheyo kwifektri endiphangela kuyo uyacaphuka xa sisiya ngasese ngexesha lomsebenzi. Ndakhulelwa ndaza ndayinto ebeth' ibuyelela ngasese, wandilumkisa ngelithi uza kundigxotha xa ndingayi ngasese phambi okanye emva kwexesha lomsebenzi okanye ngelantshi.
Ndazama ukulandel' umthetho wakhe kodwa kwabanzima.
Ndabizelwa etyaleni lokolulekwa kodwa ndamangaliswa kukufumanisa ukuba lichotshelwe ngulo mntu usiphetheyo. Wandigxotha kodwa ndicinga ukuba kwakungafanelekanga ukuba ityala lam lichotshelwe nguye. Andizange ndinikwe thuba lakuchaza kwaye azange abhale kwanto phantsi"
ICEBISO LABAKWASCORPION:
NgokweLabour Relations Act abasebenzi abavumelekanga ukuba bamelwe ligqwetha etyaleni lokolulekwa. Kodwa ethubeni lo mthetho ungqingqwa utshintshile zaza iiNkundla Zabasebenzi zamisel' umthetho wokuba abaqeshi nabaqeshwa banelungelo lokumelwa ngomnye umqeshwa, igosa lombutho wabasebenzi okanye igqwetha. Loo nto incede yenza la matyala anobulungiswa kubaqeshwa.
Ingxaki iseyileyo yokuba ngubani omakachophele la matyala.
Abaqeshi abaninzi bonyula omnye umqeshwa ukuba achophele eli tyala noxa iCCMA neeNkundla Zabasebenzi zingoneliseki yile nkqubo.
I-CCMA igunyazise ukubuyiselwa kwabaqeshwa abaninzi ngenxa yokuba amatyala abo ayechotshelwe ngabanye abaqeshwa nababagxotha kuba becenge ukungaphelelwa ngumsebenzi.
Lowo ochophele ityala kufuneka amamele ubungqina kwaye abize namangqina. Kufuneka ayazi inkqubo yoluleko yenkampani, ayazi ukuba ityala loluleko liqhutywa njani kwaye azi kushicilelwa njani okutshiwo etyaleni .
Kubalulekile ukuba abe nolwazi lwePromotion Of Administrative Justice Act 3 ka-2003.
Iinkcukacha osinike zona zibonisa ukuba awuzange ulinikwe ilungelo lakho lokuzithethelela etyaleni lakho loluleko. Sikucebisa ukuba uye kwi-ofisi ekufuphi nawe yaseCCMA ngokukhawuleza kwaye apho uza kuncediswa uzalise iifom eziyimfuneko zokufaka isikhalazo esisemthethweni ngendlela ogxothwe ngayo ngumqeshi
wakho. [x]
ABAFOTIWEYO BAYABONISA NJE
BONA XHOSA - September 2007
Ugxothwe ngokungafanelekanga"
Sizamile ukuqinisekisa ukuba ufumana iingcebiso ezizizo. Kodwa ke ityala netyala lifuna ukuphandisiswa kwaye abeScorpion Legal Protection (Pty) Ltd, igqiza labacebisi neBONA nabashicileli bayo abanakubekwa tyala ngelahleko engafunyanwa ngumntu osebenzise iingcebiso zalo mhlathi.
Niziphathelwe yiBONA nabeScorpion Legal Protection
t
Masincedaneni
