xhosa.2256.hair
yiba
NEENWELE EZINTLE
kobu busika
UBUSIKA bunemo-zulu ezonakalisayo iinwele zakho ngoko ke zikhusele uzondle kangangoko ukuze zihlale zisempilweni yaye zikhazimla.
Ungazixelela ukuba iinwele zakho ziphatheke kakuhle ziirileksa, iidayi, kukuzilungisa ngezixhobo ezishushu nangeemveliso ezifana neholding spray kuba iinwele zakho zomile kwaye ziqinile ngendalo, kanti ezi zinto zohlutha oko kufuma kuncinane ezinako.
Musa ukusebenzisa ishampu engenzelwanga uhlobo lweenwele zakho!
Thetha nengcaphephe eyenza iinwele zakho ikucebise ngendlela omawuzinonophele ngayo iinwele zakho ngokwamaxesha onyaka.
Kodwa ke okwangoku, nazi iingcebiso ezingakunceda kwimo-zulu yengqele.
EZIBREYIDIWEYO
Esi stayile sesinye seendlela ezilungele ukugcina iinwele ebusika kuba azidibani nobushushu. Qiniseka ukuba wenziwa ngumntu oyaziyo into ayenzayo ongazukukutsala kakhulu kuba oku kungabuhlungu kuqhawule neenwele zakho.
Into abantu abaye bayikhalazele ngeebreyidi yintlonze eyomileyo erhawuzelayo nenkwethu. Zama ukuzihlamba iibreyidi zakho kanye kwiiveki ezimbini ngeKera Care Dry & Itchy Moisturizing Shampoo and Conditioner ukuze ungabi nale ngxaki.
Wakugqiba ukuyihlambisisa intloko, thambisa i-Optimum Care Oil Therapy Dry Hair Healer ukufumisa intlonze neenwele zakho.
Ungathambisa iDark And Lovely Braids Spray rhoqo kuba inee-oyile zendalo ezifumisa zithomalalise intlonze.
IINGCEBISO
Ukuze iinwele zakho zibentle ixesha elide, thwala iqhiya yesilika xa ulala.
Musa ukuhlala neebreyidi ixesha elingaphezulu kweeveki ezi-6 ukuya kwezisi-8 - akuyompilo leyo.
IINWELE ZENDALO
Ukuba awurileksi futhi awudayi, sikucebisa ukuba uzihlambe ngeDark And Lovely Moisture Seal 3-in-1 Conditioning Shampoo, neKera Care Detangling Conditioner. Zombini ziya kugcina iinwele zakho zithambile kwaye zilawuleka.
IINGCEBISO
Eny' indlela yokwenza iinwele ezimanzi zikameke lula kukuzitshiza ngeleave-in conditioner emva kokuhlambisisa iconditioner eqhelekileyo.
Mhlawumbi ufuna ukuzifrerha amancanca de zome. Ukuba kunjalo, qiniseka ukuba uthambisa iinwele nentlonze ngeDark And Lovely Rich And Natural Hairdress okanye iKera Care Essential Oils, ukuze zoluleke kwaye zifume xa sele uzikhulula. Iinwele zakho ziza kukameka lula ungasebenzisanga ubushushu.
Ukwenza iikhondro ezinweleni zakho ebusika kuyabukeka, kwaye akusokolisi, kwaye nazo zikhathalelwa ngokufanayo neebreyidi.
EZIRILEKSIWEYO
Ukuba iinwele zakho zirileksiwe, zifuna unonophelo, ingakumbi ukuba kukho ithuba apho uke wasebenzisa ubushushu kuzo.
Sebenzisa ishampu elungileyo, njengeKera Care Hydrating Detangling Shampoo, kanye ngeveki. Emva koko sebenzisa iKera Care Humecto Crème Conditioner, okanye iDark And Lovely Deep Moisture-seal Conditioner, wenzele ukufuma.
Rhoqo emva kweeveki ezimbini, wakugqiba ukuzihlamba ngeshampu, sebenzisa iKera Care Essential Oils njengehot-oil treatment. Zegqume iinwele zakho ngomnqwazi weplastikhi, yiyeke i-oyile ixeshana, ube sele uyihlamba. Ziya kushiyeka zomemele kwaye zifumile.
IINGCEBISO
Ukuba awufuni kusebenzisa ubushushu, zisonge ngetawuli.
Phambi kokwenza oku, thambisa ileave-in conditioner efana neDark And Lovely Moisture-seal Leave-in Styling Mist. Zikame ngekama enkulu ukuze zingaqhawuki ngenxa yamaqhina.
Emva koko zikame ngencinci, ujikeleze intloko yonke, zithi nca. Thwala iqhiya yesilika ukuze zihlale zicwangcile de zome. Susa iqhiya, brasha iinwele zakho kuhle uzithambise kancinci.
Sebenzisa i-Optimum Care Oil Therapy 3-in-1 Crème Moisturiser ukuba awuzuzibopha. Zizakuthamba zikhazimle.[x]
BONA XHOSA June 2008
UNONOPHELO LWEENWELE
Nokuba yimimoya evuthuzayo, eyonisayo okanye ebandayo, iimvula, ubusika bungazonakalisa iinwele zakho - Ingcaphephe kwezobuhle uFAITH SUEOE uyakucebisa
INYANISO
Uphando olwenziwe ngabakwaSunsilk kutshanje lubonisa ukuba amabhinqa eli akonelisekanga ziinwele zabo.
Ama-31% aqhawukelwa
ziinwele
Ama-23% zomile, ziqinile ziqhawuka lula
Ama-48% banexhala leenwele eziwayo, bafuna ukukuzinqanda
Ama-31% akholelwa ekubeni iinwele ziqhawulwa yitreatment, ingakumbi irileksa ekwizinga eliphantsi
Ama-44% anentlonze ebu-thathaka, eye itshe lula okanye isoloko irhawuzela.
BONA XHOSA June 2008
