xhosa.2250.health
ezempilo
Amabhinqa ayazinceda
Amabhinqa agula kakhulu kunamadoda - kodwa iingcali zithi kungokuba amadoda awabuvakalisi ubuhlungu yaye akaluceli uncedo. Loo nto ibenza bufutshane ubomi bawo...
Iindlela ezi-4 zokulwa nokukhutywa
1 Hlafuna isonka esomileyo usiginye.
2Funxa umkhenkce ogutyiweyo.
3 Ginya itispuni yeswekile eyomileyo.
4 Bamb' umphefumlo.
Ungonga imali oyihlawula ejimini ngokuyeka ukusebenzisa izitebhisi nelifti" Xa unyuka ngezitebhisi ezizisethi ezintandathu ngemini de kuphele unyaka uhlis' umzimba nge-8kg.
INYANISO: Xa usuka ekukhanyeni amehlo akho athatha imizuzu engama-30 ukusa kwiyure ukuqhelana nobumnyama.
BONA XHOSA - July 2007
Iziqhamo ezimnandi
Sisiphi isiselo seziqhamo esinempilo kakhulu" Uphando olwenziwe eGlasgow University luveze ukuba yijusi yeediliya ezimsobo kuba ineepolyphenol antioxidants eziliqela ezilwa nokonzakala kweeseli zomzimba - kwaye ikunceda ekulweni nesifo sentliziyo nomhlaza.
Zigcine usempilweni ngamacebiso kaPatricia McCracken
Mabayekwe balale
Umntwana olala de kugqithe ixesha lesidlo sakusasa kufuneka angavuswa! Le yingxelo evela kuNjingalwazi Russell Foster waseOxford University.
Indlela esilala ngayo iyatshintsha ngokuya sikhula yaye imizimba yabantwana abakwishumi elivisayo leminyaka ibavumela ukuba balale ebusuku kakhulu - omnye kwi-10 ulala mva ngeeyure ezine kumntu onama-40 eminyaka ubudala.
I-US neGermany zilunike ingqalelo olu phando zaza zenza izikolo ukuba zingangeni kusasa kakhulu - zifumene umvuzo kuba iziphumo kwiimviwo zibe zihle, abafundi basihamba kakuhle isikolo nodandatheko luhlile.
Uwasela ngokwaneleyo"
...nditsho amanzi, ingakumbi xa uthandwa ukuphathwa yintloko - ukuphelelwa ngamanzi kuphathisa ngentloko ebuhlungu yaye ikuphatha kakhulu ebusika njengasehlotyeni.
Utywala, iziselo ezinecaffeine ezinjengeti, ikofu neziselo ezihlwa-hlwazayo zikwenza uphulukane namanzi ngoko kubalulekile ukuba uzisele ezaa glasi ezisi-8-10 zamanzi ngemini.
INYANISO: Umzimba wakho ukhupha ama-600 000 eemvuthuluka zolusu qho ngeyure.
Iimbotyi ziyanceda
Iimbotyi zineproteni eninzi namafutha amancinci kwaye ziyakunceda zikongele nemali xa uthenga zona endaweni yokunye ukutya okuneeproteni. Zinefibre enceda umzimba ugcine izondlo, ikholesteroli encinci egazini ize ilawule iswekile esegazini.[x]
BONA - August 2005
