xhosa.2247.circumcision
UMXHOSA
ongumlungu
KUMGAMA ongaphantsi kwe-40km ukusuka eMonti usiya eMthatha uhamba ngo-N2, kukho ummandla weengcungcu onemizi engaphantsi kwama-20 eminye yawo inexabiso elifikelela kwizigidi ezine zeerandi.
Lo mmandla uwazi amasiko amaXhosa ngenxa yabantu abaphangela nabacoca iiyadi zale mizi yeengcungcu.
Isiqingatha sayo isetyenziselwa ukuchitha iiholide ngabanini bayo abaphangela ngaphandle kweli phondo.
Ngoku lo mmandla waseKwelera unendoda yomXhosa enguMichael Fairley oneminyaka eli-17 ohlala nabazali bakhe, uDebbie noMalcolm.
IBONA incokole noMichael esandul' ukuphuma ebhomeni ahlale kulo iiveki ezintathu laza latshiswa emva koko ngokwesiko.
Ekuqaleni abazali bakhe babengayiginyi into yokwenza kwakhe isiko lamaXhosa lokwaluka. "Umama wahleka kwabuhlungu incum xa ndimxelela ukuba ndiya esuthwini," utsho uMichael.
Eny' into eyayibaxhalabisa lukhuseleko lwakhe. Ngokwengxelo yeSebe leMpilo lephondo ekhutshwe xa kanye uMichael ubesesebhomeni ithe bali-15 abafana abaphulukene nobomi babo emabhomeni asebusika eMpuma Koloni kulo nyaka.
Le ngxelo yakhutshwa sisithethi sephondo, uSizwe Kupelo, emva kokuba kusweleke amakhwenkwe amabini kumabhoma ohlukeneyo, kwaye uninzi lwawo lusweleka emabhomeni angekho mthethweni.
Kuloo ngxelo uKupelo wahambisa wathi angama-90 amakrwala anyangwa kwizibhedlele ezahlukeneyo zaseMpuma Koloni, ukanti amane kuwo asengozini yokushunqulwa ubudoda bawo.
Kodwa uFairleys waba nethamsanqa lokuba nekhankatha elinamava, u-Abongile Tywala.
UTywala obeqala ukuba nekrwala lomlungu uthi ubesebenzisana kakuhle noMichael. "Ubendimamela njengekhankatha kwaye ndiqinisekile uza kuba yindoda emadodeni."
UTywala uthe inkwenkwe yoluswa ngento ebukhali, kodwa akafunanga ukunaba ngento eyenzeka ebhomeni.
UMichael wazalelwa eFreyistata waza wafudukela eMonti emva kokuba unina etshate neny' indoda.Uthi ubesoloko ewathanda amasiko nezithethe zamaXhosa kwaye uluthetha ngokutyibilikayo nolu lwimi.
"Bandoma intsini abany' abafundi xa ndibaxelela ukuba ndiyokwaluka," utsho uMichael.
Lo mfana wakwazi ukucenga abazali bakhe de bavuma ukuba aye esuthwini. Xa wayephum' ebhomeni embethe ingubo, wahlangatyezwa ngamabhinqa ayesenza amayeyeye okwamkela ikrwala, phakathi kwawo kukho nonina owayezibambe ngeenkophe iinyembezi.
UMichael uthi naye wayesoyika kodwa wanyamezela kuba ekholelwa ekubeni sifanele siwazi amasiko nezithethe zeziny' iintlanga.
NgoJulayi walo nyaka, lo mntwana woMzantsi Afrika omtsha ubeyindoda ngokwesiko lesiXhosa! [x]
BONA XHOSA October 2008
UBOMI BENENE
Ibali lomfana womlungu owaya kokwaluka wabuya eyindoda yomXhosa... Libhalwe nguMAKATILEMEDIA, iifoto zezeDaily Dispatch
UMichael esesikolweni. "Bandoma intsini abafundi endifunda nabo xa ndibaxelela ukuba ndiyokwaluka," utsho.
Okwenziwa ebhomeni kuyindaba yakwamkhozi, kodwa uMichael uvunyelwe ukuba afotwe ukuze sazi ukuba wayeziva njani.
Nokuba luthini na uluvo lwakho ngokwenziwa nguMichael, ufanele uqonde ukuba akafani namany' amakhwenkwe abelungu.
BONA XHOSA October 2008
"Abantu mabaqonde ukuba amakrwala asweleka emabhomeni angekho mthethweni kuba kuwo izinto azenziwa ngendlela," utsho uSizwe Kupelo osisithethi seSebe leMpilo eMpuma Koloni.
Ukubola okwenziwa ngamanxeba abhidlileyo kuko okubulala amakrwala.
"Sikhathazekile kukwanda kwabazali abazama ukunyanga amakrwala aneengxaki zempilo emakhaya," utsho uKupelo.
"Kubalulekile ukuba abantu bacele uncedo esibhedlele kuba sinabo ubuchule nesakhono sokuwanyanga ngokupheleleyo amakrwala anengxaki. Mabangazibaleki izibhedlele!"
Abazali abafunyenwe besenza okunxamnye noMthetho woLwaluko lwesiNtu (iTraditional Circumcision Act) baya kudliwa i-R1 000 - okanye batsale iinyanga ezintandathu
entolongweni.
KUKHUSELEKILE
