xhosa.2240.cover
BONA XHOSA - April 2007
Ukudlala kwiBackstage akukhange kumkhusele uNokuthula Ledwaba kwiimbandezelo zobomi, ukudendwa emsebenzini nentlungu yokushiywa ngumzali
EKUNENE: "Baninzi abantu abadendwayo emsebenzini, kodwa ndililungele iqalo elitsha," utsho uNokuthula. (Ilokhwe: Truworths; izihombo: Piece.)
EKUGQIBELENI EKUNENE: "Andikabinaso isibindi sokutheng' imoto. Umhlobo wam osenyongweni wasweleka engozini yemoto ndinenyanga enye ndidlala kwiBackstage." (Itophu: Foxy; isihombo: Attitude.)
(Kwikhava: Ilokhwe: Morgan; isihombo: Piece.)
kubhale uPATRICIA McCRACKEN
kufote uPETER BAASCH
imake-up neenwele: nguFAITH SEUOE
umnxibisi nguMARINA WALSH
NKQU eseyimveku uNokuthula Ledwaba wayekulu-ngele ukulwa, nangona ngoko wayesilwa emfihlakalweni kuna-kwiBackstage... "Umam' omkhulu owandikhulisayo wayengumlweli wenkululeko yaye wayendibeleka aye nam ezintlanganisweni zomzabalazo. Ngeny' imini kwafika amapolisa azogqogqa kuloo ntlanganiso kodwa amabhinqa ayelapho athi yindibano yokuthandaza leyo.
"Ndavuka esekho loo mapolisa, ndaphakamis' inqindi ndathi, 'Amandla! Viva Mandela!' Emva koko ndaphinda ndalala!"
Ukufundiswa isimilo, uthando nokukhulela phantsi komzabalazo kumnike amandla okulwa nemiceli-mngeni yonyaka ophelileyo.
KUMABONAKUDE le ntwazana inama-23 eminyaka yaziwa ngokudlwengulwa kukaLulu edlala indawo yakhe kwiBackstage - nto leyo ibimoyikisa uNokuthula nasebomini bakhe bokwenene.
"Ndikhe ndoyika nabantu abangandaziyo abacela inombolo yefowuni yam. Bendikhe ndothuke ndilele kungathi kukho umntu omi phezu kwam."
Ngoku abantu baseMzantsi Afrika bayazi ukuba uNokuthula nabanye adlala nabo kwiBackstage baphelelwe ngumsebenzi. Kaloku ngoMeyi uyaphela lo mdlalo kodwa iziqendu zawo zokugqibela ziza kuboniswa de kube ngoJuni.
"Sothuka kakhulu sakuva ezo ndaba," utsho uNokuthula. Ngorhatya lwaloo mini bahamba nabanye abalinganiswa baya kucim' iintsizi ngeziselo.
Kodwa emva kweentsuku ezimbalwa uNokuthula ubeseyigqithisile loo nto.
"Sendiyamkele into yokuphela kweBackstage. Saze kunyaka ophelileyo ukuba izinto azihambi kakuhle kulo mdlalo. Seva nokuba ungase uvalwe ekuqaleni konyaka. Kubuhlungu kona ukuphela kwawo kodwa ubomi buza kuqhubeka.
"Ukudlala kuwo kundifundise lukhulu. Ndidlale kuwo ndingaqeqeshelwanga ukudlala kwiTV.
"Ndiyalibulela ithuba endilifumeneyo lokubonisa isiphiwo sam. Ndiyazi ukuba bendizimisele kwaye ndiseza kuzimisela nakomnye umsebenzi endiwufumanayo. Kufuneka nje ndenze iqalo elitsha."
X A ucinga ngoNokuthula esenza iqalo elitsha, ungambona efana noLulu nangona engafani naye ncam...
"Nam ndisoloko ndiphambili kwaye andivumi ngakuvunyiswa. Kodwa uLulu yena akafihli nto ukanti mna ndikhe ndiyombathise inyaniso ukuze noko iginyeke ebantwini."
UNokuthula uwafumana amandla nobulumko bokwenza oko ekubeni noomama ababini.
"Ndakhuliswa ngumama ongandizaliyo xa ndandinonyaka kodwa ndakhula ndiyazi loo nto kuba ndayixelelwa ndineminyaka emihlanu. Umam' omkhulu wandichazela ukuba ndinethamsanqa lokuba noomama ababini! Ngumam' omkhulu owayesenza izigqibo, aze umam' omncinci ongoyena undizalayo axhase ezo zigqibo.
"Kwakunzima xa ndandine-18 leminyaka yaye andinabhongo ngelo xesha. Andikholwa ukuba ezinye zezinto endandizifundiswa ziyinyaniso nokuba kwakufanele ndizenze!"
Nangona kunjalo yaba lithuba elihle kuba lamsondeza uNokuthula kunina omzalayo.
"Ndandihlala naye ngo-2001 xa ndandiqala ukuba ngumlinganiswa wemidlalo - kwaye elo thuba lasenza sangabahlobo."
K UTHE ethubeni uNokuthula nonina omzalayo bafunda isifundo esibuhlungu ngesifo esibhuqa izigidi eMzantsi Afrika.
"Umam' omncinci wandenza ndabona ukuba ngenene ikho iAIDS. Isube umphefumlo wakhe ngoNovemba wanyakenye.
"Kubuhlungu ukubona umntu egulela ukufa, aze abebhetele, aphinde agule kakhulu kwakhona. Esi sifo singumbulali sifanele siyazi loo nto.
"Abantu bayafundiswa ngaso kodwa bazibethisa ngoyaba ezo mfundiso. Kusenzima xa kusekho abantu abakholelwa ukuba iyaphela iHIV xa ulala nomntwana oneminyaka esixhenxe okanye nentombi nto. Cinga ngenani lamabhinqa adlwengulwayo nakhulelweyo eneHIV!
"IBrazil asilolizwe lityebileyo kodwa liyakwazi ukukhathalela abantu balo. Uninzi lwabantu beli abanayo imali yokuthenga iiARV ngoko kushiyeke enye inkedama eneenyanga ezisibhozo. Nomama wayekuluhlu olude lwabantu abalindele iiARV kodwa usweleke engekazifumani.
"Leyo yinyaniso eyenzeka mihla le kodwa akukho mntu uyihoyileyo - kwaye oko kundenza ndibe nomsindo. Sishiywa ngoomama, ootata neetitshala. Ngoobani ke abaza kukhulisa abantwana""
Kumam' omkhulu wakhe uNokuthula wafunda ukulwa. Mbukele ke elusebenzisa olo lwazi akuyeka ukudlala kwiBackstage, xa eza kuba ekhumbula unin' omncinci. [x]
'Oomama bam ababini bandifundisa ukulwa!'
Umzabalazo wam uyaqhubeka
Ongakwaziyo ngoNokuthula
n Uyacula adlale nomculo kwaye ubhale ingoma esisikhumbuzo sikanina omzalayo.
n Akahleki nanye ngabahlobo bakhe kwaye usoloko ebabeke elisweni xa beye eklabhini.
n Uphumelele ekubeni ngumlinganiswa engakhange aqeqeshwe, waqala ukudlala kwiSoweto's Positive Arts.
n Umfana ancuma naye ungumbhali wemidlalo yeTV yaye unenkwenkwezi eyiVirgo - kodwa walile ukulitsho igama lakhe!
n Uyabahleka abantu abangakwaziyo ukubiz' igama lakhe nabambiza ngoNoxie.
BONA XHOSA - April 2007
