xhosa.2232.parenting
Mfundise ukuzithuma
AKUKHO xesha singathi lelona lifanelekileyo lokufundis' umntwana ukuzithuma - oko kuxhomekeke emntwaneni ngokwakhe. Nangona kunjalo inkoliso yabantwana sukuba bengekafaneli bafundiswe ukuzithuma bengekabi neminyaka emibini - kodwa kufuneka bathi begqiba unyaka wesithathu babe sebekwazi ukuzithuma.
Iimpawu ekufuneka uziqwalasele
Ngaphandle kweminyaka yobudala, eziny' izinto zixhomekeka ekukhuleni komntwana. Ukuze umfundise ngempumelelo ukuzithuma kufuneka akwazi ukulandela amanyathelo ambalwa alula.
Kufuneka akwazi ukuchopha etshembeni nokusukuma akugqiba. Kufuneka akwazi ukuzikhulula xa ezithuma aphinde akwazi nokuzinxibisa akugqiba.
Kufuneka akwazi nokuziva xa efuna ukuzithuma.
Eziny' iimpawu ingakukucela ukuzithuma xa wena okanye abanye abantwana besebenzisa ithoyilethi, nokwazi ukuba ubanjani xa ilweyile lakhe limanzi okanye lomile. Uyakwazi ukohlukanisa ilweyile elimanzi nelomileyo okanye elicocekileyo nelimdaka?
Nantsi indlela ongamvavanya ngayo. Xa umntwana eye kudlala phandle engalifakanga ilweyile waza wanomchamo, ingaba uyakwazi ukubona ukuba loo mchamo uphume kuye?
Ukuqalisa
Ixesha elihle lokumfundisa ukuzithuma kuxa eza kulala. Mfundise ukuhlala etshembeni, uze umncome xa echamile. Xa echame kwakanye, uya kusoloko efuna ukuchama kuyo. Akungathi uyaqhela ukuzithuma, wandise amathuba okuzithuma. Xa engathandi, ungamleqi ngokuba azithume.
Abantwana abakhutheleyo abayi kuthanda ukuhlala ixesha elide etshembeni, kodwa xa umfundela ibali okanye incwadi uya kuhlala ixesha elide kuyo.
Mkhumbuze ukuzithuma
Xa sele ekwazi ukuhlala endlwini engalinxibanga ilweyile, mkhumbuze rhoqo ukuba ayozithuma. Itshemba azithuma kuyo mayihlale kwigumbi lokuhlamba - kodwa ungayigcina nakufutshane nendawo adlala kuyo ukuze asoloko eyikhumbula.
Ukulungisa iingozi
Ngoku umntwana uyakwazi ukuzithuma kwaye akasafuni ukufaka ilweyile... ulibona liyinto yeentsana! Ezo ziindaba ezimnandi, kodwa ke ziyenzeka iingozi ebantwaneni kuba basoloko bexakekile yaye ungaze umngxolise. Ezo ngozi ziyinxalenye yoqeqesho kwaye ziza kuphela kungekudala.
Iintsuku ezintle nezimbi
Kulo naluphi na uqeqesho kukho iintsuku zokuqhuba kakuhle nezokuqhuba kakubi. Iintsuku ezimbi kuxa umntwana engafuni okanye engakuthandi ukusebenzisa itshemba. Xa kunjalo, mphumze ukumqhelisa itshemba iiveki ezimbalwa.
Ukuchama nokutuwa
Ungalindeli ukuba umntwana uza kufunda ngexesh' elinye ukuzithuma umchamo nokutuwa. Uza kuqala afunde enye kunenye. Kuxhomekeke kuye.
Ukungazichameli ebusuku
Kuthabatha ixesha elide ukumqeqesha ukuba angazichameli ebusuku ngoko nokuba sele eqhelile ukuzithuma umchamo emini, kufuneka uqhubeke nokumnxibisa ilweyile ebusuku. Kodwa mfundise ukubaluleka kokungazichameli elele ngokuthi makachame etshembeni phambi kokuba alale ebusuku.
Amacebiso
Kungakukhathazi okwenziwa ngabany' abantwana. Kheth' ixesha elimfaneleyo lokumqeqesha umntwana.
Jonga iimpawu akubonisa ngazo xa ezichamele okanye ezituwele njengokutsala ilweyile.
Akusokolisi kakhulu ukumfundisa ukusebenzis' itshemba xa umnxibisa impahla akwazi ukuyihlisa nokuyinyusa lula.
Xa niphuma naye, phatha impahla yokumtshintsha xa kwenzeke ingozi.
Amakhwenkwe aselula afumana kulula ukuchama ehleli etshembeni kunokuma estepsini.
Ungamvumeli umntwana azosule ngokwakhe xa ebetuwa.
Mncome xa eyisebenzisa kakuhle itshemba. Xa engayisebenzisi, ungamngxolisi.
Ibali likamama
"Sinethamsanqa lokuba umzi wethu uneyadi. Unyana wam ubekwibakala lokufundiswa ukuzithuma etshembeni kusehlotyeni. Bekushushu kangangokuba bendimnxibisa i-andapenti kuphela xa edlala phandle. Oko bekusenza kubelula kuye ukuzikhulula nokuzinxibisa xa efuna ukuchama. Oko kwenze kwabalula nokufunda ukuzithuma etshembeni."
EZOBUZALI
Ifanele ingakukhathazi into yokuba abany' abantwana bafunda ngokukhawuleza kunabanye. Yiba nomonde ufunde neempawu zomntwana xa efuna ukuzithuma. Uya kukuxelela xa
sele ekwazi...
Yiba nomonde! Izinto umntwana uzifunda ngamaxesha ohlukeneyo okukhula. Ungakhathazeki xa engathandi xa umfundisa ukuzithuma etshembeni! Myeke, uze umzame kwakhona ethubeni.
Xa engathandi ungamgxameli ukumqeqesha
OKOKUQHUBA UMNTWANA
A KUYONDLWAN' IYANETHA kwaye kungena nzulu epokothweni ukuthengel' umntwana isitulo sokumqhuba.Xa ungena kwiivenkile ezizithengisayo ubona iindidi ngeendidi ezinamaxabiso ashiyanayo.
Njengokuba zisiya zithandwa ezinamavili amathathu, nanga amacebiso angakunceda...
Ibakala lobudala: Jonga ukuba isitulo silungiselelwe abantwana abangakanani. Kaloku ayizizo zonke ezilungele abantwana abangaphantsi kweenyanga ezintandathu.
Ubheka ngaphi?: Izitulo ezinamavili amathathu zenzelwe ukuba umntwana angajongi kunina, nto leyo bangayithandiyo bonke oomama.
Jonj' amavili: Isitulo esinamavili amakhulu sihamba kakuhle. Jonga nokuba amavili akafuni ukumpontshwa na - oko kuya kusenza sihambe kamnandi - okanye sinamavili aqinileyo.
Esisongeka lula: Xa isitulo uza kusifak' ebhuthini yemoto, jonga ukuba sisongeka lula na nokuba sinzima kangakanani kuba uza kusiphakamisa xa usifaka ebhuthini yemoto.
Indawo esinayo: Ingaba sinayo indawo yokubeka eziny' izinto? Abany' oomama bathand' ukuphathel' abantwana izinto zokudlala, amalweyile nebhegi xa behamba, ngoko sifanele sibenendawo yokubeka ezo zinto.
ZUZA!
Ungaphoswa leli thuba lokuzizuzela iJeep Wrangler
Twin okanye iSingle Sport All-Weather Stroller exabisa
i-R3 000! Istroller inobunzima obuyi-10,5kg kwaye
inendawo etofo-tofo yokungqiyama umntwana,
okokusitha ilanga, amavili akwazi ukuhamba naphi
na, ibhanti yokukhusela umntwana angawi nezibambo zokusiqhuba ezingatyibilikiyo. Zibeke ethubeni
lokuyizuza ngokuthumel' iposkhadi enegama, idilesi nenombolo yasemini kule dilesi: BONA/Jeep
Giveaway, Box 32083, Mobeni 4060, okanye
uthumele i-SMS ethi JEEP ku-35919.
(I-SMS nganye iyi-R3.)
Umhla wokuvalwa: 31 Disemba 2008. [x]
