xhosa.2230.Bridges
Amakhasi okuzo-nwabisa eBona
BONA XHOSA - August 2006
Imihla esiphila kuyo inobuchwepheshe obungummangaliso - kukho iInternet, kukho iiselfowuni okwaziyo ukubukela kuzo umabonakude. Sonke buyasichaphazela obu buchwepheshe kwaye kolu shicilelo siza kujonga inkqubela yobuchwepheshe kwicandelo lezokwakha ingakumbi kulwakhiwo lweebhulorho.
Eyale nyanga ingxelo siyithabathe kuluhlu lweTechnology TODAY olupapashwa ngabakwaMaskew Miller Longman.
Iincwadi zeTODAY zichaphazela yonke imiba yemfundo ukususela kuGrade 7 ukuya kuGrade 9.
Izakhiwo eziziibhulorho
Iibhulorho zingumzekelo omhle kakhulu wezakhiwo ezakhelwe ukuthwala izinto ezinzima kwaye zimelana nobunzima obukhulu. Zibalulekile iibhulorho ebomini bethu. Zisinceda ukuwel' imigaqo, imilambo, iziporo zoololiwe nkqu nokuwel' ulwandle. Kwakudala-dala abantu babesakha yaye besebenzis' iintlobo ngeentlobo zezixhobo zokwakh' iibhulorho ezomeleleyo. Kumawaka eminyaka eyadlulayo nkqu naphambi kokusetyenziswa kweentsimbi nesamente abantu babesakha iibhulorho ngeenkuni namatye ukuze bakwazi ukuwel' imilambo.
Imiqadi ezibhulorhweni
Imiqadi isetyenziswa xa kusakhiwa iibhulorho. Ezi foto zisekunene zibonisa indlela esetyenziswa ngayo imiqadi ukwakha iibhulorho ezahlukeneyo.
Ibhulorho ende eMzantsi Afrika yibhulorho exhaswe ligophe. Le bhulorho inqumleza i-272 yeemitha ingaxhaswanga nganto embindini. Indlela ikwii-216 yeemitha ngaphezulu kweBloukrans River.
Amagophe axhasa iibhulorho
Ngaphambi kokuveliswa kwesamente neentsimbi uninzi lwezakhiwo neebhulorho zazisakhiwa ngamatye. Isithuba esiphakathi kwezixhasi ezibini kuthiwa yispan. Kwakunzima ukwenza imiqadi engqalileyo yamatye ukuvala izithuba ezide. Kwafuneka kufunwe eny' indlela yokwenza loo nto. Isisombululo yaba ligophe elixhasa ibhulorho. Eli gophe sisakhiwo esigobileyo esixhasa isakhiwo esingqalileyo.
Ibhulorho iBloukrans River eseGarden Route.
ITower Bridge eseLondon inendlela eyakhiwe ngeentsika ezimbini eziphakanyiswayo qho xa kukho inqanawa efun' ukugqitha ngaphantsi kwebhulorho.
Ibhulorho ekuhola wendlela eyakhiwe ngemiqadi yesamente.
Ilungele abantwana abanemi-
nyaka esi-8-14
Umsebenzi: Yenz' ibhulorho exhonywe ngeentambo zentsimbi
Kufuneka: izitulo ezibini, intambo/ umtya owomeleleyo, ibhokisi enemiqolo, iglu.
1. Yenz' ibhulorho ulandel' umzobo.
2. Khupha izinto ezine ezifumaneka kuyo nayiphi na ibhulorho exhaswe ngeentambo zentsimbi:
(a) Iintsimbi ezingundoqo: Zisuka kweli cala ukusa kwelinye. Sebenzis' intambo okanye umtya kumzobo wakho.
(b) Iintsika: Zisekupheleni kwecala ngalinye yaye zixhase iintsimbi ezingundoqo. Ziziphi iintsika kowakho umzobo"
(c) Iintsimbi ezixhas' ibhulorho: Zixhase umgangatho.
(d) Umgangatho: Kulapho ikhoyo indlela. Yintoni oyisebenzisileyo kowakh' umzobo"
Iibhulorho ezixhaswe ngeentsontelo
Uhlobo olutsha lweebhulorho ezinde yibhulorho exhaswe ngeentsontelo. Umgangatho wayo uxhaswe ngeentsontelo. Umzekelo yibhulorho iNelson Mandela ekumbindi weJohannesburg neyavulwa ngo-2003. Inqumleza iziporo zoololiwe ezingama-42. Injongo yebhulorho iNelson Mandela ayikokunqumla iziporo zoololiwe kuphela koko nokunik' imbeko kulowo owayesakuba ngumongameli weli uNelson Mandela. Esi sixeko sasiyifuna ibe nomtsalane le bhulorho kwaye yomelele.
Siphisa ngeekopi ezi-5 zeFrancolin
Illustrated School Dictionary for Southern Africa!
Thumela amangenelo akho kule dilesi:
Francolin Illustrated School Dictionary for Southern Africa Giveaway
Maskew Miller Longman
PO Box 396, Cape Town, 8000
Ungalibali ukubhal' igama, idilesi, inombolo yakho yomnxeba kunye negama lesikolo sakho.
BONA XHOSA - August 2006
Ibhulorho exhonywe ngeentambo zentsimbi
Iibhulorho ezixhaswe ngamagophe azakhiwa phezu kwezithuba ezide kakhulu kuba kungafuneka zibe nkulu yaye zibe nzima. Ibhulorho exhonywe ngeentambo zentsimbi isebenzisa iintambo ezilula kunemiqadi namagophe. Umzekelo yiForth River yaseScotland, esekhohlo.
Umzobo webhulorho exhonywe ngeentsimbi eyenziwe ngezitulo, intambo nebhokisi.
intambo eqinileyo
Ibhulorho iNelson Mandela.
dibanisa imisonto ngokuyiqhina
ibhokisi edityanisiweyo
Isipho!
