xhosa.1411.yourman_soccer
Abadlali abaziphatha kakubi
Iimoto ezibalekayo, ukunxila nokuhamba iipati zasebusuku kungcolise igama labadlali bebhola abaphambili kweli kwaye kungoku nje bazama ukubuyela kwimeko yesiqhelo
NJENGOKO egalelekile
u-2010 ubonakala uxhomile umgangatho webhola yaseMzantsi Afrika: kodwa nangona kunjalo basekho abadlali beli abangaziphathi kakuhle.
U-OJ Mabizela, uJabu Mahlangu noLerato Chabangu banikwe ithuba elitsha lokuzibalula kwakhona ebholeni. Njengoko ukuziphatha kwabadlali kuyinto ejongwe ngeliso elibukhali kule mihla, bafanele bazi ukuba abafanelanga baphinde
iimpazamo abakhe bazenza.
UMabizela uphuncule ngezikaSibi etyaleni lokuqhuba umnyobo wemoto yakhe enxilile kunyaka ophelileyo. Uphinde wanikwa nesivumelwano esitsha sokudlala kwiPlatinum Stars - nangona ebuyele mva kunabanye abadlali ekuziqeqesheni neli qela.
UMahlangu (owazenzel' igama esadlalela iKaizer Chiefs kwaye ebizwa ngoJabu Pule) kudala ehamba ezama ukuvuselela ibhola yakhe eyabulawa kukusela utywala. Kuloo malinge ukhe waya kudlala e-Austria naseSweden. Ngoku iPlatinum Stars imnike ithuba lokuvuselela ibhola yakhe ngokumsayinisa isivumelwano sonyaka omnye. Bafuna ukumbona ukuba uza kuziyeka na iindlela zakhe ezigwenxa.
UChabangu obengasadlali kakuhle ngenxa yengxaki yokusel' utywala uphindele kwiMamelodi Sundowns emva kokudlal' iinyanga ezintandathu kwiSuperSport United.
Bakhona nabany' abadlali beli abakhe baduma ngezinto ezimbi abazama ukulungisa ukuziphatha kwabo.
UMabhuti Khenyeza uphulukene nethuba lokudlala kwiBafana Bafana ngenxa yokungayi ukuyoziqeqesha nayo. Oko kukhangeleka kumenze waphulukana nethuba lokudlala kwiNdebe yeHlabathi kunyaka ozayo.
UKatlego Mphela naye ukhe watyholwa ngokuthanda ulonwabo obekusenza angadlali kakuhle. Kodwa ngoku ubonakala ebuyela efomini yakhe emva kokufak' amanqaku amathathu kwiBafana Bafana.
Oko kumnike nethuba lokuziphendulela kubagxeki bakhe. "Ndandigxekwa ngumntu wonke, kodwa ndibavale umlomo ngoku kuba ndiyawafaka amanqaku. Kaloku abantu baseMzantsi Afrika banento yokuba bangakuthandi nokuba ungenza ntoni na ukubonwabisa," utsho.
Bakhona nabany' abadlali abakwiPSL abakhe banengxaki yokusela njengoBenson Mhlongo owake wagxothwa kwiBafana Bafana emva kokuya epatini ubusuku bonke eGermany.
UCollins Mbesuma waseZambia naye uke wasengxakini yokusela kwaye ngoku uzama ukubuyisa udumo lwakhe kwiMoroka Swallows kule sizini. "Ungumdlali othobileyo, ndiyathemba izinto ziza kumhambela kakuhle," utsho uLeon Prins ongumphathi weSwallows.
Phofu ke ukungaziphathi kakuhle kwabadlali bebhola akwenzeki eMzantsi Afrika kuphela. Udumo, ukuba yintandane nokuba nemali kuyamtshintsha umntu obelungile.
Oko sikubona kusenzeka nakwiimbalasane zehlabathi, ukanti enye yazo nguDiego Maradona wase-Argentina. Wayesebenzisa icoccaine iminyaka engaphezulu kweshumi ngaphambi kokuba abhaqwe ngo-1991, waza wabhangiswa ebholeni iinyanga ezili-15. KwiNdebe yeHlabathi ka-1994 wafunyanwa ukuba usebenzise i-ephedrine engavumelekanga waza wayekiswa ukudlala.
UMaradona kudala enyangelwa ukusebenzisa iziyobisi ukususela ngo-1990, kodwa kule minyaka imbalwa idlulileyo uzikhwebule kwiziyobisi de wachongelwa ukuba ngumqeqeshi weqela lelizwe.
UGeorge Best owayengumdlali weNorthern Ireland neManchester United wayebuthanda utywala kangangokuba wayeka ukudlal' ibhola eseneminyaka engama-28. Watyholwa ngokuphatha gadalala inkosikazi yakhe, ukubetha ipolisa nokubonwa enxilile phakathi kwabantu kwaye wohlwaywa izihlandlo eziliqela ngokuqhuba enxilile.
Kuthiwa uBest wathi: "Ndichithe imali eninzi etywaleni, kwiintaka nakwiimoto ezibizayo. Enye ndiyidyakazile nje."
Bakhona abadlali abangakutsho oko nakweli, nangona ke bona bengaba bengathethi ngemali.
Baninzi abadlali abakhe batyholwa ngokungaziphathi kakuhle kweli nekuthiwa oko kwenziwa kukuduma nokuba nemali.
Kodwa abasacengwa kule mihla ngenxa yezigidi zemali abathengwa ngazo nemivuzo emikhulu abayamkelayo.
Kaloku yinto entsha ukulandelwa ngamajelo eendaba eMzantsi Afrika kwabantu abazizinhanha nabadumileyo kwaye nokubekwa ekuhleni kwamahlazo abo. Oko ke kwenza kubelula ukuva ngabadlali abathanda iipati. Oko akungcolisi igama lomdlali kuphela, koko kungcolisa negama lamaqela abo.
Sekukho abadlali ababethembisa kweli kodwa ngoku abakhangeleka beza kuyeka ukudlal' ibhola.
Kwiminyaka edlulileyo kwakungahoywa ukuziphatha kakubi kwabadlali, kodwa ngoku akusenjalo.
UPule wakhalaza wancama ngokulandelwa kwakhe ngamajelo eendaba. Ukuzintyintya kwakhe ngotywala ezirhoxweni zaseGauteng kwabonwa nangabalandeli abafowunela ii-ofisi zeChiefs baxelela namaphepha-ndaba ngokuziphatha kakubi kwakhe.
UMa-
hlangu
(njengoko ebizwa njalo ngoku) wathunyelwa kabini kwiziko elilungisa izimilo yiChiefs izama ukumnceda kwingxaki yokusela. Kodwa yamkhulula iChiefs wahamba emva kokoyisakala ukumnceda. UMuhsin Ertugral wamthatha wamsa e-Austria. Nalapho wagxothwa wabuyela kweli emva kokwenza ingozi yemoto emva kokulala eqhuba.
EzikaMabizela iingxaki zaqala emva kokuduma ngokukhawuleza. Kaloku wadlalela iqela lelizwe emva kokudlala imidlalo embalwa kwi-Orlando Pirates. Emva koko waya kudlalela iTottenham Hotspur yaseNgilani. Kodwa waziva elilolo eLondon wabhenela etywaleni waza wagxothwa leli qela. Yinto engaqhelekanga ukuqhawulwa phakathi kwesivumelwano somdlali, kodwa uMabizela wagxothwa nangona wayethengwe ngezigidi ezininzi.
Emva koko woyisakala nakukudlala eNorway waza wabuyela kweli, wafika wanengxaki kwakhona kwiMamelodi Sundowns. Nayo yamgxotha emva kokungafiki kutyando lwedolo owayeza kulwenziwa.
IPlatinum Stars imnike ithuba lokugqibela ngokumsayinisa isivumelwano esixhomekeke ekudlaleni kwakhe.
Ingomso lakhe ebholeni lisezandleni zakhe njengabo bonke abadlali abakhe boyiswa kukuziphatha. [x]
Umbhali: Mark Gleeson
Umfoti: Gallo
UMBA OTSHIS' IBUNZI
UKatlego Mphela: uyintandane ngoku, kodwa ke kuza kuba lixesha elinganakanani?
Nkqu nabadlali abana-magama ebholeni bakhe bangazi-phathi kakuhle
Ngoku lixesha lokuba
uJabu Mahlangu azibona-kalise kwiPlatinum Stars.
