xhosa.2223.boxer
Sincokole noBongani Mwelase
Esinge empumelelweni... uBongani kwiCommonwealth Games zika-2006 apho wazibonakalisayo ukuba uya kude emanqindini.
Uyimbethi-manqindi enesiphiwo ebonakala iza kubuyisa umdla nomtsalane emdlalweni wamanqindi
NOKUBA ungalusebenzela kangakanani na udumo luthi lwakufika ubengathi ubungalulindelanga. Loo nto ke yenzeke kuBongani Mwelase oyintshatsheli yeWelterweight yaseMzantsi Afrika neyeWorld Boxing Council. "Ndiziva ndimncinci yindlela abantu abandihoye ngayo," utsho. Ukwathe yena nosapho lwakhe bafumanise ukuba kunzima ukumelana nodumo.
"Ndandilufuna udumo, kodwa ngoku ndikubona kunzima ukwaziwa ngabantu naphi na apho ndihamba khona.
"Kumaziko eevenkile nakwiirenki zeeteksi abantu beza kum bandixhawule, bandibuze nemibuzo eyohlukeneyo.
"Kufuneka ndibahoye kuba abanye bangacinga ukuba ndiziphakamisile xa ndingabahoyi.
"Ndisoloko ndithwel' ikepsi ukuze abantu bangandiboni," utsho uMwelase osahlala nabazali nabantakwabo abathathu eOrange Farm emazantsi eJoburg. Ukwathe abantu bambona kwizithuthi zikawonke-wonke kuba akakabinayo imali yokutheng' imoto.
Imali
"Unyana wam uyindwalutho engenamali," utshilo unina uThoko.
Uhambise wathi uBongani wafumana i-R14 000 kuphela kumlo owazuza kuwo intshinga yehlabathi.
"Ndide ndicinga nokumcelela amalizo emali ukuze atheng' imoto!"
Kodwa uBongani uthi iyeza imali.
"Ndahlawulwa imali encinane kuba ndandicele umngeni. Kungekudala ndiza kuba ndinemali yokutheng' iimpahla zexabiso endizithandayo."
Kuza kwenzeka oko kuba xa esilwa izala ime ngeembambo iholo. Kungekudala uza kuba ekwinqanaba elifanayo nelikaBaby Jake Matlala noDingaan Thobela.
"Ngaphambi kokuba ndizuze ezi ntshinga abagxeki bam babesithi ndithetha kakhulu. Ndiyathemba ngoku ukuba bayabona ukuba ndandizinyanisile izinto endandizitsho!"
Uthe ufuze umakhulu wakhe ngokuthetha kakhulu. "Umakhulu uthand' ukuthetha njengam. Nasesikolweni ndandikuthanda ukuphikisana neetitshala."
Ukuthetha kwakhe kakhulu nokubetha kwakhe namanqindi kuko okungabuyisa umdla wabantu emanqindini.
Amanenekazi
UMwelase uthi unabahlobo ababhinqileyo ikakhulu kunabafana kuba abafana baphinde babe nomona nezinto oziphumezileyo.
Unalo ke nebhinqa ancuma nalo. "Andikalazisi ebantwini basekhaya, ngoko andifuni kuthetha kakhulu ngalo okwangoku."
Unina ufuna amilisel' ingqondo yakhe ekukhuseleni iintshinga zakhe kunokucinga ngeelokhwe. "Akuncedi nganto ukuba yintshatsheli engenamali. Kusafuneka asebenze nzima ukuze afuman' imali.Emva koko kuza kufuneka afunde nokuyiphatha ngendlela loo mali kuba ixesha lokuba yimbethi-manqindi lifutshane," utsho unina
UBongani unewele lakhe elinguSiphiwe nalo eliyimbethi-manqindi. "Oonyana bam baneemini zokuvuka besopha ezimpumlweni. Ndikunqanda oko kopha ngokubabeka umkhenkce ebunzi. Oko kuyabonisa ukuba kufuneka benz' imali ngokukhawuleza emanqindini emva koko bawayeke,"utsho uThoko Mwelase. [x]
Mayize imali!
BONA XHOSA - February 2008
ibali libhalwe nguFORCE KHASHANE
UBongani newele lakhe, uSiphiwe (osekhohlo), naye oyimbethi-manqindi.
