xhoza.2200.arthur
BONA - August 2005
Ekhaya neBONA
Ekhaya noArthur
Nangona nje ikumkani yekwaito ingafuni kwaziwa apho ihlala khona, inobubele yaye isamkele ngezandla ezishushu ekhayeni layo...
kubhale uFORCE KHASHANE
kufote uPAPI MORAKE
KUTHE xa kuvulek' umnyango wegaraji kwavela iimoto zodidi oluphambili zaseGermany, iiBMW ukutsho oko. Enye inenombolo-mbhalo ebhalwe "Arthur," ukanti enye ibhalwe "Cry 999."
Ngokucacileyo ikho ekhaya ikumkani yekwaito.
"U-Arthur akafuni kwaziwa ngabantu abaninzi apho ahlala khona kuba akafuni kuphazanyiswa," kutsho omnye wabancedisi bakhe xa ebesingenisa endlwini.
"Ndiyanicela ningaxeleli mntu ukuba uhlala phi na."
Uvele ngaloo mzuzu kanye uArthur Mafokate.
"Siyifihla kangangoko sinako idilesi yam kodwa kuyamangalisa ukubona ubuninzi babantu abaziyo ukuba ndihlalaphi," kutsho yena.
U-Arthur uhlala eMidrand. Unayo eny' indlu ayitshintshe wayenza istudiyo esinamagumbi okulala!
"Ndiwalungiselele iimvumi ezisebenza ebusuku okanye ezingenanto yakuzigodusa ebusuku emva kokucula," kuchaza uArthur.
Yonk' imihla kufuneka aye estudiyo, emzini wakhe nasekhayeni labazali bakhe elikufuphi naye.
"Ngumama ondiphekelayo ngoko ke kufuneka ndiye kuland' ukutya kuye," utsho uArthur.
Unina uyayazi into etyiwa nguArthur. "Ukutya kwam kufuneka kungabi namafutha okanye kube switi kakhulu kuba ndinezilonda emathunjini."
Uthanda ukutya inkuku ebilisiweyo, umvubo nezkonsi. "Umama yincutshe ekuphekeni nasekubhakeni iikeyiki. Uyazi ukuba andikwazi ukugqithisa iiveki ezimbini ndingakhange ndizitye izkonsi!"
Elona gumbi alithandayo kwakhe uArthur lelokulala. Uthe, "Lelona gumbi lihle." Kodwa akavumanga ukuba silifote okanye silibone. "Igumbi lam lokulala alingenwa nangubani na nkqu nabantu endisebenza nabo," utsho.
Xa engekho egumbini lakhe lokulala umfumana kwelokuphumla. Ukhuphe icwecwe elivuthayo elithi Sika Lekhekhe.
Into etsale umdla wethu yimifanekiso eqingqiweyo yamabhinqa nabantwana.
Le mifanekiso ikho kuyo yonk' indawo, ezindongeni, epasejini naphantsi kweetafile ezinomphezulu weglasi.
Sibale safumanisa ukuba le mifanekiso yeyamabhinqa alithoba nabantwana abasixhenxe.
"Abantwana ziingelosi zam ezindalusileyo.
"Inye kaloku inkunzi ekhonyayo ebuhlanti, ndim ke lowo," itsho ikumkani yekwaito.
Walathe imifanekiso yamabhinqa amabini athwele iingqayi zamanzi.
"Le mifanekiso isisikhumbuzo sendlela amabhinqa ayezikhathalela ngayo iintsapho zawo ngokuzikhelela amanzi emlanjeni."
Sisathetha ngamabhinqa njalo, intombi kaArthur uOwami ubeze kumtyelela. Ufana nqwa nonina uQueen Seseko.
"U-Owami uhlala endityelela," utsho uArthur. U-Owami oneminyaka emithathu ubudala uyakonwabela ukuchitha ixesha noyise. Uzivulele eyakhe indawo apho endlwini agcina kuyo izinto zakhe zokudlala.
"Uyonwaba kakhulu xa sisenza imizobo kunye. Nam ndikufumanisa kumnandi ukubukela iinkqubo zeYo-TV naye," kutsho uArthur.
Uvakele ecula uOwami esithi: "He's got the whole world in His hand..."
Unelizwi elimyoli enjalonje.
Ngaphandle kokubukel' iinkqubo zabantwana noEmzini Wezinsizwa omhlekisayo, uArthur uyakuthand' ukubukel' imidlalo.
"Ndiyazithanda ezemidlalo." Ubukela kwanto engumdlalo ukusukela kumdyarho weemoto, ukuqubha, iqakaba, umbhoxo namanqindi.
"Kodwa ndithanda kakhulu ibhol' ekhatywayo," utshilo.
Liliphi iqela alithandayo"
Uphefumlele phezulu waza wawacula: "YiSundowns, iKaizer Chiefs, iOrlando Pirates wonke nje. Phesheya kweelwandle ndithanda iqela lesizwe laseBrazil."
U-Arthur uthi usihlisile isantya ebomini bakhe ingakumbi esokuchith' imali.
"Ndandikade ndithand' izinto ezidurayo ndize ndichith' imali eninzi ekuthengeni iimpahla. Kodwa ngoku nditshintshile. Sele ndizithandel' ukunxiba iijini."[x]
BONA - August 2005
BONA - August 2005
