xhosa.2192.parenting
Ubuzali
isikhokelo esiza kukunceda
BONA XHOSA - December 2006
Okoomama nootata....
Ngaba
yinimba"
Xa uqala ukukhulelwa elona xhala lakho likhulu lelokubeleka. Ngaba uya kuziva xa uqalwa yinimba"
INIMBA awukwazi ukuyithelekelela kodwa umzimba wakho uya kukunika iimpawu ezicacileyo xa seyisondele...
Inimba ekuqhathayo
Inimba engeyeyokwenyani ivakala ngokungathi sisilumo obanaso xa uza kuya exesheni. Nangona sukube kuziintlungu ezingephi, ungacinga ukuba uqalwa yinimba yokwenene xa usaqala ukukhulelwa. Oku kulunywa uqala ukukuva kusashiyeke iiveki eziliqela ngaphambi kokuba ubeleke. Ulunywa nje imizuzwana kuphinde kuziphelele.
Oko kulunywa kunceda ukuthambisa umlomo wesibeleko ukuze ulungele ukubeleka. Ungaphinda uzive kwakhona xa usiya usondela umhla wokubeleka kwakho. Xa ulunywa kakhulu ixesha elide, oko kungaba kukuqala kwenimba yokwenene.
Usana luyalunga
Xa lulungela ukubelekwa usana intloko luyisondeza esinqeni sakho. Uya kuziva usindwa esinqeni kwaye oko kuthetha ukuba sekushiyeke iiveki ezimbalwa ubeleke.
Ubona imikhunyu
Xa sel' uqalwe yinimba umlomo wesibeleko sakho uyaluvulela usana. Okungathi kuyimikhunyu eqinileyo okuvala umlomo wesibeleko kuyathamba kuze kusuke. Kwakusuka ke iyaqala inimba.
Amanzi ayagqabhuka
Amanzi ayagqabhuka aphume kwilungu langasese. Loo manzi aphuma kwingxowa elukhulela kuyo usana esibelekweni. Oko kungenzeka ngaphambili okanye ngasemva kokuba uqalwe yinimba.
Kwakwenzeka oko yiya esibhedlele kuba ezo ziimpawu zokuba uyabeleka.
Ukuya esibhedlele
Xa ulunywa kakhulu yiya esibhedlele. Kodwa xa ubukhe walunywa ngaphambili kubhetele uye kwagqirha xa uqala ulunywa kwakhona okanye xa ukrokra ngathi kukho undonakele.
kubhale uNONHLANHLA KHUMALO
Ixesha lasehlotyeni lixesha lokonwaba, ingakumbi ebantwaneni kuba bafumana ixesha lokudlala elangeni. Imitha yelanga ingaba yingozi kubo. Bakhusele elangeni kweli hlobo...
u Bathambise okukhusela elangeni: Akukhathaliseki nokuba unolusu olunjani ngebala, luyonzakala kukutshiswa lilanga. Zikho izithambiso zokuzikhusela elangeni zabantwana nezabantu abadala ekhemisti nakwiisuphamakethi.
u Qinisekisa ukuba abantwana basel' amanzi: Abantwana baphelelwa ngamanzi ngokukhawuleza emzimbeni. Mabawasele qho xa beselangeni ukuze bangaphelelwa ngamanzi bathobe nobushushu.
u Mababe nexesha lokuphumla elangeni: Ukuhlala elangeni ixesha elide kungonakalisa ulusu kuphelise namanzi emzimbeni. Bakhumbuze ukuba bangadlali umlibe elangeni. Mabangene endlwini batye basele namanzi. Iintsana zona zifuna ukukhuselwa elangeni kuba azikwazi ukuthintela ukuphela kwamanzi emzimbeni.
u Mabanxibele imozulu: Iintsana ziyakhawuleza ukutshiswa lilanga, ngoko zinxibise impahla yomqhaphu epholileyo. Bathengel' iminqwazi ebakhusela elangeni.
Ukhakhayi losana
elangeni
INKWETHU yenye yeengxaki ezidla ngokuba nayo iintsana kwisikhumba sokhakhayi. Abadlezane abaninzi kuyabakhathaza oko. Xa nawe ungomnye wabo, thob' ixhala kuba ayinabungozi.
Inkwethu ibangelwa yinto ene-oyile ekuthiwa yisebum egcina ulusu luphilile. Ezintsaneni ke iphuma kakhulu isebum entloko ize ibangele inkwethu. Inkwethu iba selukhakhayini losana ikakhulu ukanti kwezinye iintsana ibakho intloko yonke.
Ukuthambisa intlonze yentloko yosana lwakho kuyayiphelisa inkwethu. Luthambise ngepetroleum jelly okanye nge-olive oil xa ulala. Kusasa luhlambe ngesepha ulosule ngetawula uze ulukame ukuze kusuke inkwethu ethambileyo. Ungayikhuhli yomile inkwethu kwintloko yosana kuba oko kungabangela usuleleko. Qhubeka nokuyenza loo nto de iphele inkwethu.
Ufanele uluse nini kwagqirha:
n Xa inkwethu iluhlasele ngamandla usana lwakho ide ibekho nasebunzi, oko kungaba luphawu lwe-eczema ekuyirhashalala yolusu erhawuzelayo nefuna unyango.
n Inkwethu engapheliyo echaphazela namany' amalungu omzimba iwenze abe nebala elibomvu nebonisa iimpawu zokuba nosulelo.
Bakhusele
Ungakhathazeki xa ukhakhayi losana lwakho lunenkwethu - yinto eqhelekileyo ezintsaneni
BONA XHOSA - December 2006
t
Irhashalala yesishuba
Uya kulubona usana lwakho xa lunerhashalala yesishuba kuba idla ngokuba kwindawo eyogqunywa sisishuba. Ulusu losana xa lunayo luba bomvu lubengathi lutyabukile. Ibangelwa bubumanzi bomchamo one-ammonia etyabula ulusu oluthambileyo losana.
Xa isishuba sosana singakhawulezi ukutshintshwa xa luchamile, ulusu lwalo oluthambileyo lutshiswa ngumchamo luze lutyabuke. Ukulutshintsha isishuba lwakuchama usana nokuluthambisa into eza kukhusel' ulusu lwalo lungatyabulwa ngumchamo kuya kulwenza lungabi nerhashalala.
Xa inganyangwa irhashalala yesishuba ingenza kubekho usuleleko, ngoko luse kwagqirha xa ingapheli emva kweentsuku ezimbalwa.
Irhashalala yobushushu
Iintsana azikwazi ukulawula ubushushu bemizimba yazo. Nguwe olunxibisayo xa kubanda, ikwanguwe olwenza luphole xa kushushu.
Xa ulusu losana lushushu kakhulu, lungaba namabalana abomvu ebusweni nasemzimbeni. Le rhashalala ibonisa ukuba usana lufudumele kakhulu.
Irhashalala yobushushu ayinabungozi, kodwa kufuneka uziphungule izinto ezinxitywe lusana kuba lungaba nestrowukhu sobushushu esiyingozi ezintsaneni.
I-eczema
Le yirhashalala exobukayo eyomileyo nerhawuzelayo ebasebusweni nasemva kwamadolo neengqiniba. Usana lwakho lusoloko luzonwaya yaye i-eczema ilwenza lutefe.
I-eczema idla ngokubangelwa kukungavani nokutya okanye into ethile apho nihlala khona.
Umntwana wakho ungamthengela izinto zokuzihlikihla xa kurhawuzela ukuze angazonwayi ngeenzipho de kuqhekeke ulusu nokungenza abe nosuleleko.
I-eczema yingulo efuna ukunyangwa ngugqirha.
Umsa nini kugqirha"
Iirhashalala azinabungozi xa umntwana ephilile. Mse kwagqirha xa irhashalala ihamba nefiva okanye ngulo yimbi.
BONA XHOSA - December 2006
Phelisa
irhashalala
Ayikho into entle njengolusu losana oluthambileyo nolumpuluswa. Njengokuba luthambile ke lukwabuthathaka yaye lungaba nerhashalala namabala lula. Amaxesh' amaninzi ezi zinto azinabungozi kangako, kodwa maxa wambi kungaba luphawu lweengxaki zolusu ezixhaphakileyo ezintsaneni...
Okoomama
nootata....
u
BONA - September 2006
t
Thenga ngobulumko
Ayifikanga igalelekile iKrismesi yaye wonk' umntu uthenga izipho, iimpahla nokutya elungiselela eli xesha lolonwabo. Ukuceba ukuba uza kuthenga ntoni kungakunceda ungabi noxinzelelo lwengqondo olubangelwa lixesha leKrismesi. Nantsi indlela ongaceba ngayo...
Qala kwangoko: Bhala phantsi yonk' into efunwa lusapho, uze uqale kwangoko ukuthenga!
Shiy' abantwana ekhaya: Abantwana abakwazi ukuhamba phakathi kwabantu abaninzi. Yazi isayizi okanye iminyaka yabo xa ubathengela impahla. Oko kuya kukwenza uthenge ngokukhawuleza.
Ungaphathi
imali: Inkoliso yamakhadi eebhanki ungathenga ngawo. Oko kukongela ixesha nangona kungakudla kwiindleko zebhanki, kodwa kukhuselekile kunokuhamba uphethe imali.
Ungathengi kakhulu: Abantwana abaselula abakhathali ukuba into yeyamalini. Ungafumana iimpahla nezinto zokudlala zamaxabiso afikelelekayo kwiivenkile ezininzi. [x]
Izinto zokudlala zeBarney ezinetshokholethi ze-R29,95 inye kwaWoolworths.
Okoomama nootata....
IBarbie Sports Bag eneegum neelolly kwaWoolworths nge-R29,95.
BONA - September 2006
