xhosa.2190.yourlifeguide_positive
CINGA KWAYE UTHETHE AMAZWI AKHAYO
NDINGUMNTU okholelwayo kwiingcinga nemibono eyakhayo. Kodwa kwiminyaka eliqela eyadlulayo ndaba nomsindo kakhulu xa ndandifumanisa ukuba ndineHIV. Kwakutheni? Kaloku ndandicinga ukuba iHIV ikosulela ngokulala nabantu abaninzi.
Ngoko ndacinga ukuba ayisokuze ibosulele abantu abanjengam kuba ndanditshatile yaye ndineqabane elinye. Ndabeka ityala owayefudula engumyeni ngokosuleleka yiyo.
Umsindo endandinawo ngaphakathi wawuvuthamelana njengetyhefu, nto leyo eyachaphazela zonke iinkalo zobomi bam. Kangangokuba ndandinqwenela abulawe sesi sifo umyeni wam, singabulali mna.
Kwandithabatha iinyanga ezintandathu ukuqonda ukuba ndiyazenzakalisa ngokuba nomsindo.
Ndayamkela kancinci kancinci into yokuba akazange andinyanzele ukuba ndimtshate yaye ndandizimisele ukufumana umntwana kuye ngaphandle kokuxilongelwa intsholongwane, seso sigqibo ke esandikhokelela ekubeni ndifumanise ukuba ndineHIV.
Ndiyambulela uThixo ngokuba ndaphuma kuloo ntiyo, ndafunda ukuzixolela ndatshintsha nobomi bam.
Ndafunda iindlela zokuphila ngokuba nezenzo ezakhayo kwaye ndaqhuba nokuphila ubomi obumnandi, obusempilweni nobunemveliso - neyinto ongayenza nawe!
Zintathu iindlela zokuphila yaye ziyafuneka ukuze ufumane iziqhamo zazo. Zezi: cinga, bona, yiva (imvakalelo).
Oku kuthetha ukuba njengokuba uyicinga kwaye uyithetha, uqale uyikholelwe yaye ide ibeyiyo. Ndaqala:
Ndacinga iingcinga ezakhayo
Ndaba nemibono ekhanyayo, eyakhayo nesempilweni
Ndaziva ngendlela eyakhayo, enamandla nekhuthazekileyo.
Phambi kokuba uqalise lo msebenzi kufuneka wenze uluhlu lwamagama akhayo akwenza uzive wonwabile, uphilile kwaye unamandla. Umzekelo, ungakhetha nokuba leliphi igama elivuyisa umphefumlo wakho kula alandelayo: ukuphila, ubuhle, ukukhuthazeka, ukuzimisela, ukuba semandleni, inkululeko, umbulelo, impembelelo, uvuyo, ububele, uthando, umculo, iziqalo ezitsha, ukungeneka, indyebo, ukukhetheka, intembeko, ukungashukunyiswa, ukuxabiseka nokuziva umtsha.
YIBA NEENGCINGA EZAKHAYO
Njengokuba sendikuhlahlel' indlela, zakhele olwakho uluhlu lwamagama akhayo. Makahlale esengqondweni ude uphuphe nangawo. Le nto uyicingayo yile nto ubayiyo.
IMIBONO NEEMVAKALELO
Imibono neemvakalelo zizigaba ezibini ezingohlukaniyo. Xa ubona imibono eyakhayo uye uzive uqaqambile. Faka okuhle ukhuphe okubi. Yiba nomzimba owonwabileyo.
Inkqubo yeengcinga ezingakhiyo, iyafana neyezakhayo ntonje zona ziyaphikisana nezakhayo. Zisenza sizive siphantsi kwaye zisithintela ekubeni sibe noxolo. Oku kubeka amajoni ethu omzimba phantsi koxinzelelo nekuyinto engalunganga emizimbeni yethu.
Kuthabatha ixesha elide ukuyeka loo nto, ngoko ke kuya kukunceda ukuqalisa kwangoku.
Awunako ukonwaba ngenkani, ukanti ungazikhethela ukonwaba nokuba sempilweni. Unako! [x]
I-CD KACRISELDA
UCriselda Kananda ungumama, umkhuthazi wempilo entle nomsasazi wenkqubo yeengxoxo kwiMetro FM okuthandayo ukunik' ithemba abantu abaphila ne-HIV ngokubabalisela elakhe ibali.
KwiCD yakhe ethi Positive Talk uthetha ngokubaluleka kokuzazi imeko yakho, uchaza namagama athile ezempilo asetyenziswayo kwiHIV/AIDS, ukanti ukwacebisa nangonyango ongakhetha kulo. Ikwanengoma ethi Beautiful Woman ebhiyozela ubuhle bakho obungaphakathi.
Le CD ifumaneka kwiivenkile zakwaReliable elizweni jikelele. Ngeziny' iinkcukacha qhagamshelana noCriselda ku- info@positivetalk.co.za; fax: 086-617-5480; okanye uye ku: positivetalkservices.co.za.
UCriselda Kananda uyasinceda sikwazi ukuqonda ngeHIV/AIDS kwaye asibonise indlela yokuphila nayo!
UKUPHILA NE-HIV/AIDS
