xhosa.2181.birnam
Ukuba ngumncedisi womphathi
Sincokole nomnye ozuze iibhasari zethu zakwaBirnam College...
UPAULINE Dhlamini oneminyaka engama-21 kudala wayengenela ukhuphiswano kodwa angazuzi nto - de wangenela ukhuphiswano lweBONA oluxhaswe ngabakwaBirnam College.
Uzuze ibhaso lebhasari yokufunda unyaka omnye izifundo zokuba ngumncedisi womphathi.
UDhlamini owazalelwa wakhulela eSoshanguve eTshwane uziphumelele emagqabini izifundo zakhe.
Uthi izifundo zakhe bezimnandi yaye zinomdla.
Uyabonakala nokuba uyawuthanda umsebenzi omtsha awufundeleyo. "Xa ungumncedisi womntu ofuna umsebenzi okwinqanaba eliphezulu, oko kuthetha ukuba nawe kufuneka ukhuthale. Kubalulekile nokuzinikela kuloo nto umphathi omncedisayo akholelwa kuyo," utshilo.
Ukwenza ezi zifundo sele kumvulele amathuba emisebenzi uDhlamini.
"Ndiyakholwa ndiza kuwenza ngokugqibeleleyo umsebenzi wam kuba ndikubonisile ukuzimisela kwam ngokupasa izifundo zam emagqabini," utshilo uPauline enolugoso uncumo. [x]
BONA XHOSA - June 2007
kubhale uTEDDY GOMBA
kufote uJUDAS HLONGWANE
Ukuncedisa umphathi
