xhosa.2178.stuntman
Abantu bakowethu
Indoda ebethwayo
USensei Thulani ungumenzi wezenzo zodelo-ngozi kwiifilim, kwaye ngoku ufundisa abantu ukwenza loo nto
kubhale kwafota uMCEBISI ZULU
(iifoto zezikaSensei Thulani)
USENSEI Thulani Ndlovu owenza izenzo zodelo-ngozi kwiifilim useke isikolo ekuthiwa yiDimensional Stunt School eKapa nekusesokuqala esivunyiweyo esifundisa ngokwenza izenzo zodelo-ngozi eAfrika.
Waqala ukwenza izenzo zodelo-ngozi xa wayesenza izifundo zeNational Diploma in Perfoming Arts eNatal Technikon. Ngelo xesha wayengumdanisi ovunyiweyo nentshatsheli yaseNatal yekarati ekuthiwa yikyokushinkai.
Ukhenkethe amazwe ngamazwe aphesheya engumdanisi kwaye kuloo mazwe singabalula iGermany neIndia kwaye oko kwamnceda wafumana amava.
Wanika iCV yakhe ngo-1994 uJohn Stead owayengumnxulumanisi wabenzi bodelo-ngozi kwinkqubo yeTV ethi Sinbad eyayifotwa kweli.
UNdlovu waqeshwa kuloo mdlalo yaba kukungena kwakhe oko kwiifilim nasemidlalweni yeTV.
Lwamnceda kakhulu uqeqesho lwakhe emdlalweni wekarati. Akuzange kumqeqeshe ngokwasemzimbeni kuphela. Kwamfundisa ukuba nesimilo, ukucwangcisa izinto nokwenza udelo-ngozi angenzakali.
OLONA celo-mngeni lukhulu abajongana nalo abenzi bodelo-ngozi kuxa kufuneka baphinde badlale iindawo eziyingozi kwifilim.
Oku kufuna womelele emzimbeni kwaye ukwazi nokuba ngumlinganiswa wemidlalo. USensei Thulani unazo zombini ezo zinto kwaye ukuza kuthi ga ngoku sele edlale kwiifilim nemidlalo yeTV engaphezulu kwama-30 engumlinganiswa, umenzi wodelo-ngozi nomdanisi.
Ezo filim ziquka ethi Lord Of War (nekudlala kuyo uNicolas Cage), ethi King Solomon's Mines (edlala noPatrick Swayze), ethi Forgiveness (edlala noArnold Vosloo), ethi Pirates Of The Plains (Tim Curry) nezinye.
Umdlalo asandul' ukudlala kuwo ngothi Goodbye Bafana ongoNelson Mandela nothi Spoon ojonga iingxaki zolwaphulo-mthetho ebantwini baseMzantsi Afrika.
Kule mihla abavelisi abaninzi beefilim bathanda ukufota iifilim zabo eMzantsi Afrika ingakumbi eKapa.
Izizathu zoko kukuba ehlotyeni imini ibande kwaye izulu lisoloko lichwelile, ukanti neendleko zeendawo zokuhlala nezinye sukuba zingaxhomanga. Ngaphezulu koko zininzi neendawo eningafotela kuzo - ezintabeni, elwandle, kwimiyezo yediliya nakwisixeko esikhulu esinezakhiwo ezahlukeneyo.
OKO ke kubangele bafunwa kakhulu nabenzi bodelo-ngozi abaqeqeshiweyo, ngoko uSensei Thulani uye wabona imfuneko yesikolo esiqeqesha abenzi bodelo-ngozi abaza kuqeqeshwa kwizakhono ezithile zalo msebenzi.
Ulisebenzisile elo thuba waza waseka iDimensional Stunt School.
Amava akhe kulo msebenzi nokuzimisela kwakhe kwinto ayenzayo kwenze esi sikolo savula iingcango okokuqala ngo-2002.
Esi sikolo siqeqesha abantu abomeleleyo emzimbeni abahlelelekile ekwenzeni izenzo zodelo-ngozi ukuze babe nako ukudlala kwiifilim nemidlalo yeTV.
"Siziqhwabel' izandla iinzame zeDimensional Stunt School zokuvelisa abenzi bodelo-ngozi abaqeqeshwe bavuthwa," utsho uMartin Cuff weCape Film Commission.
Abafundi baso baqeqeshwa nzulu iiveki ezili-12 kwimiba eyahlukeneyo yokwenza udelo-ngozi equka ukhuseleko, intsebenziswano, ukuziphatha, iindlela zokuwa, ezokubhukuleza, ezokulwa nokuphath' izixhobo.
Indlela uSensei Thulani abaqeqesha ngayo abafundi besikolo sakhe inobubele kwaye ayibothusi, kodwa akudlaliswa. Yena ungaphezulu nje kokuba ngumqeqeshi; ungumzekelo nomkhulisi wabantu abaqeqeshayo.
Uthi yena "uyindoda yosapho" kwaye uthi amandla akhe, udlamko nokuzimisela ukufumana kowakwakhe onothando ophinde abe lihlakane lakhe kwezoshishino, uMalika.
"Umzimba ndiwubona njengetempile, into esingazibonakalisa ngayo nento eqondakala lula kumntu wonke," utsho. Akumangalisi ke ukubona ukuba ukhethe ukusebenza nokuqhagamshelana nabantu ngento ebonakalayo, nangokuzama ukugqithisela isakhono sakhe kwabanye abantu ukuze nabo basifundise abanye abantu. [x]
BONA XHOSA - December 2006
EKHOHLO: USensei Thulani ebila esoma kufotwa ifilim.
BONA XHOSA - December 2006
NGASENTLA: UThulani nowakwakhe olihlakane lakhe kushishino, uMalika nosapho lwabo.
EKHOHLO: Nangona ukuba ngumenzi wodelo-kufa kuthetha ukuba nguwe obethakalayo amaxesha amaninzi, awunakuthanda ukulwa noSensei Thulani.
