xhosa.2162.legal
INGXAKI: Ndijongene netyala kwintlanganiso yokwalulekwa. Ndiza kubona njani ukuba kulandelwa inkqubo eyiyo? Ingaba okumele ukwenziwa kukuba kulandelwe inkqubo eyiyo kuphela - umkhethe wona? Ingaba bona ubungqina abufuni ngqwalasela? Kwaye ingaba ndiza kulufumana uncedo lwakwaCCMA okanye lweNkundla yaBasebenzi ukuba ityala liye landichitha? Ziziph' izinto ezingenza isigqibo sijikwe?
BK, Komga
IINGCEBISO ZESCORPION:
Ukuze ukugxotha kube kokusemthethweni, ezinye zezinto ezifunwa ngumthetho kukuba inkqubo yoluleko iqhutywe ngendlela kwaye ingabi namkhethe. Oko kuthetha ukuba kufuneka kuyiwe ngqo kumongo wetyala kuze kujongwe ukuba umntu ugxothwe ngokufanelekileyo na kunokujonga inkqubo elandelweyo.Ngamanye amazwi, izityholo ezibubuxoki azinakuyenza intlanganiso yokwaluleka ibeyimpumelelo.
Xa kubekho isibheno, kuza kuqwalaselwa la manqaku:
Ukuba umsebenzi ubewazi na umthetho atyholwa ngokungawulandeli?
Ingaba ubungqina obukhokelele kwesi sityholo bobuphathekayo na okanye ngundiva?
Ingaba wona lo mthetho uyonelisa kwaye uyanyamezeleka nakweyiphi na imeko?
Ingaba ukophula loo mthetho kubi kangangokuba kungade kugxothise - ngamany' amazwi, ingaba isohlwayo silifanele ityala?
Ngaphezulu, umqeshi uyazi ukuba ukugxotha awunakukubaleka kwaye akumkhululi ukuba angayihlali intlanganiso yokwaluleka anike umsebenzi ithuba lokuzithethelela kunye nokubiza amangqina.
Eyona nto ibalulekileyo nenyanzelekileyo kukungamkeli ubungqina obungenasihlahla obunokuba buphenjelelwe ziimvakalelo zabantu ezingendawo.
Usihlalo wentlanganiso yoluleko umele akwazi ukuxhathisa kuxinzelelo lwabaphathi bakhe lokuba amgxothe umsebenzi.
Kunzima ukulandela nokumamelisisa iintetho macala omabini ngaphandle kokukhetha nokutshiwo ngamangqina. Nkqu neejaji zeNkundla ePhakemeyo ezinamava eminyaka ziyazenza iimpazamo.
Yiloo nto bubalulekile ubungqina nakweyiphi na inkudla, hayi inyaniso. Ungafunga uthi uza kuthetha inyaniso kodwa xa bungekho ubungqina obuxhasa oko, inkundla ayinakukukholelwa. [x]
Intlanganiso yokwaluleka
EYIMPUMELELO
Thumela ingxaki yakho yomthetho ku -BONA Legal Advice, Box 32083, Mobeni, 4060 - uya kufumana ithuba lokuxoxa negqwetha imizuzu engama- 30 ngaphandle kokuhlawula, kwi-ofisi zalo naphi na kweli okanye emnxebeni.
Sizamile ukuqinisekisa ukuba ufumana iingcebiso ezizizo. Kodwa ityala netyala lifuna ukuphandisiswa kwaye abeScorpion Legal Protection (Pty) Ltd, igqiza labacebisi neBONA nabashicileli bayo abanakubekwa tyala ngelahleko engafunyanwa ngumntu osebenzise iingcebiso zalo mhlathi.
AMANDL' OMTHETHO
ABAFOTIWEYO BAYALINGANISA
AMANDL' OTHANDO
Ukohlukana
Ukohlukana nomntu wakho akuyonto ilula, kodwa iingcali zithi okulungileyo kukuba nobuchule bokuthetha, ungenz' izinto ngenkohlakalo - naku omawukwenze nomawungakwenzi...
OMAWUKWENZE:
Qiniseka ukuba ngenene ufuna ukwahlukana naloo mntu phambi kokuba umxelele. Kuya kukunceda ukucinga nzulu ubhale nezizathu.
Dibana neqabane lakho kwindawo engenangxolo apho niza kuthetha nikhululeke. Aninakuthetha ngalento endaweni yokutyela - okanye kwakho nakwakhe.
Nyaniseka. Mxelele isizathu esibangela ubuphelise ubuhlobo kwaye uqiniseke ukuba uyazi ukuba akukho nto angayenza ukutshintsha ingqondo yakho.
Mnike ixesha lokuba acinge aze afikelele ekugqibeleni naye. Thethani ngekamva lenu. Ukuba ninabantwana, mhlawumbi kuza kufuneka nibe ngabahlobo ukuzama ukuncedana nabantwana.
Lixelele iqabane lakho ukuba uya kusoloko uzikhumbula izinto ezintle ngalo, kodwa maliqonde ukuba ukulungele ukuqhubeka
nobomi bakho.
MUSA:
Ukuvusa amatyala akudala.
Ukuxoka okanye ujikeleze ungathethi ngqo, njengokuthi "ayinguwe, ndim," okanye "Ndidinga ithuba lokuba ndendwa."
Yitsho ukuba izinto phakathi
kwenu azilungi.
Ukumthengela isipho sokumxolisa okanye ulungise isidlo sezithandani xa uza kumxelela.
Ukuvele ungamhoyi umntu wakho ngethemba lokuba uza kuzifundela kwezakhe. Oku kuza konakalisa ngakumbi kwaye kumvise ubuhlungu.
Ukumthumelela iSMS, okanye umshiyele umyalezo kwiFacebook!
Ukuvumela iqabane lakho likujike ingqondo lithi hlala xa unezizathu ezivakalayo zokwahlukana nalo. [x]
BONA XHOSA August 2008
