xhosa.1410.soccer
IBHOLA
BONA XHOSA July 2008
Iqela lebhola
"Ndiyakholelwa kwizicwangciso zexesh' elide. Xa ndandiqala ukuba ngumqeqeshi webhola, ndazixelela ukuba ndifuna ukuqal' ukuzuza iindebe xa ndineminyaka engama-50," utsho uNdlazi.
"Kweli bakala lobomi izinto uzibona ngokwahlukileyo. Umntu ngamnye umbona efanele aphathwe ngokwahlukileyo. Ndenza loo nto ke ebadlalini xa ndibaqeqesha. Umdlali ngamnye ndiba nexesha lakhe, ndimnike nesithuba sokubonakalisa italente yakhe.
"Ngale ndlela ndibenza bazibone bexabisekile kuze oko kubenze bayikhuphe yonke italente yabo.
"Loo nto ke indiphathisa ngentloko xa sekufuneka ndikhethe abadlali abaza kudlala. Kaloku impumelelo yeqela ebaleni iqala kumqeqeshi.
"Xa ungumqeqeshi kufuneka ukwazi ukuziphatha wena kuqala. Ukugcinwa kwexesha yeny' into ebalulekile xa ufun' iziphumo ezihle.
"Nobuqu bakho bubalulekile kulo msebenzi. Kholelwa kuhlobo lwebhola eliyidlala kakuhle iqela lakho - nokuba ziibhola ezinde okanye ezimfutshane na - kufuneka nigxininise kwibhola evumela nina.
"Wufunde umdlalo, uzazi nezinto abomelele ngazo nababuthaka-thaka kuzo abadlali, uyazi nendlela yokubasebenzisa.
"Mna ndingumqeqeshi okholelwa kwinto endiyibiza 'ngomqolo' weqela. Loo mqolo ke wenziwa ngunozinti iswipha, icentral defender, umdlali wasesiswini nowaphambili.
"Xa ungekho loo mqolo alomeleli iqela.
"Okokugqibela, khumbula ukuba abadlali bafuna ukunconywa nokubulelwa lonk' ixesha xa bedlale kakuhle."
NANGONA iqela leMpumalanga Black Aces libethwe ngo-1-0 kwifayinali yeNedbank Cup ebingomhla wama-24 kuMeyi, ukufikelela kwayo kwifayinali kube yimpumelelo enkulu kuyo. Kaloku eli qela bekungekho mntu ubelazi kangako nobelihoyile ngaphambi kwale midlalo kuba liqale ukubizwa ngeli gama ekuqaleni kwesizini ka-2007/08.
Kodwa ngoku laziwa nanguthathatha emva kokwenza into yamehlo kukhuphiswano lweNedbank Cup.
Nangona abanye abadlali balo abanjengoMichael Babale, uFelix Musasa, uLucas Tlhomelang, u-Isaac Mabotsa, uMandla Zwane, uKabamba Musasa nabanye beke badlalela amaqela ePSL, ukanti abambalwa bekhe badlalel' iCity Pillars, akukho mntu ubecinga ukuba iqela leFirst Division lingafikelela kwifayinali. Nkqu nabalandeli balo baseMalahleni (eWitbank) bebengalindelanga mimangaliso kulo.
Kodwa uKenny Ndlazi ongumqeqeshi weli qela laziwa nangokuba ngaMaziyoni ubezibona ngoluny' uhlobo izinto.
"Xa ndandiqala ukuqeqesha eli qela ndandisazi ukuba singafikelela kwifayinali yolu khuphiswano," utsho.
Uthi mininzi imiceli-mngeni ebelijongene nayo xa ebeqala ukuliqeqesha kwisizini ka-2007/2008, kodwa uthi oko kwamnceda.
"Ukujongana naloo miceli-mngeni nokuyisombulula kwasenza samanyana yaye kwabakhuthaza nangakumbi abadlali.
"Sahlala phantsi njengamadoda sathetha ukuze sikwazi ukudlala njengeqela elimanyeneyo.
"Kwasinceda nokuba neqela elinabadlali abaselula nabadala anjengoFelix Musasa. Kaloku abadlali abasebatsha kufuneka ubakhe ubafundise nokuzithemba njengabadlali bebhola," utshilo uNdlazi okholelwa kubadlali abaselula.
Amandla nokuzimisela kolutsha kudityaniswe nobulumko namava amagqala - yilo nto ke afike wayenza kwiBlack Aces uNdlazi.
"Abadlali abanamava ngabo ababonis' indlela abadlali abaselula ukuze bazikhuphe zonke iziphiwo zabo.
"Nabadlali abaselula bazimisele ukufunda kubadlali abanamava kwaye yeyona nto leyo sibhubhisa ngayo amanye amaqela."
Ukwathe nendlela abaphatha ngayo abadlali bakhe yohlukile kwabany' abaqeqeshi.
"Ndifunde ukuphath' abadlali njengabantwana bam. Ndiyamamela xa bendixelela iingxaki zabo zobomi, ndihlale phantsi nabo sithethe njengamadoda. Ndisoloko ndibakhumbuza ukuba asiloqela nje lebhola, silusapho," utshilo uNdlazi.
"Ngunyaka wesibini lo ndiyikapteni yeli qela kwaye ndanelisekile. Andinangxaki kuba abadlali banentsebenziswano kwaye bayamamela xa ndithetha nabo," utsho uFelix Musasa waseDRC owake wadlalel' iPirates.
"Abadlali abadala abanamava ngabo abakhombis' indlela abaselula. Bazimisele ukufunda kuthi kwaye oko kwenza kubekho imvano kweli qela.
"Emva kokuwina umdlalo wokuqala kwiNedbank Cup saqonda ukuba singaya kude kolu khuphiswano. Besizimisele ukuzibonakalisa ukuba singawabetha amaqel' amakhulu.
"Umqeqeshi wethu ngoyena wenza eli qela lomelele kuba ufana notata wethu. Uyakwazi ukuthetha naye ngokukhululekileyo xa kukho into ekukhathazayo. Asenzanga ngamlingo ngokungangenelwa nqaku emidlalweni emihlanu ngaphambi kwefayinali," utshilo uMusasa.
ULucas Tlhomelang naye wayedlalel' iPirates efanel' ukuba iyazisola ngokumyeka ahambe kwaye uthi wonwabile kwiBlack Aces.
"Apha siyakhuthazana sinikane namacebo xa sidlala. Akukho mdlali uzibona eyimbalasane, sibaluleke sonke ngokwemisebenzi yethu.
"Ebaleni sidlala ngokwemiyalelo yomqeqeshi kwaye siyancedisana," utshilo uTlhomelang.
Ukunqunqel' egoqweni amaqela ePSL kweBlack Aces ibe idlala kwiFirst Division kubonise ukukhula kwebhola yeli nokuba abadlali abanesiphiwo bakhona kuwo wonke amanqanaba ebhola yeli. [x]
AMACEBISO OMQEQESHI OYINGQONDI
elivuth uzayo
Iqela leMpumalanga Black Aces lothuse umzi ngokubeth' amaqela amakhulu kukhuphiswano lweNedbank Cup, kwaye nangona Amaziyoni ede abethwa kwifayinali yale ndebe, ngenene yibhola yaseMzantsi Afrika ezuzileyo ngolu khuphiswano... Kubhale uSteven Makhanya
BONA XHOSA July 2008
