xhosa.2128. lesego
Incoko noLesego
weSidingo
ULesego Motsepe utsho oma emqaleni kwigqala eliyintatheli yethu, wasuka wamtenda ngesuphu yebhathanathi. Funda uzivele ngokwakho... Kubhale uPule wa Sekano
XA uthabathekile emntwini othile ophambi kwakho uyayitya nento ongayithandiyo. Andiyithandi isuphu yebhathanathi kwaye bendingacingi nokuba ndiya kuze ndiyitye... Kodwa ndim lowo ngale mini ndizibone sendisitya loo suphu ndiyibukulayo.
Kunjalonje bendimamele nokuba lifanele libenjani ibala layo nokuba ifanele ijiye kangakanani. Ndixelelwe nendlela ongayihombisa ngayo kwisitya ngasinye ngokugalel' itispuni yekhrim nentwana yeparsley enqunqisisiweyo.
Ndandingatsho ukuba ndim endingathabatheka kangaka "yisuphu yebhathanathi" ndide ndibhale nangayo - kaloku ndide ndafumana neresiphi yayo.
Kufuneka ubeneebhathanathi ezimbini eziphakathi, i-apile, amatswele amabini, 50g yebhotolo, malunga netispuni nesiqingatha semedium curry powder, i-40g yecake flour, intwana yeground nutmeg, iichicken stock cubes ezimbini, i-500ml yobisi nesiqingatha setispuni yetyuwa...
Phofu ke bambalwa abantu abaya kuba nesona sithako esenze isuphu yam yayeyona imnandi ehlabathini - ubukho bukaLesego Motsepe. Kaloku nguye le ngelosi endithabathekisileyo ebendithetha ngayo.
Ndisuke ndangazi nokuba ndiyibuze ntoni le nzwakazi engomnye wabalinganisi bokuqala beSidingo ukuqala kwalo mdlalo kwiminyaka eli-10 eyadlulayo noza kube egqibelisa ukuvela kulo mdlalo ngomhla wama-26 kuSeptemba. Kaloku bendiyele ukuyokubona uLesego wokwenene nesele siqhele ukumbiza ngoLettie Matabane, ndingayelanga ukuyombuka nje (nokuyotya isuphu yebhathanathi).
Ndincokole naye ngezono zenyama bethu okanye ndimbuze ngeendaba zehlabathi" Ndimbuze ngamahla-ndinyuka omsebenzi wolonwabo" Okanye mandibuze izimvo zakhe ngobushushu obubangelwa lungcoliseko lomoya (iglobal warming), ukunqongophala kokutya, ngoRobert Mugabe nangomhlaza webele"
Ndisuke ndangazi ukuba mandincokole ngantoni naye, kwasuka kwacim' izibani. Ihleli ke le nzwakazi kweliny' icala letafile ebinezitya zethu zesuphu yebhathanathi, ilindele ukuba ndiqale udliwano-ndlebe lwethu.
Mhlawumbi masiqale ngokuba waqala nini ngomsebenzi wakhe...
"Ndakhulela kusapho esasikhuthazwa ukuba sibonise isiphiwo sethu ngokuzoba nokwenza imibongo," utsho uLesego.
"Ndisemncinane ndandikuthanda ukuba kwimisitho endiza kucula okanye ndidanise kuyo. Waqala apho umsebenzi endiwenzayo.
"Ukudlala kwimidlalo yeqonga nekamabonakude kundenza ndiphelele ndivuyele nokunconywa ngabantu."
Ngo-1990 wafuman' ithuba lokuqala lokudlala emdlalweni weTV. Wayedlala indawo yengcaphephe yeekhompyutha emdlalweni othi Horizons.
Yintoni eyamenza wayovavanyelwa ukudlala kwiSidingo" "Yayilithuba elimnandi lokubonisa ngosapho lwabantsundu olunothando, isimilo, imali encinci nokuzimisela," utshilo uLesego.
Eyona nto ebeyithanda ngendawo ebeyidlala kukuba nobubele. Kodwa uLesego wokwenene uyakwazi ukutsho into ayifunayo.
ULesego usandul' ukuchongwa yinkampani eyenza izithambiso njengendumasi esisithethi sayo kumaphulo okunceda uluntu.
Elinye lalo maphulo kukufundisa abantu ngokuxilongelwa umhlaza webele nekuyinto emchukumisa kakhulu uLesego.
"Abantu abantsundu bebekade bengayithandi into yokuthetha ngokuphandle ngamabele nangomhlaza webele. Ngoku lixesha lokuba sithethe phandle ngemiba enjalo ukuze kuncedakale amabhinqa," utshilo.
Njengokuba ke efundis' abantu ngomhlaza webele, uthini ngokrexezo" Kaloku oko sikubona rhoqo emidlalweni kamabonakude - kusenziwa ngabadlali bayo - ingaba yinto abayikhuthazayo eluntwini" Uvakele ukuba uyilumkele indlela aphendula ngayo. Phofu ke ndiqaphele ukuba imibuzo engemiba ethile uyiphendula ngocoselelo. "Nina zintatheli ninento yokubhala into umntu angayitshongo," utshilo.
Emva koko ubuyele embuzweni wam... "Inkoliso yabantu abanabantu abathandana nabo bayachaphazeleka ngandlela ithile lukrexezo - kuyenzeka ubengumenzi walo okanye ubelixhoba lako." Iyinyaniso into ayitshiloyo. Imidlalo yeTV asiyiyo eyenza abantu bakrexeze, qha ibonisa izinto ezenziwa ngabantu.
Nangona kunjalo uNkszn. Motsepe akafunanga kutsho ukuba yena wakhe walixhoba lokrexezo na okanye kwaba nguye okrexezayo.
Manditsho kona ukuba akabonakali engumntu ongayenza loo nto - nam anditshiso kukuba endithabathekise de ndaty' isuphu endingayithandiyo.
Xa udlan' indlebe nomdlali wemidlalo, ugqibela ungazi nokuba "ungumlinganiswa" amdlalayo na ngoku nithethayo okanye unguye buqu.
Phofu ke sonke sizama ukuvez' icala elihle lethu xa sithetha nabantu esingabaziyo.
wazenzela njani igama emsebenzini oboyisileyo abantu abaninzi"
"Andinako ukuthethela abany' abantu kuba andazi ukuba bona badibana neengxaki ezinjani. Kodwa abantu abanqwenela ukuba ngabadlali beTV ndibaxelela ukuba baye kukufundela.
"Abantu bangandibona ndiphumelele, kodwa mna ndisoloko ndifuna ukugqithela phambili kwizinto esele ndiziphumezile.
Kwincoko yethu ndifumanise nokuba uLesego wenz' izifundo zedrama eFederated Union Of Black Arts naseTshwane University Of Technology nokuba uza kudlala emdlalweni kaZakes Mda kungekudala.
Ndisigqibile isitya sam sesuphu yebhathanathi emva koko sohlukana nale nzwakazi... [x]
ABANTU BETHU
EBESINGAKWAZI NGAYE
Eli nenekazi liyakuthanda kakhulu ukufunda kwaye iincwadi azithandayo zingabakhwankqisa abany' abantu, kodwa lona liyakwazi ukuzithethelela.
"Phakathi kweencwadi zam, ndineencwadi ezingooHitler, u-Idi Amin, uRobert Mugabe neziny' inkokeli ezingoozwilakhe. Kaloku ezi nkokeli zisibonisa izinto abangafanelanga bazenze abany' abantu," utshilo.
