xhosa.2111.lettermay
Time for some respect
Funerals were once solemn affairs. A funeral was a time to show your respect and to begin working through your pain.
These days, however, a funeral is seen as party time.
Let's see some sense of dignity returned to our funerals.
MM, Lesotho
Ezuze i-R100
Sonke sinetyala
NGCALI ithile yengqondo yakha yathi: "Abantu bayalucaphukela ulwaphulo-mthetho xa bedibana nalo okokuqala. Ukanti xa belubona okwethutyana, bayaluqhela baze bakwazi ukulunyamezela.
"Kodwa xa belubona ixesha elide, bagqibela sele beluthanda."
Lixhome kakhulu inqanaba lolwaphulo-mthetho kweli - kodwa okona kuxhalabisa kakhulu kukuba olona lwaphulo-mthetho luninzi lunodushe.
Ulwaphulo-mthetho ngumcimbi ontsokothileyo, kodwa inye into ecacileyo: sonke sinetyala xa kuthethwa ngalo. Xa ndisithi "sonke" ndithetha urhulemente, amapolisa noluntu ngokubanzi.
Urhulumente unetyala kuba awubonakali uzimisele ukulunqanda. Uninzi lwamapolisa eli anembopheleleko kwiSAPS. Ayawenza umsebenzi wawo noxa ejongene neengxaki eziliqela.
Nangona kunjalo akho amapolisa angamaqhetseba anceda izaphuli-mthetho ngokuba iidokethi, ngokuzithengisela imipu nokwenza obunye ubuqhetseba.
Uluntu luncedisa kulwaphulo-mthetho ngokuthenga impahla emaseleni nangokungaxeli izaphuli-mthetho emapoliseni.
Masilwe nolwaphulo-mthetho ngokubambisa izaphuli-mthetho esihlala nazo nkqu nokuba zizalamane zethu.
nguMphikeleni Mahlangu, ePhase 5
Iileta Zenu
Kubhekiswe kubemi beli
Masiyeke ukukhala nokugxeka urhulumente, masiziqalele thina imisebenzi.
Ndandifun' ukuqhubeka nokufunda kodwa ekhaya kungekho mali. Andizange ndililahl' ithemba, ndasebenza nzima kwaye namhlanje ndingusomashishini onempumelelo.
Ndenza endandikwenza, abahlobo bam bendihleka bendilukuhla. Ishishini lam laqala ngamabhengele entsimbi, amakhethini, amalaphu eetafile neebhegi. Ngoku ndinenkampani yokwakha.
Yekani ukukhalaza - nivuke nizenzele!
nguAZ, eDibeng
Ngaba uThixo uyilahlile iAfrika"
Ilizwekazi laseAfrika lidlakazwa ziimfazwe zobukhaya, ukubulawa kwabantu nokutyiwa kwemali ngobuqhetseba.
Alukho uzinzo emazweni amaninzi. Maninzi amabhinqa nabantwana abangenatyala abangamaxhoba ezi meko.
Sifanele sizibuze ukuba: "Ngaba uThixo uyilahlile kusini na iAfrika""
Izinto zendalo ziyaphela ukanti nelizwekazi lethu liyaphuma endleleni.
Ngaba buya kuze buphele ubuhlwempu nokulwa"
Xa uThixo engangeneleli mancinane amathemba okuba eli lizwekazi liya kuze lilunge.
Aluta continua! (Umzabalazo uyaqhubeka)
nguMM, eSoweto
Thethani ngesondo
Abazali bethu bazama kangangoko benako ukusifundisa umahluko phakathi kokubi nokulungileyo. Nangona kunjalo babaneentloni ukuthetha nathi ngemiba yesondo.
Kubo ukubiza nje igama elithi "isondo" kuba ngathi utsho isithuko esikhulu. Kodwa siva rhoqo abazali bekhuthazwa ukuba bathethe nathi ngemiba yesondo. Boyika ntoni ukuthetha ngalo" Baqal' ukukhathazeka sakungena ezingxakini - kube sekonakele.
nguM Moya, eBhayi
BONA XHOSA - May 2007
Ukuze uphalaze izimvo zakho:
bhalela apha: Iileta eziya kuMhleli,
Box 32083, Mobeni,
4060, South Africa
ifeksi: 031-912-2720
okanye i-e-mail:
bona@dbn.caxton.co.za
u
Iileta Zenu
t
Yekani ukuxhaphaz' iimoto zikarhulumente
Ndisoloko ndibon' iimoto zikarhulumente zixhatshazwa ngabantu abaphangela kuye. Makwenziwe okuthile ngale ngxaki.
Makuvalwe iindlela ukuze kubanjwe abantu abasebenzisa iimoto zikarhulemente kwimisebenzi yabo. Ezi moto zithengelwa ukunced' uluntu ngokubanzi, kodwa abasebenzi bazithatha besithi baya kusebenza ngazo batsho besiya ngazo ezipatini.
Kufuneka kubekho isohlwayo ukuze kupheliswe olu hlobo lorhwaphilizo. Noluntu kufuneka lubaxele abasebenzi bakarhulumente abaxhaphaz' iimoto kuba yimali yabarhafi.
nguPapikie, eKoringpunt
Amacebiso amahle
BONA XHOSA - May 2007
(1) Engqondweni yakho zibone uzalisekisa amaphupha ozibekela wona. Zibone uwaphila amaphupha akho. Nokuba uyintoni na umnqweno wakho ebomini, eli linyathelo elikhulu ekuzalisekiseni loo mnqweno.
Ukuba nomfanekiso-ngqondweni kuvala isithuba esiphakathi kwendawo okuyo ngoku nofuna ukuba kuyo kwixesha elizayo.
Oko kukwenza ubon' ukuba izinto ezithile ungaziphumeza.
nguLebogang Mpudi, KwaXuma
(2) Masibaphathe ngembeko abazali bethu. Ungabaxokisi okanye ubabele. Ngabo abakunika ubomi, wena ke banike intlonipho ebafaneleyo.
nguAD, Ekangala
Esona silwanyana siyingozi
Kuzo zonke izidalwa ezisemhlabeni, umntu usesona siyingozi kakhulu. Ubukho babantu abuyongozi kweziny' izilwanyana kuphela, koko bayingozi nakwabany' abantu.
Kaloku ngabantu izidalwa ezidlwengulayo zize zibulale amabhinqa nabantwana abangenakuzikhusela.
Ufika sisithi siyathandana, kodwa ngaphakathi sibe sizele inkohlakalo, intiyo neziny' iingcingane ezingcolileyo.
Vukani bantu baseMzantsi Afrika! Ngaba yeyona nkululeko le"
nguMakhosonke Mkhaliphi, ePiet Retief
Baboniseni uvelwano
UKUGXIBHA amabhinqa athengisa ngemizimba kusenza silibale ukuba nawo angabantu. Xa sikulibala oko siyafana nabantu abawabona njengezinto zokulala namadoda ukuze anelise inkanuko yawo.
Masikhumbule ukuba amabhinqa amaninzi angena engathandi ekuthengiseni ngemizimba. Uninzi lwawo ayadlwengulwa, abethwe okanye asetyenziswe ngenkani.
Ngaphandle koko amanye athengisa imizimba ukuze ondle iintsapho zawo.
Masibonise uvelwano kula mabhinqa.
nguAndrew Noge, eAlexandra North [x]
QAPHELA
ABAFUNDI bamel' ukuba baqaphele ukuba ixabiso lethu lenyuke kancinane layi-R7,45.
Oko kuthetha ukuba siza kukwazi ukuniphathela iBONA ephuculiweyo enomva osiskwere neshicilelwe
kwiphepha elisemgangathweni.
Ungalisebenzisa
igama ozithiye lona xa
usibhalela, kodwa sicela usinike igama lakho lokwenene nedilesi yakho. Asitsho ukuba siyavumelana nazo zonke izimvo zabafundi kula makhasi, kwaye sinelungelo lokuzihlela ezo
siza kuzipapasha.
