xhosa.2106.metropolitan
inqaku lentengiso elixhasiweyo
NGOLWAZI OLUZELEYO: Tsalela iMetropolitan Life Contact Centre ku 0860-724-724.
ABANTWANA beza novuyo nothando - kodwa ukubakhulisa kungena nzulu epokothweni, zitsho iingcali zemali.
Xa ufikelela kwisigqibo sokuba nomntwana zinike ithuba ubale imali oza kuyichitha xa ukhulisa umntwana wakho de abe neminyaka eli-17 - kaloku imali yesikolo inyuka minyaka le. Kufuneka uqalise ukonga imali yokumfundisa engekazalwa.
Umzekelo, xa uqalisa ngokonga i-R300 ngenyanga kwinkonzo yotyalo-mali ekunika inzala ye-10 phesenti kwiminyaka emibini ngaphambi kokuba ube nomntwana uze uqhubeke nokonga le mali de abe neminyaka emihlanu, uya kuthi xa eqalisa esikolweni ube sele wonge i-R35 970. Khumbula ezi zinto zilandelayo xa usonga imali yokufundisa umntwana wakho:
Ungongi imali elingene imali yezifundo kuphela, koko ilingane neencwadi, iyunifom neziny' izinto ezifana nemidlalo.
Ngokuya ekhula umntwana ziyanda iindleko zokumfundisa.
Yonga kwinkonzo ekunika inzala ye-10 phesenti ngonyaka kuba iindleko zokufunda zinyuka ngaphezu kwento yonke.
Zazi iinkonzo zokonga imali
u Iipolisi ze-endowment: Indlela eqhelekileyo yokongela umntwana wakho imali yokufunda yipolisi eyenziwe ngokukodwa yinkampani ye-inshorensi efana neFutureBuilder Education Plan yakwaMetropolitan Life.
Olu hlobo lweepolisi lukunika ithuba lokuzikhethela unyaka ofuna ukuyifumana ngawo le mali - unyaka ocinga ukuba uza kuhlawula imali eninzi ngawo esikolweni.
Olu hlobo lweepolisi lukunika inzala kwaye luyakubophelela ukuze uzihlawule qho izavenge zenyanga de lifik' ixesha lokufuman' intlawulo. Qiniseka ukuba uza kumelana nokuhlawula ezi zavenge kungenjalo xa uyeka phakathi uza kuhlawuliswa isohlwayo.
Ezi polisi ziyamnceda umntwana wakho xa ungxwelerheka lo gama usahlawula izavenge zenyanga. Uyakhetha phakathi kokuba ancedwe umntwana wakho xa usweleka okanye xa ungxwelerheka nto leyo ithetha ukuba nkqu nokuba awusakwazi ukuqhubeka nokuhlawula izavenge zenyanga, iza kuqhubeka nokuhlawulwa ipolisi yakho de kufike ixesha lokufuman' imali yakho.
u Ii-Unit trust: Ziyindlela elula nefikelelekayo yokusebenzisa iimalike zemali ukuze ufumane inzala entle nokuba amandla emali ehlile. Uzibekela wena imali omawuyonge kwaye uyifumana ngexesha elithandwa nguwe ngokuthengisa ii-units zakho xa sele uyifuna imali.
Kufuneka ube uyakwazi ukuzibamba xa usonga ngolu hlobo kuba awutyikityi sivumelwano ngoko kungalula ukuyeka uze utshabalalise ikamva lomntwana wakho.
Ceba kakuhle kwaye uzimisele xa ulungiselel' umntwana wakho ikamva eliqaqambileyo.
Xa uceba kakuhle uza kukwazi ukunced' umntwana wakho afumane imfundo ekwinqanaba eliphezulu. [x]
BONA XHOSA - September 2007
Yongela imfundo yomntwana
Yonga imali yokufundis' umntwana wakho ukuze afezekise amaphupha akhe
Yimalini omawuyonge
Iminyaka 0-5: Xa umntwana wakho ehamba ikhreshi eneenyanga ezili-18 lindela ukuhlawula ubuncinane i-R800 ngenyanga okanye i-R9 600 ngonyaka. Ukuba le mali inyuka nge-10 phesenti ngonyaka uhlawula kanje:
Unyaka 1: R9 600
Unyaka 2: R10 560
Unyaka 3: R11 616
Kwiminyaka emithathu umntwana wakho efunda ekhreshi uchitha i-R31 776.
Ithelekelelwa kwi-R22 636 imali yokufundisa umntwana ekhreshi kwiminyaka eli-10 ezayo.
Iminyaka 5-7: Izikolo zikarhulumente zihlawulisa malunga ne-R500 ne-R1 000 ngenyanga. Xa uthelekelela le mali kwi-R750 ngenyanga nantsi imali oza kuyichitha:
Unyaka 1: R9 000
Unyaka 2: R9 900
Unyaka 3: R10 890
Kwiminyaka emithathu efunda kumabanga asezantsi kufuneka ube ne-R29 790.
Ukusuka kuGrade 1 ukusa kuGrade 12 ungachitha malunga ne-R190 000.
Ungachitha malunga ne-R250 000 kwiincwadi, iyunifom, utyelelo nesikolo nemidlalo.
BONA XHOSA - September 2007
