xhosa.2088.robberies
Xa usebenzisa amayeza ukulwa namapolisa
IBONA IYAPHANDA
NGELIXA abanye abantu bekugxeka ukusetyenziswa kwamayeza esintu, izikrelemnqa zona zikholelwa kakhulu emagqirheni nasemandleni eyeza. Kwizikrelemnqa ezininzi amayeza abaluleke ngokufanayo nemipu neemela ezizisebenzisayo ukuhlasela abantu.
Amapolisa nawo athi, izaphuli-mthetho ezininzi ziquqa emagqirheni. Kuqala kubakho uloyiko lokubanjwa, into ezizama kangangoko ukuyiphepha ezi ntsizana ezisoloko zithathwa njengabantu ababi, kuba kaloku loo nto ithetha ukuba baza kukhe bathi xha ekudlwenguleni nasekuphangeni okwethutyana.
Ngoko ke kuyiwa kumagqirha "anobubele" ukuze agxothe "utshaba," amapolisa ke ukutsho.
Indlela eqhelekileyo ke xa "unyangwa" iquka "ukuhlanjwa" uthenge nentambo yesihlahla eneyeza. Emva koko uba ngumoya, ungabonakali emehlweni amapolisa.
Ingaba oku kuyenzeka?
Kuya ngokuba ubuza kubani.
Kwixesha nje elingephi elidlulileyo, amapolisa abamb' iqela labaphangi abali-19 ebebexhobe befohlele, bengekafumani nethuba lokuphefumla eWhite City eSoweto.
Kodwa kwiintsuku ezimbalwa emva kweso siganeko elinye iqela laphang' ibhanki yaseNorthcliff eJoburg, labaleka neengxowa ezizele imali.
Ngubani obesebenzisa iyeza, ingubani obengalisebenzisi kwaba? Athini amagqirha xa abanye babantu babo bebanjwa?
"Lithamsanqa nje lamapolisa okanye ukungakhathali kwabaphangi," litsho elinye igqirha.
Yima ke, akumelanga ibe lilo iyeza elinqanda kanye izinto ezinjalo zingenzeki, lisuse ithamsanqa elo?
Uthini ngoorhunta abaphanga inqwelo yemali e-East Rand? Ababexhobe ngemipu befake neebhengile ezineyeza nabo...
... Kwaye bonke babanjwa kwiintsukwana ezimbalwa, emva kophango.
"Likhona lingekho iyeza sakwazi ukubabamba," utshilo owayesisithethi samapolisa ngelo xesha, uSuperintendent Eugene Opperman.
Kanti ngo-2006 abaphangi bahlasela kakubi ivenkile yakwaPick n Pay eHoneydew, entshona yeRhawuti. Apho lasebenza iyeza - okanye ke izigebenga zazicinga njalo, kuba zakhawuleza ukuya kuhlawula egqirheni. Kodwa amapolisa ayesele ewufumene umkhondo zaze zabanjwa ezo zigebenga emva kodubulwano.
Amapolisa eva njani ngeli gqirha mhlawumbi nawo ahamba awawo amagqirha...
Akunjalo. Kancinci kancinci amapolisa eli aqalisa ukusebenzisa abahlali abanomsindo, abadiniweyo kukuphila ubomi bentshontsho.
"Bangamehlo neendlebe zethu kwaye uncedo abasinika lona lukhulu," litshilo elinye lamapolisa aphezulu.
Izaphuli-mthetho ezininzi zibanjwa zineebhengile, kodwa akukhangeleki exhalabile amagqirha yile nto.
Ame ngelithi ziimpimpi ezibabambisayo, akuloyeza elingasebenziyo!
Eliny' ixhwele lisiqinisekisile ukuba xa singaziyeka iziganeko apho omnye wemigulukudu wajikela abanye okanye intombi yomnye wabo, amayeza alo asebenzile "malunga ne-95%" yabantu balo ibenze baphumelela kumayelenkqe abo.
"Abanye bayabuya bazokundongeza imali bebulela izinyanya ngomsebenzi omhle," litsho eli gqirha elinama-69 ubudala.
Ukwathi yena namanye amagqirha - abazizaphuli-mthetho nabo ngenxa yokunceda izikrelemnqa - bakwiphulo lokwenza amayeza okutshabalalisa "uphazamiseko" olubangelwa ziimpimpi.
"Abantu bam baye bafumane ibheyile baze babuye baze kulungisa iimpazamo zabo."
Ubanceda njani ababulali?
"Abaphangi bayeza kum ndibancede," liyavum' igqirha. "Aba bantu balambile kwaye bondla iintsapho zabo. Andinakungazihoyi izicelo zabo."
Ingaba ubucinga amagqirha akrele-krele? Awunakude uthethelele aba bantu ngaloo nto! Ewe indlala iyaluchaphazela ulwaphulo-mthetho kodwa ayisosizathu esiphathekayo eso.
Cinga ukuba bangaphi abantu abahluphekayo kweli kwaye kubo bangakanani ababhenela kulwaphulo-mthetho!
Kwaye inokuba isisenyeliso kumawaka abantu abondla iintsapho zabo ngaphandle kokwaphula umthetho?
Indoda elambileyo iba ukutya. Izikrelemnqa ezophula umthetho zenziwa bubuvila nokuthand' izinto ezifuna ukuzifumana lula.
Amagqirha anceda izikrelemnqa wona njengoko besike satsho ngaphambili azizaphuli-mthetho okwawo kwaye kulula ukubona ukuba akwenza oku kuba efuna imali.
Njengeli gqirha elifikelwe ngamapolisa ebezokwenza ugqogqo endlwini yalo, afika lixakekile linyanga amadoda ali-18 aya kuphanga ibhanki...?
Amagqirha alolu hlobo ngawo athoba isidima salo msebenzi, ngethamsanqa ke, isininzi samagqirha akahambisani nale ndlela yokuziphatha.
Amaninzi kuwo athi ukusebenzisa isiphiwo sakho ukufezekisa okubi kungabangela sohluthwe kuwe.
Ke zona izaphuli-mthetho... Ukuba amapolisa (namagqirha) anyanisile, ziimpimpi abamelwe kukuzoyika.
Mhlawumbi ke bafune neyeza eliza kubavala imilomo bangahambi beqhayisa ngezinto abazenzayo. [x]
Ingaba amasela amaninzi eli asebenzisa amayeza? Ingaba akholelwa ekubeni amayeza angawanceda angabanjwa - enze nokuba bube lula ubusela? Ingaba ngenene iyeza lingasetyenziswa ngolu hlobo? Khona ligqirha elinjani elinceda abenzi bobubi? Funda uzivele...
Aba-phangi abaninzi babuya baze kundo-ngeza imali bebulela izinyanya ngomse-benzi omhle eziwe-nzileyo
Ezinye zezixhobo eziyingozi - iyeza, imipu neeselfowuni ezibiweyo.
Babanjiwe... ngenene lisebenzile iyeza kule migulukudu ikwazile ukuwabaleka amapolisa.
Nantsi into esiyifunayo - imigulukudu ibanjwe isaphanga...
Aba bantu
bala-mbile kwaye
bondla
iintsapho zabo
Umbhali: Jasmine Adams,
Umfoti: Sipho Mchunu
Ezinye zezinto "zokuzikhusela" kwabo bafuna ukwabelana ngobutyebi ezithengwe kumagqirha anobubele.
CINGA NGOKU
Amagqirha esithethe nawo athe ukuba siyazisusa iziganeko apho iimpimpi zihlebele amapolisa, ama-95% yabantu abanyangwa ngawo bayaphumelela "bexhobe" ngeyeza.
Oko kuyamangalisa, kodwa xa siyijonga ngolunye uhlobo le nto singathi. Ebantwini abali-10, abasixhenxe bangabanjwa xa kuhletyelwe amapolisa - kwaye uthi masikubeke ecaleni oko kuba akunanto yakwenza neyeza lakhe. Sitsho sishiyeke nabantu abathathu.
Masithi bonke bayaphumelela ekwenzeni ulwaphulo-mthetho oluthile. Loo nto ithetha ukuba amagqirha anganempumelelo ye-100%.
Kodwa enyanisweni bathathu kuphela kwabali-10 abafumanisa iyeza "lisebenza."
Ayothusi noko leyo. Kwakhona kufuneka umntu azibuze : ngubani kanye oqhatha omnye apha?
