xhosa.2086.bucket
Lifikil' ixesha lokupheliswa kwezindlu zangasese ezizii-emela njengoko oomasipala beli besebenza ngokuzimisela ukutshabalalisa izindlu zangasese ezilolu hlobo
Kugcinwa isithembiso sikamongameli
ABEMI beli abaninzi bayawazi umcimbi wokusetyenziswa kwe-emela njengezindlu zangasese. Kudala zazisetyenziswa yaye zazithululwa ngoogandaganda. Kwabo benza lo msebenzi uyanyanyeka.
"Siphefumla eloo vumba libi kunene yaye maxa wambi sifumane neentsana ezilahlwe koko kungcola," utsho omnye umsebenzi.
Ukhathazekile ngokuphelelwa ngumsebenzi kodwa uthi: "Sifuna izindlu zangasese zitshintshwe kube zezo zigungxulwayo ukuze abantwana bethu bakhulele endaweni enempilo."
Isebe lezamanzi namahlathi libambisene noomasipala lizama ukufezekisa isithembiso esenziwa nguMongameli ngo-2006 sokuphelisa olu hlobo lwezindlu zangasese ngo-2007.
Kubekelwe bucala i-R1-billion yokwenza lo msebenzi.
Ngo-1994 babethelekelelwa kwizigidi ezingama-21 abemi beli ababengenalo ugutyulo lwelindle olululo yaye uninzi lwabo babesebenzisa izindlu zangasese ezizii-emela.
Ngoku izindlu zangasese ezilolu hlobo eziseleyo zingama-100 000 amawaka kumaphondo asixhenxe ekuphala phambili iFree State, iMpuma Koloni noMntla Ntshona.
EFree State zingama-84 984 izindlu zangasese ezizii-emela, eMntla Ntshona zingama-17 072 zize zibe ngama-8 170 eMpuma Koloni.
Sele ziphelile eMpumalanga yaye liphondo lokuqala ukuziphelisa tu ezi zindlu zangasese.
Eli phulo elaqala ngoJanuwari ka-2005 sele litshabalalise ngaphaya kwe-18 000 yezindlu zangasese ezizii-emela koomasipala baseDipaleseng, eAlbert Luthuli, eLekwa, eMsukaligwa naseGovan Mbeki. Ezinye zazo ziindawo zoogobityholo.
YiMpumalanga kuphela ehlabele mgama. Isithethi sesSebe lezaManzi namaHlathi, uThemba Khumalo uthe eli phulo likarhulumente lisebenza kwiindawo ezihlala abantu ngokusemthethweni nasezilokishini.
Iindawo zoogobityholo zijongwa ngokwenkqubo kazwelonke yezezindlu apho kufunyaniswa umhlaba uze ulungiswe kwakhiwe izindlu.
Eli sebe likhuphe iinjineli zokugutyul' ilindle ukuxhasa oomasipala yaye liqinisekisile ukuba baza kuzitshabalalisa tu ezi zindlu zangasese.
Baza kuxhamla abemi beli abaninzi. Omnye wabo nguThandi Manyani othi zazingathululwa yonk' imihla ezi emela kwindawo ahlala kuyo.
Maxa wambi iipheyili ezizele umhlanzo, ilindle nomchamo zihlala iintsuku de zibe ntlanu engafiki umasipala ukuzozithulula.
Iyamkhathaza loo nto kuba unosna oluneenyanga ezintandathu.
Abantwana bakule ndawo bahlaselwa lutyatyazo nesifo sokukhupha into enegazi nomkhunyu xa bezithuma.
Xa izinto zihamba kakuhle uya kuthi uphela lo nyaka bube sele buphucukile ubomi bakhe nobosana lwakhe. [x]
BONA XHOSA - June 2007
Ziyaphel' izindlu zangasese eziziipheyili!
kubhale uISAAC KWELA
ifoto yeyakwaINDEPENDENT NEWSPAPERS
Indlu yangasese ye-emela komnye ummandla woogobityholo.
