xhosa.2035.career
Ukusindis' ubomi
Imisebenzi
BONA XHOSA - July 2007
Bafuneka ngamandla abahlanguli abaqeqeshiweyo kweli
kubhale uGRACE KHUZWAYO
kufote uBRETT FLORENS
ABANCEDI bamaxhob' eengozi ngabo abafika kuqala banike unyango amaxhoba. Bafuman' uqeqesho oluphezulu ukuze banike inkonzo yonyango esindis' ubomi babantu. Xa benokungabikho linganyuka inani labantu abasweleka ezingozini zendlela nakwezinye iingozi.
Kukho ibhinqa eliselula eliya kude kulo msebenzi wokunik' unyango olungxamisekileyo. UNokubonga Krwentelais kuphela kwebhinqa elintsundu kweli elinesidanga seBachelor Of Technology in Emergency Medical Care...
lWawukhethiswa yintoni lo msebenzi" Eneneni ndandifun' ukuba ngugqirha kodwa andizange ndiyipase kakuhle imatriki. Kwabakho eminy' imisebenzi yonyango endingakhetha kuyo ndaza ndakhetha ukuba ngumniki woncedo lokuqala.
EMzantsi Afrika lixhomile inani leengozi zendlela neziganeko zobundlobongela, umelana njani nokubona abantu abenzakele ngokuhambis' umzimba" Kwakunzim' ekuqaleni, Ndandineminyak' eli-17 xa ndaya kunceda amaxhoba engozi yemoto ndisafunda. Wasweleka umntu esasizama ukumnceda ndadandatheka kakhulu emphefumlweni yiloo nto!
Ngoko ndabona ngathi ndikhethe umsebenzi ongandifanelanga, kodwa ukususela ngoko andivumi uchukumiseke umphefumlo wam ukuze ndikwazi ukunceda amanye amaxhoba. Asiyinikwa inkonzo esenza silibale izinto ezimbi esizibonayo, kanti oko bekuya kusinceda simelane bhetele nomsebenzi wethu.
Yintoni ekwanelisayo ngalo msebenzi" Ukwazi ukuba ndinesakhono sokusindis' ubomi. Ndiyaneliseka xa ndivuse umguli obengasweleka nanini na. Nokubelekisa iintsana eziphilileyo.
Yintoni umnqweno wakho womsebenzi" Awukapheli umnqweno wam wokuba ngugqirha. Ndiseza kuzama ukuwufezekisa.
IZINTO OFANELE UBE NAZO
Kufuneka ube nomonde yaye ungadyuduzeli; ubenenkathalo yaye ukwazi ukwenza izigqibo ezibalulekileyo; ukuthande ukusebenza nabantu; ukwazi ukuphangela phantsi koxinzelelo; womelele emzimbeni nasengqondweni.
AMATHUBA OMSEBENZI
Amathuba aquka: ukuphangela kwii-ambulensi zikarhulumente nezabucala, usebenze elwandle (kwiindawo ezigrumba i-oyile) kwinkonzo yeehelikhoptha, ufumana nezikhundla zokufundisa nokuqeqesha. Unako nokunyuka uyakutsho kwisikhundla sokuphatha.
UMVUZO
Uxhomekeka ekubeni uphangelaphi. Njengesikhokelo, umvuzo xa usaqala ususela kwi-R6 000 ngenyanga, unyuke uye kwi- R12 000 nangaphezulu xa usesikhundleni sokuphatha.
IINDAWO ZOKUFUNDA
INational Diploma (NDip EMC) in Emergency Medical Care
ifumaneka: eCape Peninsula University Of Technology, eDurban University Of Technology, eUniversity Of Johannesburg, eCentral University Of Technology (Free State).
Eziny' iiyunivesithi zinezifundo zezidanga (iBTech EMC) ukuya kwisidanga seMaster's.
Kuza kufuneka upase imatriki ube nezifundo zemaths, iphysical science okanye ibiology. Kufuneka upase novavanyo lokomelela komzimba. [x]
