Iipemethe yomntu ocela ukukhuselwa ngumbuso
Iinkonzo zabantu
Iinkonzo zemibutho
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Khetha ulwimi
Iipemethe yomntu ocela ukukhuselwa ngumbuso
Shicilela eli phepha/Printa eli phepha
Yongeza kwimiba ethandwayo
Beka njengephepha lokuqala
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
Ikhasi lokuqala
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Ukungena eMzantsi Afrika
Iipemethe yomntu ocela ukukhuselwa ngumbuso
Isicelo sepemethe yomntu ocela ukukhuselwa ngumbuso
Inkcazelo
Isicelo sokukhuselwa ngumbuso (asylum) sisicelo somenzi-sicelo sokuba avunywe njengembacu.
Umntu ocela ukukhuselwa ngumbuso ngumntu obaleke elizweni lakhe lemvelaphi ngenxa yokoyika ukungcungcuthekiswa (ngokwentlalo, ngokwenkcubeko, ngokwezopolitiko, ngokwenkolo yobutyalike, nankqu ngokwezoqoqosho), kwaye ocela ukuvunywa njengembacu - kule meko ke eMzantsi Afrika. Umenzi-sicelo uhlala engumntu ocela ukuvunywa njengembacu ngelilixa isicelo sakhe sisaqwalaselwayo.
Inkqubo emayilandelwe
Umntu ocela ukukhuselwa ngumbuso ufaka isicelo ngokwakhe kwindawo echongiweyo yoKwamkela iiMbacu, apho kwenziwa ezi zinto zilandelayo:
Umenzi-sicelo uqale aphononongwe imeko yakhe
Umenzi-sicelo unyatheliswa iminwe (iifingaprinti)
Kuziswa itoliki (ukuba oko kuyimfuneko)
IGosa lokuQulungqa uBume beeMbacu liyaqhubeka ngokulamla kule nyewe yesicelo kwaye lithabatha isigqibo malunga nesicelo sokukhuselwa ngumbuso.
Ubume bobumbacu buhlala iminyaka emibini, kodwa imbacu kufuneka ibhale incwadi icele ukuqwalaselwa ngokutsha kobume bobumbacu okanye ukongezelelwa kwexesha lokusebenziseka kobume bobumbacu, kwiinyanga ezintathu phambi kokuba obo bume bobumbacu buphelelwe.
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Izicelo zingathabatha ixesha elifikelela kwiinyanga ezintandathu.
Iindleko
Le nkonzo ayihlawulelwa.
Nceda ukhethe iphondo
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa
