Isicelo samalungelo okumilisa izityalo
Iinkonzo zabantu
Iinkonzo zemibutho
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Khetha ulwimi
Ukuvavanya imbewu ngeenjongo zesikhalazo nempikisw
Isicelo samalungelo okumilisa izityalo
Isicelo sokuqonda udidi lwesityalo
Isicelo semvume yeentshukumo zonke ezinxulumene
Shicilela eli phepha/Printa eli phepha
Yongeza kwimiba ethandwayo
Beka njengephepha lokuqala
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
Ikhasi lokuqala
Iinkonzo zemibutho
Isicelo samalungelo okumilisa izityalo
Isicelo samalungelo okumilisa izityalo
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Umbhalisi wamaLungelo abaMilisi beziTyalo unokuthatha uhlobo oluthile njengohlobo olutsha aze anikele ngamalungelo abamilisi bezityalo xa:
Izixhobo zokumilisa olo hlobo zingekathengiswa apha eMzantsi Afrika kwithuba elingaphaya konyaka.
Kwimeko yohlobo lomthi okanye umdiliya, apho izixhobo zokumilisa zingekafumaneki kwelinye ilizwe, kwezoshishino okanye kuluntu kwithuba elingaphaya kweminyaka emithandathu, okanye kwimeko yesityalo nasiphi na esinye, kwithuba elingaphaya kweminyaka emine.
o kufuneka sahluke ngokucacileyo kuhlobo naluphi na olunye lomnombo ofanayo o kufuneka sifane, kukuthi, zonke izityalo kulimo kufuneka zikhangeleke zifana yaye zibe neempawu ezifanayo o kufuneka sizinze, kukuthi, kufuneka izityalo zohlobo oluthile, emva kokulinywa amatyeli aliqela, zisoloko zikhangeleka zifana nezityalo zentsusa o kufuneka sibe negama elamkelekileyo.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Xa uhlobo lwesityalo lungabonakali kuluhlu, thumela isicelo ngokuphathelele kupapasho kwakunye nenkxaso ebhaliweyo kuMbhalisi wamLungelo abaMilisi beziTyalo.
Ukuba uhlobo lwesityalo lukhona kuluhlu, kufuneka kuthunyelwe izinto ezilandelayo:
o intlawulo emiselweyo yesicelo novavanyo o imbewu okanye izixhobo zokumilisa o ugunyaziso olubhaliweyo oluvela kumnini-sityalo, ukuba awusimilisanga, wasikhetha okanye waqhubela phambili udidi.
Bonakalisa ngendlela ecacileyo kuthotho lwemibuzo ukuba udidi olutsha kufuneka luthelekiswa neziphi ezinye iindidi ezaziwayo ukumisela ukuzibalula.
Ungenza isicelo sokhuselo lwethutyana lodidi. Oku kuxela ukuthi udidi lukhuselwe ngethuba lovavanyo. Kufuneka unikezele ngokuzibophelela okubhaliweyo ukuthi ungathengisi (ngaphandle kwenjongo yokumilisa okanye uvavanyo) nayiphi na into yokumilisa yodidi okujoliswe kulo kude kube zonke iimvavanyo zigqityiwe yaye kunikelwe ngamalungelo abamilisi. Luyakhuthazwa ukhuselo lwethutyana ngokuphathelele kwizityalo apho iimvavanyo zithatha ixesha elingaphaya konyaka ukuze zigqitywe.
Kukho iintsuku ezimiselweyo ekufuneka kuthunyelwe ngazo amaxwebhu nezixhobo zokumilisa kuMbhalisi. Iinkcukacha zezi ntsuku, inani lezixhobo zokumilisa ekufuneka zithunyelwe nalapho kufuneka zithunyelwe khona, ziyafumaneka kuMbhalisi.
Xa uluhlu lodidi lukhona ngokuphathelele kolo hlobo olwenzelwa isicelo samalungelo abamilisi bezityalo, thumela izicelo ngaxeshanye ukulondoloza ixesha nemali.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Inkqubo yokuhlola amalungelo abamilisi bezityalo ithatha ithuba lolimo elinye ubuncinane.
Entla
Iindleko
Isicelo semvume yelungelo lokumilisa izityalo: R1 300 inye
Intlawulo yovavanyo lwelungelo lokumilisa izityalo zeHlelo A (ezolimo, imifuno, izityalo zamadlelo nezihombiso zaminyaka le): R2 200 inye
Intlawulo yovavanyo lwelungelo lokumilisa izityalo zeHlelo B (iziqhamo, imidiliya, ezesitrasi nezihombiso zaminyaka le): R3 000 inye
Intlawulo yovavanyo lwelungelo lokumilisa izityalo zeHlelo B (umbona omhlophe nobomvu): R2 600 inye
Impikiso yemvume yelungelo lokumilisa izityalo: R4 500 inye
Intlawulo yonyaka nonyaka yemvume yelungelo lokumilisa izityalo: R250 inye
Isicelo sokukhutshwa kwelayisensi ebophelelayo malunga nelungelo lommilisi wezityalo: R3 600 inye
Isicelo sokuguqula okanye ukufakelela kwigama elamkelweyo ngokuphathelele kudidi: R1 500 inye
Impikiso echasene nokwamkelwa okucetywayo kokuguqula okanye ukufakelela kwigama elamkelweyo ngokuphathelele kudidi: R650 inye
Isaziso sokurhoxisa ngokuzithandela ilungelo lommilisi wezityalo: Simahla
Entla
Entla
ISebe lezoLimo
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa
