Isicelo senkxaso yokunakekela omnye umntu (isapoti)
Iinkonzo zabantu
Iinkonzo zemibutho
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Khetha ulwimi
Isicelo senkxaso yokunakekela omnye umntu isapoti
Ukutshintsha imali yenkxaso yokunakekela omnye umn
Shicilela eli phepha/Printa eli phepha
Yongeza kwimiba ethandwayo
Beka njengephepha lokuqala
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
Ikhasi lokuqala
Iinkonzo zabantu
Isicelo senkxaso yokunakekela omnye umntu isapoti
Isicelo senkxaso yokunakekela omnye umntu
Inkcazelo
Inkxaso yokunakekela omnye umntu (maintenance) luxanduva lokunika omnye umntu, umzekelo umntwana ongekabinamalungelo okuzithabathela izigqibo ngokwasemthethweni, ukutya, indlu, impahla yokunxiba, imfundo kunye nonakekelo lonyango, okanye ukulungiselela omnye umntu iindlela nezinto eziyimfuneko ukuze anikwe ezi zinto zidingekayo kwimpilo yakhe. Olu xanduva lwasemthethweni lokunika inkxaso lubizwa ngokuba 'luxanduva lokuxhasa okanye 'luxanduva lokusapota'.
Ngubani ekufuneka akhuphe inkxaso yokunakekela omnye umntu (isapoti)?
Uxanduva lokusapota lusekelwe kubudlelwane begazi, ukwamkelwa komntwana abengowomnye umntu okanye abantu ngokusemthethweni okanye kwimeko yokokuba aba bantu batshatile.
Umntwana kufuneka asapotwe okanye axhaswe
Ngabazali bakhe, nokuba batshatile, bayahlalisana, bohlukene okanye baqhawule umtshato (badivosile), kubandakanywa abazali abamkele umntwana wabangowabo ngokusemthethweni; kunye/okanye
Ungabanga isapoti eqiqileyo eyimfuneko ukuze unike umntwana okanye omnye umntu onelungelo lokusapotwa indlela yokuphila nokukhula okufanelekileyo. Oku kubandakanya ukunika izinto ezidingekayo empilweni ezifana nokutya, impahla yokunxiba kunye nendlu, ndawonye nokuhlawuwulela imfundo efanelekileyo. Inkundla ingayalela nokuba utata womntwana enze igalelo kwintlawulo yeendleko zokulungiselelwa komntwana kunye nenkxaso ukusukela kumhla wokuzalwa komntwana ukuyakutsho kumhla wokunikwa komyalelo wesapoti. Inkundla inganika nomyalelo wokuhlawulwa kweendleko zonyango okanye ingayalela ukuba umntwana abhaliswe phantsi kwesikim sonyango somnye wabazali njengomntu oxhomekekileyo. Ukwenzela ukuba inkundla ikwazi ukukhupha umyalelo wesapoti ofanelekileyo, bobabini abazali mabanike inkundla ubungqina beendleko zabo.
Imbono yakho ngokuziphatha komnye umzali ayilichaphazeli ilungelo labantwana bakho lokufumana isapoti. Kukwafuneka uyihlawule isapoti, nokubangaba omnye lo umzali uphinde watshata;
uhambisana (unobudlelwane) nomnye umntu;
Uxanduva lwakho lokuhlawula isapoti kunye nelungelo lakho lokufikelela ebantwaneni bakho yimibandela emibini eyahlukene kakhulu kwaye ayingqamananga tu. Ngaphezu koko, abantwana bakhe nawuphina umzali abaluchaphazeli uxanduva lokusapota. Kodwa ke, nangona kunjalo, imali yesapoti ingalungiswa ukubangaba omnye umbandakanyeki uzisa isicelo esinjalo.
Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya kwiSebe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko.
Inkqubo emayilandelwe
Yenza isicelo sesapoti kwinkundla kamantyi ekwisithili ohlala kuso.
Igosa lesapoti kunye nomphandi bayakuphanda isibango sakho kwaye bajonge iimeko zakho.
Inkundla iyakukhuphela umphenduli (lo mntu kwenziwa kuye isibango) isamani (incwadi eyalela umntu ukuba aye enkundleni) ukuze aye kuvela enkundleni ngomhla ochaziweyo ukuze kuxoxwe ngalo mbandela.
Umphenduli ke angakhetha ukuba avume ukuhlawula le sapoti ngale ndlela ibangwa ngayo, okanye aye kuphikisana nalo mba enkundleni.
Ukubangaba umphenduli uyavuma ukuhlawula isapoti njengoko ibangwa, umantyi uyakuphonononga imiqulu efanelekileyo. Uyakuthi ke akhuphe umyalelo, kwaye angagqiba ekubeni enze njalo ngaphandle kokufuna ukuba ababandakanyeki bavele enkundleni.
Inkundla ingayalela ukuba imali yesapoti ihlawulwe ngenye yezi ndlela zilandelayo:
Kwi-ofisi kamantyi ekwindawo umntu ahlala kuyo okanye kuyo nayiphina enye i-ofisi karhulumente echongelwe le meko
Kwi-akhawunti yebhanki okanye yequmrhu lokwakha echongwe ngulo mntu ubandakanyekayo
Nqo kulo mntu ufaneleke afumane le mali
Imithetho esetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Izikhalazo ziyakuphathwa ngokukhawuleza nangobunono kangangoko kunokwenzeka
Akukho xesha libekiweyo kule nkonzo. Inkqubo iyonke, ukusukela ekuhambiseni isicelo ukuya kutsho ekufumaneni intlawulo yakho yokuqala yesapoti, ingathabatha iiveki ezininzi, kuxhomekeke kwintsebenziswano yabo bobabini ababandakanyeki.
Amangqina ahamba inkqubo, kubandakanywa umntu obanga isapoti, bavumelekile bafumane izibonelelo ezimiselweyo zenkxaso nohambo. Kodwa ke, inkundla iyakwenza isigqibo, ngokubona kwayo, malunga nokuba eso sibonelelo siyakuhlawulwa na kumntu onganikwa umyalelo wokuba ahlawule isapoti.
Umntu obanga isapoti makenze isicelo kwigosa lesapoti ukuze ahlawulwe iimali zamangqina.
Iindleko
Le nkonzo ayihlawulelwa.
Ifowuni:
Ifeksi:
I-adresi yendawo:
I-adresi yokuposa:
Ifowuni:
Ifeksi:
I-adresi yendawo:
I-adresi yokuposa:
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa
