Isicelo sephepha lemvume yokufunda
Iinkonzo zabantu
Iinkonzo zemibutho
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Khetha ulwimi
Isicelo sephepha lemvume yokufunda
Shicilela eli phepha/Printa eli phepha
Yongeza kwimiba ethandwayo
Beka njengephepha lokuqala
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
Ikhasi lokuqala
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Ukuya kuhala okanye ukutyelela eMazantsi Afrika
Ukufunda
Isicelo sephepha lemvume yokufunda
Isicelo sephepha lemvume (ipemethe) yokufunda
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Iphepha lemvume (ipemethe) yokufunda yincwadi enika abantu abaphuma kumazwe angaphandle ilungelo lokufunda kulo naliphina iziko lemfundo ephakamileyo eMzantsi Afrika. Afake isicelo ngokwakhe kwiNdlu yoZakuzo yaseMzantsi Afrika okanye kwiZiko eliMele uMzantsi Afrika.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Aveze:
o incwadi egunyazisiweyo okanye ubungqina bokubhaliswa obusuka kwiziko lemfundo elibhalisiweyo laseMzantsi Afrika o iinkcukacha malunga nendawo yokuhlala elungisiweyo o ubungqina beemali ezaneleyo zokuhlawula iimali zokufunda, ukulungiswa kunye nezinye iindleko o isatifiketi sokubamsulwa esiphuma emapoliseni ngokuphathelelene namazwe abekade ehlala kuwo kumathuba angaphezulu konyaka. Esi satifiketi kufuneka sithiwe thaca kwisithuba seenyanga ezilishumi elinesibini kwenziwe isicelo ukubangaba asifumaneki kwamsinyane o ikopi yetikiti lomoya eliyiritheni okanye isiqinisekiso sokubuyiselwa ekhaya esiluhlobo lwedipozithi elingana nendleko yetikiti lomoya eliya kwilizwe avela kulo okanye ahlala kulo, ukuba kuyimfuneko o incwadi kagqirha engqina ukuba umenzi-sicelo usempilweni entle.
Abenzi-zicelo abanakungena eMzantsi Afrika phambi kokuba izicelo zabo zivunywe.
Abenzi-zicelo abanezicelo ezivunyiweyo banikwa i-visa evumela ukuba bangena-ngene kaninzi.
Abantu abasephantsi kwabazali mabathi thaca iinkcukacha zomntu waseMzantsi Afrika oyakubangumntu obamelayo. Ezi nkcukacha mazithiwe thaca nencwadi evumayo, ubungqina obuvela kubazali bobabini bemvume yeli xesha kujongwe ukuba lihlalwe, okanye obuvela kumzali onguye yedwa ogcina umntwana ndawonye nobungqina bokugcinwa ngumzali omnye.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iiveki ezisibhozo.
Entla
Iindleko
Entla
Entla
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa
