Isicelo sokucima ubhaliso okanye sokuphelisa iqumrhu elingavulelekanga
Iinkonzo zabantu
Iinkonzo zemibutho
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Khetha ulwimi
Isatifiketi sokubhalisa ikhaya labadala
Isicelo sokucima ubhaliso okanye sokuphelisa iqumr
Isicelo sokucima ubhaliso okanye sokuphelisa iqumr
Shicilela eli phepha/Printa eli phepha
Yongeza kwimiba ethandwayo
Beka njengephepha lokuqala
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
Ikhasi lokuqala
Iinkonzo zemibutho
Ukuyekisa iinkqubo zeshishini
Ukucima ishishini
Isicelo sokucima ubhaliso okanye sokuphelisa iqumr
Isicelo sokufakwa phantsi kolawulo lwasemthethweni, ukupheliswa kunye nokucinywa kobhaliso lwequmrhu, inkampani okanye iqumrhu elingavulelekanga
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Ukubangaba iqumrhu, inkampani okanye iqumrhu elingavulelekanga alinako okanye aliyi kuwahlawula amatyala alo okanye lifezekise uxanduva lwalo (ngenxa yokuba alikwazi ukuhlawula amatyala alo, ngenxa yokulawulwa kakubi okanye ngenxa yaso nasiphina esinye isizathu), uMqondisi-Jikelele (Director-General) wezoRhwebo naMashishini angalilawula ngokwasemthethweni okanye aliphelise iqumrhu loshishino.
Iqumrhu okanye iqumrhu lokubambisa, naliphina ilungu lequmrhu okanye nawuphina omnye umntu onomnqweno, angenza isicelo kwiinkundla sokuba iqumrhu okanye iqumrhu lokubambisa lifakwe phantsi kolawulo lwasemthethweni loMqondisi-Jikele okanye lipheliswe. Inkundla emamela esi sicelo kufuneka ibelicandelo leNkundla ePhezulu (Supreme Court) okanye iNkundla kaMantyi enamandla okumisela ubulungisa kummandla iqumrhu elikuwo okanye eliqhuba kuwo iinkonzo. Nazo iinkundla zingawisa umyalelo ngolu hlobo ukubangaba ngowona myalelo ungcono okanye ufanelekileyo kule meko.
Ukubangaba inkundla iwisa umyalelo wokuba uMqondisi-Jikelele kufuneka alawule ngokusemthethweni iqumrhu okanye iqumrhu lokubambisa, uyakubanegunya lokuphatha imibandela yequmrhu okanye yequmrhu lokubambisa, phantsi kwemiqathango yoMthetho weeNkampani (Companies Act, 1973).
Ukubangaba iqumrhu okanye iqumrhu lokubambisa lenza isicelo esibhaliweyo kuMqondisi-Jikelele, uMqondisi-Jikelele angalicima ubhaliso lwequmrhu okanye lwequmrhu lokubambisa ukubangaba wanelisekile ukuba isindululo esixhasa ukucinywa kobhaliso savunywa kwintlanganiso eyayiyiwe linani elivokothekileyo lamalungu equmrhu okanye equmrhu lokubambisa;
isindululo savunywa sisininzi samalungu awayekhona okanye awayemelwe kule ntlanganiso; kwaye amanyathelo athatyathiwe malunga nayo yonke imibandela ebandakanyekayo ekufanele ngokwengqiqo kujongwane nayo phambi kokucinywa kobhaliso, kubandakanywa inkqubo eyakulandelwa malunga nempahla nezinto kunye nezinto eziluxanduva lemfaneleko nezingamatyala equmrhu.
Ukubangaba inkundla igqiba ekubeni iphelise iqumrhu okanye iqumrhu lokubambisa, iyakwenza isigqibo malunga nendlela impahla nezinto zequmrhu eziyakohlulwa ngayo ngokulinganayo nangokufanelekileyo. Inkundla iyakuziqwalasela naziphina iziphakamiso ezinokuba zenziwe nguMqondisi-Jikelele malunga nokwabiwa kwempahla nezinto.
Ukubangaba uMqondisi-Jikelele okanye iqumrhu okanye iqumrhu lokubambisa, naliphina ilungu lequmrhu okanye nawuphina omnye umntu onomnqweno, wenza isicelo sokuba iqumrhu okanye iqumrhu lokubambisa lifakwe phantsi kolawulo lwasemthethweni loMqondisi-Jikelele okanye lipheliswe, UMphathiswa angamisela imigaqo ekuyakulawulwa ngayo iqumrhu okanye iqumrhu lokubambisa nguMqondisi-Jikelele okanye eliyakupheliswa ngayo. UMphathiswa angachaza namandla nemisebenzi yoMqondisi-Jikelele, iGosa loBhaliso, iqumrhu, amalungu kunye nababandakanyeki abanomnqweno kwezi meko.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Chaza izizathu zokuba kutheni inkampani okanye i-CC isenza isicelo sokucinywa kobhaliso.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Ukucinywa kobhaliso kuthabatha malunga neenyanga ezintandathu.
Entla
Iindleko
Le nkonzo ayihlawulelwa.
Entla
Entla
Ifowuni:
I-adresi yendawo:
I-adresi yokuposa:
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa
