Isicelo sokubhalisela ukubuyiselwa imali
Iinkonzo zabantu
Iinkonzo zemibutho
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Khetha ulwimi
Isicelo sokubhalisela ukubuyiselwa imali
Shicilela eli phepha/Printa eli phepha
Yongeza kwimiba ethandwayo
Beka njengephepha lokuqala
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
Ikhasi lokuqala
Iinkonzo zemibutho
Isicelo sokubhalisela ukubuyiselwa imali
Isicelo sokubhalisela ukubuyiselwa imali
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Le nkonzo inika inkcazelo malunga nendlela yokubhalisela ukubuyiselwa imali yi-South African Revenue Service. Le mali ibuyiswayo sisaphulelo kwintlawulo yokungenisa impahla nezinto ehlawuleka xa ungenisa impahla nezinto ezithile kweli lizwe.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Umenzi-sicelo, hayi umntu wesithathu, kufuneka ibenguye ogcwalise ifom yesicelo (DA 185), kungenjalo isicelo asiyi kuqwalaselwa.
o igama lokurhweba leshishini lakho o igama nenombolo yesitalato seshishini elibuyiselwayo o igama kunye nenombolo yomgangatho wesakhiwo ekuqhutyelwa kuso eli shishini o ummandla wedolophu elimi kuwo ishishini o isixeko okanye idolophu elimi kuyo ishishini o ikhowudi yesitalato sommandla wedolophu elimi kuwo ishishini.
Icandelo elithi Authority to apply (Igunya lokwenza isicelo), maligcwaliswe ngumenzi-sicelo (UMnikazi-shishini oZimele Yedwa, UMqondisi, Oogxa beNtsebenziswano, iLungu, iLungu eliPhathiswe iQumrhu ngeNtembeko okanye umntu ophethe naliphina elinye iqumrhu) xa usenza isicelo sokuba ngumsebenzisi wokubuyiswa kwemali.
Igama lomenzi-sicelo okanye igama lobhaliso lweshishini, hayi igama lorhwebo, kufuneka liboniswe kweli candelo.
Apho kubonakala khona inkwenkwezana ekuthiwa yi-asterisk (*), susa nayiphina efaneleke njalo.
o inkcazelo yempahla nezinto eziyakugcinwa kwishishini lokubuyiselwa imali o izinga lemirhumo yentlawulo okanye imiba yempahla nezinto ezingeniswayo eziyakugcinwa kwishishini lokubuyiselwa imali o imiba yokubuyiselwa imali phantsi kwamanani oludwe lwenkqubo yesi 3, 4, 5 kunye neyesi 6
o inkcazelo yemveliso engeniswa kweli lizwe okanye impahla nezinto ezingeniswa kweli lizwe.
Kwicandelo le Declaration (Isibhengezo), kufuneka ufake:
o oonobumba bamagama okuqala kunye nefani yomntu owenza isicelo sokunikwa ilayisensi o isikhundla somntu owenza isicelo, umzekelo, UMqondisi, uManejala, uMnikazi o lo mntu wenza isicelo kufuneka atyikitye (asayine) ifom yesicelo o umhla esisayinwe ngawo esi sicelo o indawo esisayinelwe kuyo esi sicelo.
Nceda ufake iikopi eziluqobo lwazo okanye eziqinisekisiweyo zale miqulu ilandelayo:
o isatifiketi sobhaliso lweshishini njengoko sikhutshwe nguMphathi woBhaliso lweeNkampani okanye iNqununu yeNkundla ePhezulu kwimeko yeQumrhu lokuGcina ngeNtembeko o isindululo okanye imvume okanye elinye igunya njengoko kubandakanyeka o iphepha lemvume (ipemethe) yeSebe lezoRhwebo naMashishini ukuba iyabandakanyeka o iindlela zokubala ukubangaba wenza isicelo phantsi komba wokubuyiselwa imali ku 607.04.10 , 607.04.10 , 607.04.10 naku 607.04.10 
o iincwadi zezazisi xa umntu enguMmi waseMzantsi Afrika okanye iincwadi zePaspoti xa umntu engahlali kweli lizwe:
kumntu ubuqu bakhe kooGxa beNtsebenziswano kwiQumrhu eliNgavulelekanga neQumrhu lokuGcina ngeNtembeko - Onke aMalungu/ooGxa beNtsebenziswano/ aMalungu aPhathiswe iQumrhu ngeNtembeko
KwiNkampani - Bonke abaqondisi, kubandakanywa uMqondisi oLawulayo kunye noMqondisi weZemali.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Entla
Iindleko
Le nkonzo ayihlawulelwa.
Entla
Entla
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa
