﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ulwaphulo-mthetho, uMthetho NobuLungisa > Amalungelo > Izikhalazo Ngokunyhashwa Kwamalungelo Oluntu

Izikhalazo Ngokunyhashwa Kwamalungelo Oluntu




INKCAZELO:

UMgaqo-siseko uthi awona malungelo angundoqo abo bonke abemi boMzantsi Afrika aya kukhuselwa ze ahlonitshwe. La malungelo adweliswe kuMqulu Wamalungelo kwakunye neemeko apho kungavumeleka ukuba la malungelo ancitshiswe/avinjwe khona.Amaqumrhu namaziko ahlukeneyo kaRhulumente aye asekwa ukuqinisekisa ukukhuseleka kwala malungelo.


IMIYALELO:

Ukuba amalungelo akho athe anyhashwa, unganikezela ingxelo ngoko kula maqumrhu alandelayo:


* 
* 
* 
* 
* 


IKomishoni Engokulingana Ngesini
IKOMISHONI YAMALUNGELO OLUNTU YOMZANTSI AFRIKA


Le Komishoni, iSAHRC ngamafuphi, iya kukunceda ukuba naliphi na elinye lamalungelo akho aqulethwe kuMqulu Wamalungelo liye lanyhashwa okanye alahlonitshwa. Ungakhangela kuMqulu Wamalungelo ukuqinisekisa amalungelo akho aye anyhashwa okanye awahlonitswa na.

Ukuze ube nokufaka isikhalazo, kufuneka ugcwalise iphetshana lokufaka isikhalazo.

I-SAHRC ayiyi kuba nakho ukukunceda apho:
* isikhalazo sakho singabandakanyi kunyhashwa kwalo naliphi na ilungelo eliqulethwe nguMqulu Wamalungelo.
* ingxaki yakho yenzeke ngaphambi komhla wamashumi amabini anesixhenxe kwinyanga kaTshazimpunzi ngo-1994.
* isikhalazo sakho isesolwaphulo-mthetho futhi udinga igqwetha (kwimeko ekumila kunje, nceda utsalele iBhodi Yoncedo Lwezomthetho kule nombolo: 012 401 9200 okanye ke utyelele ii-ofisi zabo kweyona Nkundla kaMantyi ikufutshane nawe).
* ufunyaniswe unetyala lolwaphulo-mthetho futhi ufuna ukubhena.


Ukuba akuqinisekanga ukuba isikhalazo sakho singaqwalaselwa na yi-SAHRC, nceda uqhagamshelane ne-SAHRC.

Ukufumana iinkcukacha ezithe vetshe nge-SAHRC, qhagamshelana ne-Ofisi yabo eseNtshona Koloni:

uMnu. Ashraf Mahomed
132 Kwisitalato iAdderley, eKapa, 8000
Inombolo Yomnxeba: 021 426 2277
Inombolo Yefeksi: 021 426 2875
amahomed@sahrc.org.za


ABALAWULI ABAZIMELEYO ABAJONGENE NEZIKHALAZO


Ukuba amalungelo akho anyhashwe ngamapolisa, kufuneka uqhagamshelane Nabalawuli Abazimeleyo Abajongene Nezikhalazo.

Ukuze ube nokufaka isikhalazo, gcwalisa iphetshana lokufaka isikhalazo ngokupheleleyo nangokuchanekileyo. Ukuba akuqinisekanga nangayiphi na into kwelo phetshana lokufaka isikhalazo, nceda ulandele izikhokelo.

Ungasithumela isikhalazo sakho kule dilesi: nmanne@icd.pwv.gov.za, okanye ke usithumele ngefeksi kule nombolo: 021 426 0705.

Idilesi Yeposi: Private Bag X 9173, eKapa, 8000
Idilesi Yokuhlala: 6th Floor, eColonial Mutual Building, 106 Kwisitalato iAdderley, eKapa
Inombolo Yomnxeba: 021 426 0700
Inombolo Yefeksi: 021 426 0705
nmanne@icd.pwv.gov.za

Okanye ke ungasifaka isikhalazo sakho ngekhompyutha.


UMKHUSELI WOLUNTU


Ukuba ufuna ukukhalaza ngegosa lesebe likarhulumente, kufuneka uqhagamshelane noMkhuseli Woluntu.

Nabani na angasifaka isikhalazo kuMkhuseli Woluntu, oya kuthi ke yena aphande ngesi sikhalazo. Ukuba uMkhuseli Woluntu uthi afumanise ukuba esi sikhalazo simele ukuphandwa yi-ofisi yakhe, yena neqela lakhe baya kwenza konke okusemandleni ukuza nesisombululo kule ngxaki, sisombululo eso siquka ukuza neziphakamiso ngeenguqu emazenziwe kuloo nkqubo ikungcungcuthekisileyo.

Ukuba akubanga nakho ukufikelela kwisisombululo ngokuthi uthetha-thethane negosa elo nomphathi walo, kuya kufuneka ubhalele uMkhuseli Woluntu. Ezi nkcukacha zilandelayo kufuneka uzifake kule ncwadana yembalelwano iya kuMkhuseli Woluntu:
* Ukumila kwesikhalazo.
* Imvelaphi nembali yesikhalazo.
* Izizathu zakho ngokuba kutheni ucinga ukuba esi sikhalazo masiphandwe nguMkhuseli Woluntu nje.
* Amanyathelo osele uwathabathile wena ukusombulula le ngxaki.
* Unikezele ngeenkcukacha ezithe ngqo - amagama amagosa, imihla, njalo-njalo.
* Iikopi zayo nayiphi imbalelwano phakathi kwakho nala magosa.
* Iinkcukacha zakho zoqhagamshelwano.


Kwezinye iimeko, uMkhuseli Woluntu, unokufuna unikezele ubungqina phantsi kwesifungo phambi kokuba aqalise ngophando lwakhe.

Ukuba udinga uncedo ngesikhalazo sakho, ungatsalela iOfisi yoMkhuseli Woluntu. Kukho abasebenzi abaqeqeshiweyo apho nabaya kuphula-phula isikhalazo eso, sisincinci sisikhulu, ze benze uphando.

Idilesi Yeposi: I-Ofisi Yommandla weNtshona Koloni, PO Box 712, eKapa, 8000
Idilesi Yokuhlala: 2nd Floor, ABC Building, 130 Kwisitalato iAdderley
eKapa
Inombolo Yomnxeba: 021 423 8644
Inombolo Yefeksi: 012 423 8708


IKOMISHONI YOXOLELWANISO, UKUNGENELELA NOKULAMLA IIMBAMBANO ZEMIBA YABASEBENZI


Ukuba umqeshi wakho unyhashe amalungelo akho, kufuneka uqhagamshelane neKomishoni Yoxolelwaniso, Ukungenelela Nokulamla Iimbambano Zemiba Yabasebenzi (iCCMA ngamafuphi), emva kokuba uzamile ukuyisombulula le nyewe emsebenzini.

I-CCMA le:
* Iya kuxolelanisa kwiimbambano zasempangelweni.
* Ingenelele kwiimbambano ezishiyeka zingasombululekanga emva koxolelwaniso.


Ukuze ufumane iinkcukacha ezithe vetshe, nantsi idilesi:

Idilesi Yeposi: Private Bag X9167, eKapa, 8000
Idilesi Yokuhlala: 78 Kwisitalato iDarling, eKapa
Inombolo Yomnxeba: 021 469 0111
Inombolo Yefeksi: 021 465 7193/7


IKOMISHONI ENGOKULINGANA NGESINI


Ukuba wawukhe wasengelwa phantsi (oko ke kukuthi, waphathwa kakubi) ngenxa yesini sakho (ubudoda nobukhomokazi) kuya kufuneka uqhagamshelane neKomishoni Engokulingana Ngesini.

Xa ufaka isikhalazo sakho, kufuneka uzame kangangoko unakho ukunikezela ngazo zonke iinkcukacha zaso. Izikhalazo ziyimfihlelo egqibeleleyo.

Ukuze ufumane ezinye iinkcukacha, nantsi idilesi:

Idilesi Yokuhlala: 7th Floor ABSA Building, 132 Kwisitalato iAdderley,
eKapa, 8001
Inombolo Yomnxeba: 021 426 4080/3
Inomblo Yefeksi: 021 424 0549

Usenakho nokusifaka ngekhompyutha isikhalazo sakho.


IFUMANEKA KWI:

La mabakala amaziko:
* Ubugcisa Nenkcubeko


IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:


* Isebe Lezobulungisa Nophuhliso loMgaqo-siseko (The Government of South Africa)
* IKomishoni Yamalungelo Abantu yoMzantsi Afrika





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Constitutional Court Website (Qhagamshela) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Umqulu Wamalungelo (Isahluko 2: soMgaqo-siseko woMzantsi Afrika) (UMgaqo-siseko) (File type: pdf)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 20 uOktobha 2004



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





