






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ulwaphulo-mthetho, uMthetho NobuLungisa > Amalungelo > Intsholongwane kaGawulayo/NoGawulayo

Intsholongwane kaGawulayo/NoGawulayo




INKCAZELO:

Abantu abanentsholongwane kaGawulayo banamalungelo afanayo nawabanye abantu bonke.

Unamalungelo afana nawomntu wonke okufumana imfundo. Isikolo asinakwala ukukufundisa kuba unentsholongwane kaGawulayo okanye unoGawulayo yaye abantwana abaphila nentshjolongwane kaGawulayo okanye noGawulayo abanakucalulwa ngokuphathwa kakubi kunabanye esikolweni.

Unelungelo lokwenza ezakho izigqibo ngonyango. Umzekelo, awunakunyanzelwa ukuba uye kuvavanyo lwentsholongwane kaGawulayo.

Unalo nelungelo lokwenza izigqibo zakho ngokukhulelwa. Awunakunyanzelwa ukuba uqhomfe kuba unentsholongwane kaGawulayo.

Ilungelo lakho lokuba nemfihlo lithetha ukuba unelungelo lokugcina isaziwa nguwe kuphela inyaniso yokuba unentsholongwane kaGawulayo. Umqeshi okanye ugqirha wakho akanakukunyanzela ukuba umxelele isimo sakho ngoku yaye engenako nokukunyanzela ukuba uye kwenza uvavanyo lwale ntsholongwane.

Unokuzikhethela uhlobo lomsebenzi ofuna ukuwenza. Umzekelo, awunakwalelwa ukuba ube yititshala okanye umsebenzi kwezonyango kuba unale ntsholongwane.

Awunakwalelwa ncedo-lwamali okanye mboleko-mali yokuba uzithengele indlu kuba unentsholongwane kaGawulayo okanye unoGawulayo. Akukho mthethweni ukukugxotha ekhayeni lakho ngenxa yesimo sempilo yakho.

Izibhedlele okanye abantu bezonyango abanakwala ukukunyanga.
Unelungelo lenkam-nkam yokukhubazeka ukuba ugula kangangokuba ude ungakwazi nokuzisebenzela okanye usebenzele usapho lwakho.


IMIYALELO:

Ukuba unentsholongwane kaGawulayo okanye unoGawulayo, unelungelo lokuphila ubomi bakho ngentlonipho, isidima ze ukhululeke ekuphathweni kakubi nasekugxekweni.

Ukuba unayo nayiphi na imibuzo ngentsholongwane kaGawulayo okanye uGawulayo, unokutsalela umnxeba nangaliphi na ixesha kwinombolo engahlawulelwayo ethi 0800-012-322
Ukuba uva amalungelo engahlonitshwa, unokukuxela oku kwiKomishoni Yamalungelo Oluntu yaseMzantsi Afrika. Unokudibana nayo nayiphi na imibutho yabucala exhasa abantu abanentsholongwane kaGawulayo.

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

IQumrhu yeLifa leMveliso loMzantsi Afrika





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Umqulu Wamalungelo Ezigulana (IiNkcukacha Zoluntu)
* Umqulu Wamalungelo (Isahluko 2: soMgaqo-siseko woMzantsi Afrika) (UMgaqo-siseko) (File type: pdf)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 10 uDisemba 2003



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





