﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ubomi & Nosapho > Umtshato/Ukwaphulwa Komtshato > Ukuqhawula Umtshato

Ukuqhawula Umtshato




INKCAZELO:

Izibini ezitshatileyo zingawuphelisa umtshato ngokuthi ziwuqhawule. Oku kuphelisa umtshato yaye abantu abaqhawule banokutshata kwakhona ngokusemthethweni.

Inkqubo yokuqhawulwa komtshato iya kuxhomekeka ekubeni umtshato lo ngowaseburhulumenteni okanye ngosekelwe kumasiko nesithethe na. Imitshato yaseburhulumenteni iqhawulwa ngokwemithetho neenkqubo ezibekiweyo kuMthetho Wokuqhawulwa Komtshato. Imitshato esekelwe kumasiko nezithethe zase-Afrika iqhawulwa ngokomtheetho waseburhulumenteni kodwa ezinye zeziphumo zigqitywa lisiko nesithethe esilawulayo. Imitshato yamaMuslim neyamaHindu iqhawulwa ngokwamasiko nezithethe zeenkolo lezo.

Kukho intaphane yemiba ekufuneka iqwalaselwe ekuqhawulweni komtshato, equka
* Ukugcinwa kwabantwana
* Ukuvunyelwa ubone abantwana
* Imali-nkxaso
* Ukwabiwa kwempahla


UKUGCINWA KWABANTWANA

Phambi kokuba inkundla iqhawule umtshato, kufuneka kugqitywe ekubeni ngubani oza kugcina ajongane nabantwana. Abazali banokwenza isivumelwano okanye inkundla inokuthatha isigqibo.

Eyona ngqwalasela ibaluleke kakhulu ekuthathweni kwesigqibo sokugcinwa kwabantwana ziimfuno ezingundoqo zabantwana.

Igqwetha Leentsapho enkundleni linokunceda ekuphandweni kokuba ngowuphi oyena mzali ukwimo ekulungeleyo ukujongana akhulise futhi amele abantwana enkundleni xa kunyanzelekile.

Ukuba ukupheliswa komtshato kuthatha ixesha elide, umzekelo, ukuba kunzima ukufikelela kwisivumelwano kwesi sibini ngalo mba, umyalelo wexeshana wokugcinwa kwabantwana uya kukhutshwa uxela ukuba ngubani oza kube ejongana nabantwana ngelixa ukuqhawulwa komtshato kusagqityezelwa.

Kwimitshato esekelwe kumasiko nezitheethe zase-Afrika, ezama-Muslim kunye nezama-Hindu, inkosikazi ngokwesiqhelo igcina ze ikhulise abantwana. Ngokomthetho osekelwe kumasiko nezithethe zase-Afrika, uyise wabantwana uqhele ukushiyeka njengomzali wendalo wabantwana bakhe. Abantwana bemitshato yama-Hindu neyama-Muslim bathathwa njengemigqakhwe, ngoko ke nonina wabo uthathwa njengomzali wabo wendalo. Kuzo zonke iimeko, uyise wabantwana usephantsi kwesibophelelo sokuhoyana nabantwana bakhe.

UKUVUNYELWA UBONE ABANTWANA

Umzali ongalinikwayo igunya lokugcina akhulise abantwana njengesiqhelo useza kufuna ukuqhubekeka ebabona abantwana bakhe. Kungoko kufuneka kufikelelwe kwisivumelwano sokuba lo mzali unokulifumana nini, phi nanjani ixesha lokufikelela kubantwana bakhe.

Ukuba amalungelo okufikelela komzali ongalinikwanga igunya lokugcina akhulise abantwana ayikokujongana neemfuno ezingundoqo zabantwana, inkundla ingakuvimba ukufikeleleka kwabo bantwana.

IMALI-NKXASO

Xa isibini saphule umtshato, omnye uqhele ukuba kwimo engcono ngezimali kunomnye. Umntu onikwe igunya lokugcina akhulise abantwana uza kuba neenkcitho omnye angenazo. Inkundla iya kukhupha umyalelo wenkxaso-mali efuna inkxaso-mali ukuba ihlawulelwe abantwana yaye, ngokuxhomekeka kwiimeko, mhlawumbi kuhlawulelwe nomzali lo ufumene abantwana.

Imali-nkxaso yabantwana ihlawulwa kumzali onikwe igunya lokugcina akhulise abantwana (kodwa kubalulekile ukukhumbula ukuba eli lilungelo lomntwana hayi elomzali). Bonke abazali banesibophelelo sokunika inkxaso kubantwana babo, kuquka imigqakhwe.

Ukuba kukho iingxaki nemali-nkxaso emva kokuba ukuqhawulwa komtshato kuphunyeziwe, ezo ngxaki zinokusiwa kwigosa lezeMli-nkxaso kwiNkundla kaMantyi.

Indaba yokuba omnye waba bazali kuza kufuneka ahlawule imali-nkxaso okanye axhase owayesakuba ngumlingane wakhe ixhomeke kwiimeko ezikhoyo. Ukuba esi sibini asikwazi kufikelela kwisivumelwano sokuba omnye ahlawule imali engakanani, inkundla iya kuthatha isigqibo.

Ngenxa yokuba imitshato yama-Hindu neyama-Muslim inganakanwa ngokuphelelyo njengesemthethweni, inkosikazi ayinabume bobukhosikazi ngokomthetho ukuze ifake ibango lenkxaso emva kokuqhawulwa komtshato.

UKWABIWA KWEMPAHLA

Indlela impahla yosapho eza kwabiwa ngayo ixhomekeke kwisivumelwano sesi sibini ngempahla esenziwa phambi kokuba batshate. Oku ngesiqhelo kuvezwa sisivumelwano sangaphambi komtshato, ukuba sikho, ukuba akuzange kwenziwe sivumelwano phambi komtshato, umthetho uza kuthatha isigqibo.

Isigqibo esiza nomthetho ngenxa yokusilela kwabatshati ekwenzeni izigqibo ngempahla yabo sithi umtshato waseburhulumenteni uthi 'eyam yeyakho kuquka nazo zonke izinto ezangezeleke emtshatweni'. Oku kuthetha ukuba yonke eninayo iyabiwa, oko kuquka impahla namatyala. Ukongezeleka oku kuthetha ukuba konke okuzuza okanye ukuthenge emva kokuba utshatile kuba kokwenu yaye kuza kwahlulwa ekupheleni komtshato.

Ukuba umtshato uyaqhawulwa, impahla yosapho yabiwa ngokulingana phakathi. Nawaphi na amatyala ayabiwa.

Ukuba nityikitya isivumelwano esiphambi komtshato, nonokukhetha ukutshata:
* ngokuthi 'eyam yeyakho'
* ngokuthi 'eyam yeyam ngaphandle kwezongezeleko'
* ngokuthi 'eyam yeyam nezongezeleko'.


Ukuba umtshato uthi eyam yeyam ngaphandle kwezongezeleko, oko kuthetha ukuba umntu ngamnye ugcina impahla yakhe yangaphambi komtshato ze agcine konke abakuzuza okanye bakufumane emtshatweni.

Ukuba umtshato uthi eyam yeyam nezongezeleko oko kuthetha ukuba umntu ngamnye ugcina impahla yakhe yangaphambi komtshato kodwa konke okongezeleke emtshatweni iyabiwa. Ezinye izinto, ezifana namafa neziphiwo zishiyeka zahlukile.
Isigqibo sokwahlulwa kwempahla ngenxa yokusilela kwabebetshatile ekwenzeni isigqibo ngempahla yabo phambi komtshato sitshintshile kubantu abohlukileyo ngamaxesha ahlukileyo. Imithetho eyayilawula xa nanitshata iza kuba yiyo egqiba ngobume bempahla yenu wakuqhawulwa umtshato.


IMIYALELO:


UKUPHELISWA KOMTSHATO
Umtshato waseburhulumenteni kufuneka upheliswe yinkundla.

Izizathu zokuqhawulwa komtshato

Ukuqhawulwa komtshato wenu kungaphunyezwa kuphela xa ubonisa inkundla ukuba kwenzeke "umonakalo ongenakulungiseka" kumtshato lowo okanye omnye wabalingane ugula ngengqondo okanye unamaxesha angabikho zingqondweni.

Umonakalo ongenakulungiseka uthetha ukuba isibini eso asinakukwazi ukuphinda sihlale kunye yaye akukho sithuba sicacayo sokuba bangaze bayoyise iyantlukwano yabo. Isiqinisekiso soku singaquka ubungqina obubonisa ukuba:
* Isibini esi sikhe asahlala kunye okwexeshana.
* Omnye wabalingane umqhathile omnye
* Omnye wabalingane uye wamshiya omnye
* Omnye wabalingane uye umphethe gadalala omnye
* Isibini esi asisathandani

Unokuwuqhawula umtshato ukuba umlingane wakho ebekhe Wafakwa kwiziko lonyango ngenxa yokugula ngengqondo iminyaka emibini ubuncinci yaye oogqirha abacingi ukuba angabuye aphile kwakhona.

Unokuwuqhawula umtshato ukuba ibikhe ayabikho zingqondweni iinyanga ezintandathu ubuncinci yaye oogqirha abanalo ithemba lokuba angabuye aphile.

Inkqubo yokuqhawulwa komtshato

Ukuba ufuna ukucela inkundla ukuba ukuba iwuqhawule umtshato, kufuneka ulungise umyalelo wokuvela enkundleni othetha:
* Ngokuba ngubani oza kufumana igunya lokugcina akhulise abantwana.
* Umzali ongalinikwanga igunya lokugcina akhulise abantwana uza kufikelela njani ebantwaneni abo.
* Ngubani oza kufumana imali-nkxaso, izakuba ngakanani yaye ihlawulwe njani, phi.
* Impahla yenu iza kwabiwa njani.


Ukuba wena nomlingane wakho ningafikelela kwisivumelwano ngoku kungentla phambi kokuba ukhutshwe umyalelo wokuvela enkundleni, oku kuyakwenza inkqubo le ibe yekhawulezayo nelula. Ukuba nifikelela kwisivumelwano, kufuneka nikubhale phantsi ze nikutyikitye oku. Iphepha elinemvume kufuneka lincanyathiselwe kumyalelo wokuvela enkundleni ngomba wokuqhawulwa komtshato.

Usuku lokumanyelwa luza kubekwa. Kolu mamelo, ijaji iza kubuza imibuzo ukuqinisekisa ukuba iinkcukacha ezikulo myalelo. Emva kokuba yonke into ilungile, umyalelo wokuqhawulwa komtshato uya kukhutshwa.

Ukuba usebenzisa iNkundla Yezeentsapho endaweni yeNkundla Ephakamileyo, ukuqhawulwa komtshato wakho kungaphunyezwa ngokukhawuleza yaye kubize imali encinci.

UKUPHELISWA KOMTSHATO KUSETYENZISWA IMITHETHO YAMASIKO NEZITHETHE ZASE-AFRIKA

Imitshato esekelwe kumasiko nezithethe iyafana nemitshato yaseburhulumenteni kwindawo yokuba inkundla kufuneka ikhuphe umyalelo wokuqhawulwa komtshato yaye ukuqhawulwa komtshato kunokuphunyezwa kuphela imiqathango yokwaphulwa komtshato iyafikelelwa sisibini eso (oko kukuthi umonakalo ongenakulungiseka, ukugula ngengqondo okanye ukungabikho zingqondweni izihlandlo ezininzi).

Isibini esi singagqiba ngemiqathango yokuqhawulwa komtshato ze ijaji ikhuphe imiyalelo ehambisana nokunikezelwa kwegunya lokugcinwa kukhuliswe abantwana kunye nemali-nkxaso. Ukuba inkundla kufuneka ithathe isigqibo ngale miba iya kuthathela ingqalelo nawaphi na amalungiselelo anokuba enziwa ngokomthetho wamasiko nezithethe.

Usapho lwakulomfazi kunokufuneka lubuyisele yonke okanye isixa esithile selobola kusapho lomyeni, ngaphandle kokuba umyeni uyilahle esidlangalaleni inkosikazi yakhe ngaphandle kwesizathu konke-konke.
UKUPHELISWA KOMTSHATO NGOKWEMITHETHO YEENKOLO ZAMA-HINDU NEZAMA-MUSLIM
Ukuba indoda nomfazi babetshatiswe yinkokheli yama-Muslim ngokwenkolo yama-Muslim okanye umpristi kwinkolo yama-Hindu, abatshatanga ngokomthetho waseburhulumenteni. Banakho ukuwuqhawula umtshato wabo bengakhange badibana nenkudla kodwa kufuneka belandele imithetho yenkolo yabo.

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:


* Isebe Lemicimbi Yekhaya (The Government of South Africa)
* Isebe Lezobulungisa Nophuhliso loMgaqo-siseko (The Government of South Africa)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Divorce Act, 1979 (UMthetho) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Divorce Amendment Act, 95 of 1996 (UMthetho) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 17 uMatshi 2004



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





