Isicelo sokubhalisela ukubangumngenisi wempahla elizweni
Iinkonzo zabantu
Iinkonzo zemibutho
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Khetha ulwimi
Isicelo sokubhalisela ukubuyiselwa imali
Shicilela eli phepha/Printa eli phepha
Yongeza kwimiba ethandwayo
Beka njengephepha lokuqala
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
Ikhasi lokuqala
Iinkonzo zemibutho
Isicelo sokubhalisela ukubangumngenisi wempahla nezinto ezithile elizweni
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Le fom yesicelo kufuneka igcwaliswe ngumenzi-sicelo, hayi umntu wesithathu - kungenjalo isicelo asiyi kuqwalaselwa.
Nceda ubhekise kwisikhokelo sesicelo ukuze sikuncede ngenkqubo yelayisensi.
o khangela ibhokisi yokuhlola yoMngenisi wempahla, phantsi kobhaliso.
Kwicandelo elithi Importer Particulars IiNkcukacha zoMngenisi wempahla nezinto ezithile eLizweni, chaza o igama lokurhweba leshishini lakho o igama nenombolo yesitalato seshishini o igama kunye nenombolo yomgangatho wesakhiwo eliqhutyelwa kuso eli shishini o ummandla wedolophu elimi kuwo ishishini o isixeko okanye idolophu elimi kuyo ishishini; kunye o ikhowudi yesitalato sommandla wedolophu elimi kuwo ishishini o ngubani oyakubanoxanduva lokubhala nokuthumela imiqulu kwi-South African Revenue Service; kunye nokuba o ingaba nguwe oyakubhala kwaye athumele le miqulu, okanye ingaba kuyakutyunjwa i-eyijenti ukuze yenze oku, na.
Icandelo elithi Authority to Apply (Igunya lokwenza isicelo) maligcwaliswe ngumntu (ongumnikazi-shishini ozimele yedwa, umqondisi, oogxa bentsebenziswano, ilungu, ilungu eliphathiswe iqumrhu ngentembeko, okanye umntu ophethe ishishini) owenza isicelo sokubhalisela ukubangumngenisi wempahla nezinto ezithile elizweni.
Igama lomenzi-sicelo okanye igama lobhaliso lweshishini, hayi igama lorhwebo, kufuneka liboniswe kweli candela.
o apho kubonakala khona inkwenkwezana ekuthiwa yi-asterisk (*), susa nayiphina efaneleke njalo.
Kwicandelo le Declaration (ISibhengezo), faka oku kulandelayo:
o oonobumba bamagama okuqala kunye nefani yomntu owenza isicelo sokunikwa ilayisensi.
o isikhundla somntu owenza isicelo, umzekelo, uMqondisi, uManejala, uMnikazi o lo mntu wenza isicelo kufuneka atyikitye (asayine) ifom yesicelo o umhla esisayinwe ngawo esi sicelo o indawo esisayinelwe kuyo esi sicelo
Faka iikopi eziluqobo lwazo okanye eziqinisekisiweyo zale miqulu ilandelayo:
o isatifiketi sobhaliso lweshishini njengoko sikhutshwe nguMphathi woBhaliso lweeNkampani okanye iNqununu yeNkundla ePhezulu kwimeko yeQumrhu lokuGcina ngeNtembeko.
o isindululo okanye imvume okanye elinye igunya elibandakanyekayo.
o iincwadi zezazisi xa umntu engummi waseMzantsi Afrika o imiqulu yepaspoti kwimeko yomntu ongahlali kweli lizwe umntu ubuqu bakhe oogxa bentsebenziswano kwiqumrhu elingavulelekanga okanye kwiqumrhu lokugcina ngentembeko - onke amalungu, ogxa bentsebenziswano okanye amalungu aphathiswe iqumrhu ngentembeko inkampani - bonke abaqondisi, kubandakanywa umqondisi olawulayo kunye nomqondisi wezemali.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Entla
Iindleko
Le nkonzo ayihlawulelwa.
Entla
Entla
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa
