






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ubugcisa Nenkcubeko > Amaphepha-mvume > Ukubhaliswa Kokuqokelelwa Kwabucala Kwamatye Anqabileyo, Izinto Zakudala Ezinqabileyo kunye Namatye awe Esibhakabhakeni

Ukubhaliswa Kokuqokelelwa Kwabucala Kwamatye Anqabileyo, Izinto Zakudala Ezinqabileyo kunye Namatye awe Esibhakabhakeni




INKCAZELO:

Ngokomthetho, abanini beengqokelela ezenziwa bucala zamatye anqabileyo, izinto ezinqabileyo zakudala kwakunye namatye awe esibhakabhakeni abeqokelelwe phantsi kolawulo lomthetho ongasekhoyo banikwa ixesha de kube ngumhla wokuqala kwekaTshazimpunzi ku-2002 ukubhalisa iingqokelela zabo ne-South African Heritage Resources Agency (i-SAHRA).

Kukho intlaninge yeenzuzo ngokugcina incwadi eneenkcukacha zezi ngqokelela:
* Ingqokelela nganye inencwadana ethetha ngayo, ukuqinisekisa ukuba iinkcukacha ezi azilahleki.
* Ubonelelo lwenzelwa ukudlulisela ingqokelela le kusapho, izihlobo okanye iziko.
* Izifundiswa eziqinisekisa ezi ngqokelela zinokucebisa futhi zincede umnini.
* Iingqokelela ezi ke ngoku ziba semthethweni
* Iinkcukacha ezibalulekileyo ezikwezi ngqokelela zidibana njengelifa lesizwe ekwabelwana ngalo.


Inkqubo yokubhalisa ayibuchaphazeli ubunini bezingqokelela zibhalisiweyo, ezihlala ziyimpahla yomnini. Olu bhaliso lweengqokelela zabucala luqinisekisa ukuba iinkcukacha ngazo ayilahleki kwizizukulwana ezisezayo.
Iingqokelela ekufuneka zibhaliswe kwi-SAHRA ziquka:
* zonke iingqokelela zezinto zakudala ezinqabileyo, kuquka nezingaphaya kwe-100 leminyaka ubudala, imizobo esematyeni okanye ushicilelo olusematyeni, izinto zakudala ezinqabileyo ezombiwe okanye eziqokelelwe kwiziza ezinxulunyaniswa nembali yamajoni ebudala bungaphaya kwama-75 eminyaka, kwakunye nezinye ezinxulunyaniswa neenqanawa kunye nezinye iintshabalalo ezibudala bungaphaya kwama-60 eminyaka.
* zonke iingqokelela zamatye anqabileyo nezinye izinto ezingezidalwa zamandulo(eziquka amatye anqabileyo okukhangela afana nezingqi zakudala).
* zonke iingqokelela zamatye awe esibhakabhakeni.



IMIYALELO:

Iinkcukacha ezithe vetshe namaphepha okubhalisa afumaneka kuMary Leslie (mleslie@sahra.org.za) kwiOfisi kaNdlu-Nkulu ye-SAHRA okanye uqhagamshelane ne-Ofisi yeNgingqi yakho ngeenkcukacha ezithe vetshe.I-Ofisi yePhondo leNtshona Koloni ye-SAHRA:
111 Harrington Street, Cape Town, 8001
PO Box 2771, South African Heritage Resources Agency, Cape Town, 8000
Umnxeba: 021 465 3622
Ifeksi: 021 461 0738
bcrouts@sahra.org.za

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

IQumrhu yeLifa leMveliso loMzantsi Afrika





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* National Monuments Council Website (Qhagamshela) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 23 uFebruwari 2004



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





