






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ubomi & Nosapho > Ukuzazisa, Ukufudukela Kweli Kommi Welinye Ilizwe & Nobumi > Ukufamana Incwadana yesazisi

Ukufamana Incwadana yesazisi




INKCAZELO:

Incwadi Yesazisi yincwadi yaseburhulumenteni esetyenziselwa ukuzazisa. Ilizwe ngalinye kufuneka likwazi ukubazi abemi balo. Amaziko abucala nakawonke-wonke nawo afuna ubungqina bokuba ungulo mntu uthi unguye(umzekelo, ukwenzela ukubhankisha nokuvota).

Ungayifumana incwadana yesazisi yase Mzantsi Afrika ukuba ungummi weli okanye umhali osisigxina yaye ukuba uneminyaka eli-16 okanye ngaphezulu uzelwe.

Ukuba incwadana yakho yesazisi ilahlekile, ibiwe okanye yonakele, unokufaka isicelo senye. Usenako ukuyifumana incwadana yesazisi entsha ukuba:
* Iinkcukacha zakho zitshintshile.
* Imeko yakho yobumi beli itshintshile.
* Utshintshe ifani yakho (umzekelo, ukuba uyatshata okanye waphule umtshato).
* Usahlala okwethutyana kwelinye ilizwe yaye ubukhe ngaphambili wanayo incwadana yesazisi yaseMzantSI Afrika.


Abantu abafudukele kweli abaneemvume ezisebenzayo zokuba ngabahlali besigxina bangazifumana iincwadi zezazisi nabo.
Incwadana yesazisi yethutyana isebenza njengobungqina bokuzazisa kwakho ngexa usalinde isicelo sakho sencwadana yesazisi ukuba iphunyezwe. Le ncwadana yeyokusetyenziswa ithutyana elincinci kuphela.


IMIYALELO:

Ngeenkcukacha ezithe vetshe ngokufaka isicelo sencwadana yesazisi, ndwendwela I- website yeSebe Lemicimbi YeKhaya.


IFUMANEKA KWI:

La mabakala amaziko:
* Ii-Ofisi zeMicimbi yeKhaya


IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

Isebe Lemicimbi Yekhaya (The Government of South Africa)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 10 uDisemba 2003



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





