






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ulwaphulo-mthetho, uMthetho NobuLungisa > Iinkundla & Neenkonzo Zomthetho > IiNkundla Zamabango Amancinci

IiNkundla Zamabango Amancinci




INKCAZELO:

IiNkundla Zamabango Amancinci zisebenza ngemiba yoluntu apho ibango lingaphantsi kwama-R7000. Zikholo ukwenza ukuba inkqubo yeenkundla ikhawuleze.

Kukho intlawulo yamalunga ne-R15 yokusebenzisa iNkundla yaye akukho ngenelelo lwamagqwetha, ngoko ke akukho zintlawulo zamagqwetha. Ukuba uyafuna, ungafumana ingcebiso yezomthetho phambi kokuba uye enkundleni. Abancedisi kwezomthetho noonobhala beNkundla Yamabango Amancinci baza kukuncedisa simahla.

Abantu abazimeleyo bangawafaka amabango kule nkundla, kodwa iinkampani zona.

Naluphi na olunye lweelwimi lungasetyenziswa kule nkundla.

Ityala alimanyelwa yiJaji okanye uMantyi, kodwa ke nguMkomishinala, omamela onke amacala ebali eli ze abuze imibuzo.

INkundla Yamabango Amancinci ayiwamameli amatyala okuchithwa komtshato.
Asikho isibheno kwisigqibo seNkundla Yamabango Amancnci. Kungenjalo, ukuba ucinga ukuba uMkomishinala ube nomkhethe okanye wenze okungalunganga, ungacela ukuba ityala liphinde livulwe kuphandisiswe.


IMIYALELO:

Ukufaka ibango kwiNkundla Yamabango Amancinci, kufuneka:
* Unike omnye umntu lo umbango obhalwe phantsi umnika iintsuku ezili-14 ukuba abuyise okubangwa
* Emva kweentsuku ezili-14, faka umbango nonobhala weNkundla
* Bhalela lo mntu umbizele enkundleni
* Yiya enkundleni ngosuku oluxeliweyo nazo zonke iimphepha ezibubungqina.

Ukumanyelwa kweli tyala akwenziwa ngokusesikweni yaye kulula, futhi akukho kugocwagocwa ngemibuzo. UMkomishinala uza kubuza yonke imibuzo ze xa sele eve kummangali nommangalelwa, enze isigqibo.
Ukuba, ufuna ezinye iinkcukacha iSebe LezoBulungisa linencwadana ngokufaka amabango kwiNkundla Yamabango Amancinci.


IFUMANEKA KWI:

La mabakala amaziko:
* INkundla Yamabango Amancinci


IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

Isebe Lezobulungisa Nophuhliso loMgaqo-siseko (The Government of South Africa)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Small Claims Court: Institute Your Own Claim (IiNkcukacha Zoluntu) (File type: pdf; size: 99 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Small Claims Courts Act (UMthetho) (File type: pdf; size: 487 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 21 uOktobha 2004



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





