






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Iinkonzo Zoluntu > Abantwana & Neentsapho > Ukufumana Ulwazi Ngabazali Bemvelo Bomntwana

Ukufumana Ulwazi Ngabazali Bemvelo Bomntwana




INKCAZELO:

Njengomntwana odluliselwe kubazali abatsha, unakho ukuqalisa ukhangele abazali bakho bemvelo ukuba ungaphezu kweminyaka elishumi elinesibhozo ubudala. Ukuba uphakathi kweshumi elinesibhozo namashumi amabini ananye eminyaka ubudala, kuya kufuneka ufumane imvume ebhalwe phantsi esuka kubazali bakho bemboleko. Ukuba ungaphaya kwamashumi amabini ananye eminyaka ubudala ungabakhangela abazali bakho bemvelo ngaphandle kwemvume yabazali bakho besibini.

Phambi kokuba uqalise ngokukhangela, uya kufumana iingcebiso nentuthuzelo kunontlalo-ntle.

Iincwadi ezineenkcukacha zokudluliselwa komntwana kubanye abazali zigcinwa ixesha eliyiminyaka engamashumi asixhenxe yaye zingowona mthombo wokuqala wolwazi. Ezi nkcukacha zigcinwa nguMgcini-zincwadi ePitoli. Iinkcukacha ezigcinwayo zezi zilandelayo:

* Iphetshana elingqina ukuba abazali bemvelo bomntwana bavuma ukunikezela ngomntwana lowo
* Isicelo sabazali besibini
* Ingxelo kanontlalo-ntle ngabazali abafaka isicelo sokunikwa umntwana njengowabo
* Ingxelo kanontlalo-ntle ngabazali bemvelo bomntwana (ukuba ikho).

Ulwazi oluthile mayela nokudluliselwa komntwana kubazali abatsha lunganikezelwa nakubani na ngokwentando yoMgcini-zincwadi. Kodwa iinkcukacha zabo bachaphazelekayo azinakudizwa. Umzekelo, ulwazi ngempilo lungavuleleka kugqirha.
Abazali bemvelo bomntwana banokufikelela kwiinkcukacha zokudluliselwa komntwana ukuba abazali besibini nomntwana bayakuvumela oko. Ukuba bayala, abazali bemvelo bangazishiya iinkcukacha zabo kuxwebhu ukuze bafumaneke ukuba abazali besibini okanye umntwana batshintsha ingqondo yabo.


IMIYALELO:

Ukufumana iinkcukacha ezithe vetshe qhagamshelana noMgcini-zincwadi Zokudluliselwa Kwabantwana Kubanye Abazali kwiSebe leSizwe loPhuhliso Loluntu ePitoli. UNksz. Marike Bloem
UMgcini-zincwadi Wokudluliselwa Kwabantwana Kubazali Abatsha, kwiSebe loPhuhliso Loluntu
Private Bag X901, ePitoli, 0001
Inombolo Yomnxeba: 012 312 7593
Inombolo Yefeksi. 012 323 3733
marikeb@socdev.gov.za

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

Isebe Lophuhliso Loluntu (The Government of South Africa)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Ukunikezela Ngomntwana Kubanye Abazali Ukuba Bamkhulise Njengowabo (IiNkonzo)
* Adopting a Child (IiNkonzo) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Ukubhalisa Ukudluliselwa Komntwana Kubazali Abatsha (IiNkonzo)
* Adoption Matters Act, 56 of 1998 (UMthetho) (File type: pdf) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 14 uFebruwari 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





