﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Iinkonzo Zoluntu > Abantwana & Neentsapho > Ukunikezela Ngomntwana Kubanye Abazali Ukuba Bamkhulise Njengowabo

Ukunikezela Ngomntwana Kubanye Abazali Ukuba Bamkhulise Njengowabo




INKCAZELO:

Ukunikezela umntwana ukuba akhuliswe ngabanye abazali yindlela esemthethweni yokuqhawula ikhonkco elihlanganisa abazali bemvelo nomntwana wabo.


Ukuba abazali bemvelo bomntwana basaphila, kufuneka bakuvumele bobabini oku kunikezelwa komntwana kubanye abazali.


Le mvume kufuneka ibe kanti yenziwa ngentando yalowo uvumayo yaye umntu ovumileyo akanakuvuzwa ngamali, zipho, okanye nangayo nayiphi na enye indlela. Kusenjalo, imvume yomzali ophazamisekileyo engqondweni, omlahlileyo okanye oye wamphatha kakubi umntwana wakhe, ayisosidingo.


Bobabini unina noyise womntwana kufuneka batyikitye iphetshana apho bavuma khona ukunikezela ngomntwana wabo kumntu okanye isibini esithile.


Ukuba abazali bemvelo abatshatanga, unina kufuneka kuqala afumane imvume kayise womntwana lowo. Kusenjalo, umelwe kukwenza oku kuphela ukuba ukukhulelwa kwakhe kwakungesosizathu sabundlobongela, yaye ukuba uyise uqinisekisa ngembalelwano ukuba yena unguyise womntwana futhi uzazisile yena, kanti nedilesi yakhe iyafumaneka.


Abazali bemvelo bangayirhoxisa imvume yabo ngeentsuku nje ezingamashumi amathandathu bevumile.

Ukuba umntwana lowo uneminyaka elishumi okanye ngaphezulu ubudala, naye kufuneka evumile kulo mba.


Ukuba umntwana lowo uphantsi kononophelo lwexeshana, abazali abamgcina bamkhulise okwexeshana kufuneka nabo baqinisekise ukuba abanazinjongo zakumthathela kubo loo mntwana.


Xa umntwana sele enikezelwe kwabanye abazali njengomntwana wabo omtsha onke amalungelo namagunya phakathi komntwana nabazali bakhe bemvelo ayaphela. Inkqubo yokudluliselwa komntwana kwabanye abazali njengabazali bakhe abatsha ifikelela esiphelweni xa umyalelo wokudluliselwa kwakhe sele ukhutshiwe.

Ukudluliselwa komntwana kubazali abatsha yinto enzima yaye amaziko asebenza ngalo mba aya kunikezela ngeenkonzo zenkxaso ukuzama ukukunceda. Olu ncedo lunokuqiingcebiso nentuthuzelo kwanendawo yokuhlala.


IMIYALELO:

Ukufumana iinkcukacha ezithe vetshe qhagamshelana ne-Ofisi Yesithili ekufutshane nawe yeSebe loPhuhliso Loluntu okanye iziko elisebenza ngokudluliselwa kwabantwana kubazali abatsha.

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

Isebe Lophuhliso Loluntu (The Government of South Africa)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Cape Town Child Welfare Society Website (Qhagamshela) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Adoption Matters Act, 56 of 1998 (UMthetho) (File type: pdf) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Adopting a Child (IiNkonzo) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Ukubhalisa Ukudluliselwa Komntwana Kubazali Abatsha (IiNkonzo)
* Ukufumana Ulwazi Ngabazali Bemvelo Bomntwana (IiNkonzo)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 11 uMeyi 2004



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





