﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO |IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Ushicilelo > IiNkcukacha Zoluntu > I &gt Impahla Yomntu Ongasekhoyo: Imiyolelo

Impahla Yomntu Ongasekhoyo: Imiyolelo





Isebe Lezobulungisa Nophuhliso loMgaqo-siseko (The Government of South Africa)





Nceda uqwalasele ukuba esi sibhalo asenzelwanga kuba ngumkhomba-ndlela ogqibeleleyo ngokwenziwa kwemiyolelo. Umyolelo luxwebhu oludinga iingcali, ekudingeka ukuba lwenziwe yingcali efana negqwetha okanye inkampani eqeshelwe ukulawula impahla yabantu. Olu lwazi lwenzelwe ukwazisa abantu ngemiba engundoqo kwimiyolelo.


* Ngubani onakho ukwenza umyolelo?
* Ngubani onokuba lingqina ekwenziweni kumyolelo?
* Ziintoni ezifunekayo xa kusenziwa umyolelo?
* Ziintoni ezifunekayo ekwenziweni komyolelo futhi kwenzeka ntoni xa ndingakwazi ukutyikitya igama lam?
* Yintoni icodicil?
* Kwenzeka ntoni xa ndifuna ukwenza izilungiso kumyolelo wam?
* Ingaba kufuneka ndenze izilungiso kumyolelo wam emva kokuba ndiwuqhawule umtshato wam?
* Kuya kwenzeka ntoni xa ndingawushiyi umyolelo?


NGUBANI ONAKHO UKWENZA UMYOLELO?

Nabani na oneminyaka elishumi elinesithandathu leminyaka ubudala nangaphezulu, ngaphandle kokuba ngexesha lokwenziwa kwaloo myolelo umntu lowo ebengekho zingqondweni zokuzicingisisa iziphumo zokwenziwa kwaloo myolelo.

NGUBANI ONOKUBA LINGQINA EKWENZIWENI KOMYOLELO?

Nabani na ominyaka ilishumi elinesine leminyaka ubudala nangaphezulu onokuthi ngelo xesha angqina kulolo myolelo abe unakho ukunikezela ubungqina enkundleni.

Umntu oza kufumana impahla ngokomyolelo akanakho ukutyikitya njengengqina, ngoba kaloku uya kwalelwa ekubeni afumane nto kuloo myolelo. Kodwa ke kukho iimeko ezithile ezixolelelekayo kulo mthetho. Dibana nommeli wakho kwezomthetho ngalo mba.

ZIINTONI EZIFUNEKAYO UKUZE KUBE NOKWENZIWA UMYOLELO OSEBENZAYO?


* Ukususela ngomhla wokuqala kweyoMqungu ngonyaka ka-1954, yonke imiyolelo kufuneka ibhalwe phantsi. Inokubhalwa ngesandla, ichwethezwe okanye ibhalwe ngomatshini wokubhala.
* Umnini-mpahla (umntu owenza lo myolelo) kufuneka atyikitye kwiphepha lokugqibela lalo myolelo.
* Umnini-mpahla kufuneka atyikitye onke amanye amaphepha alo myolelo naphi na apha ephepheni.
* Umnini-mpahla kufuneka atyikitye lo myolelo phambi kwamangqina anakho ukutyikitya, amabini okanye nangaphezulu.
* Amangqina kufuneka aqinisekise futhi atyikitye xa kusenziwa lo myolelo, phambi komnini-mpahla kwakunye nawo omabini abekho.


ZIINTONI EZIFUNEKAYO XA KUSENZIWA UMYOLELO FUTHI XA NDINGAKWAZI KULITYIKITYA IGAMA LAM?

Ungacela omnye umntu akutyikityele umyolelo lo, okanye ungawutyikitya lo myolelo ngokuthi wenze nje uphawu (umzekelo, umzila womnwe omkhulu okanye u-'x'). Ukuba wenza uphawu, okanye ufumana umntu oza kukutyikityela, kufuneka ulandele ezi mfuno:
* Ukuba wenziwa emva komhla wokuqala kwinyanga yoMqungu kunyaka ka-1954, umyolelo lowo kufuneka ube ubhalwe phantsi. Ungabhalwa ngesandla, uchwethezwe okanye ubhalwe ngomatshini wokubhala.
* Umnini-mpahla kufuneka atyikitye lo myolelo ekupheleni kwephepha lokugqibela ngokuthi enze uphawu, okanye ukuba omnye umntu uthi amtyikityele, loo mntu kufuneka atyikitye phambi futhi ngokwemiyalelo yomnini-mpahla lowo.
* Uphawu okanye umtyikityo walo mntu utyikityela umnini-mpahla kufuneka wenziwe phambi kwamangqina akufaneleyo oko amabini okanye nangaphezulu kwakunye nomkomishinala wezifungo.
* Amangqina kufuneka aqinisekise ze atyikitye lo myolelo phambi komnini-mpahla/ kunye nawo onke loo mangqina abekho futhi ukuba umyolelo lowo utyikitywe ngomnye umntu, phambi kwakhe naloo mntu kwakunye nomkomishinala wezifungo.
* Ukuba umyolelo wenziwa ngamaphepha angaphezu kwesinye, onke amaphepha ngaphandle kwelokugqibela kufuneka atyikitywe ngumnini-mpahla okanye ngumntu otyikityela umnini-mpahla naphi na apho ephepheni.
* UMkomishinala wezifungo kufuneka aqinisekise ukuba wanelisekile ziinkcukacha zomnini-mpahla futhi nomyolelo lowo ngowomnini-mpahla.
* UMkomishinala wezifungo kufuneka atyikitye isiqinisekiso nephepha ngalinye lomyolelo, naphi na apho ephepheni.


YINTONI I-CODICIL?

I-codicil luludwe lwenkqubo okanye isihlomelo kumyolelo osele ukho. I-codicil kufunela ihambelane kwaneemfuno ezifanayo nezomyolelo osele usebenza (ezidweliswe phezulu apha).

I-Codicil akufuneki de ityikitywe kwangala mangqina atyikitya la myolelo wokuqala.

NDITHINI XA NDIFUNA UKWENZA IZILUNGISO KUMYOLELO WAM?

Izilungiso kumyolelo zingenziwa kuphela xa usenza loo myolelo okanye emva kosuku lokwenziwa kwaloo myolelo. Izilungiso kumyolelo kufuneka zihambelane kwaneemfuno ezifanayo nezo zomyolelo osele usebenza (ezidweliswe phezulu apha).

Xa usenza izilungiso kumyolelo, akunyanzelekanga ukuba kutyikitye kwala mangqina atyikitya umyolelo wokuqala kwizilungiso ezo.

INGABA KUFUNEKA NDENZE IZILUNGISO KUMYOLELO WAM EMVA KOKUBA NDIQHAWULE UMTSHATO WAM?

Impahla eya kowayesakuba liqabane lakho ngokomyolelo owawenza ngaphambi kokuqhawulwa komtshato wakho, ayinakusuka yohluthwe emva kokuqhawulwa komtshato wakho.

UMthetho iWills Act uthi, ngaphandle kokuba uza nelinye icebo, impahla eya kwiqabane eniqhawule umtshato nalo, iya kurhoxiswa ukuba uthi usutywe kukufa kwiinyanga nje ezintathu emva kokuqhawulwa komtshato wakho.

Oku kunika umntu oqhawule umtshato iinyanga ezintathu zokuba enze izilungiso kumyolelo wakhe emva kwaloo mtshato.

Ukuba akuwutshintshi umyolelo wakho kwiinyanga nje ezintathu emva kokuqhawulwa komtshato wakho, iqabane oqhawule umtshato nalo liya kufumana ilifa njengoko kuyalelwe kumyolelo lowo.

KUYA KWENZEKA NTONI UKUBA ANDISHIYI MYOLELO?

Ukuba uthi usutywe kukufa ngaphandle kokwenza ze ushiye umyolelo osebenzayo, impahla yakho iya kwahlula-hlulwa ngokwemigaqo yomthetho I-Intestate Succession Act, nombolo 81 ka-1987.

Impahla yabantu abathi basutywa kukufa bengenzanga miyolelo futhi abampahla yabo ilawulwa ngokwemigaqo yemithetho yamasiko, kufuneka kunikezelwe ingxelo ngaloo mpahla kuMantyi wengingqi umnini-mpahla lowo ungasekhoyo ebehlala kuyo ngexesha esutywa kukufa. Kufuneka kudityenwe nomantyi waloo ngingqi ngendlela eza kwabiwa ngayo loo mpahla ilawulwa ngokwemigaqo yemithetho yamasiko.





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Ukwenza Isivumelwano seLifa (IiNkonzo)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 13 uJulayi 2004



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





