Isicelo sokuqonda udidi lwesityalo
Iinkonzo zabantu
Iinkonzo zemibutho
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Khetha ulwimi
Ukuvavanya imbewu ngeenjongo zesikhalazo nempikisw
Isicelo samalungelo okumilisa izityalo
Isicelo sokuqonda udidi lwesityalo
Isicelo semvume yeentshukumo zonke ezinxulumene
Shicilela eli phepha/Printa eli phepha
Yongeza kwimiba ethandwayo
Beka njengephepha lokuqala
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
Ikhasi lokuqala
Iinkonzo zemibutho
Isicelo sokuqonda udidi lwesityalo
Isicelo sokuqonda udidi lwesityalo (ukubhalisa udidi)
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
ISebe lezoLimo ligcina izintlu zeendidi ngokuphathelele kwezolimo, imifuno nezityalo zeziqhamo. Ubhengezo lwezityalo ngeenjongo zomThetho kwakunye nokuquka iindidi kwizintlu kwenziwa ngokulandela isicelo. Isizathu sokufikelela isigqibo sixhomekeke ekubalulekeni kohlobo lwesityalo kuqoqosho lwaseMzantsi Afrika.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
o intlawulo emiselweyo yesicelo novavanyo o imbewu okanye izixhobo zokumilisa o ugunyaziso olubhaliweyo oluvela kumnini-sityalo, ukuba awusimilisanga, wasikhetha okanye waqhubela phambili udidi.
Bonisa ngokucacileyo kuthotho lwemibuzo yobuchwepheshe ukuba zeziphi ezinye iindidi ezaziwayo eMzantsi Afrika, ekufuneka udidi olutsha luthelekiswe nazo ukumisela ukuzibalula.
Kukho iintsuku ezimiselweyo ekufuneka kuthunyelwe ngazo amaxwebhu nezixhobo zokumilisa kuMbhalisi. Iinkcukacha zezi ntsuku, inani lezixhobo zokumilisa ekufuneka zithunyelwe nalapho kufuneka zithunyelwe khona, ziyafumaneka kuMbhalisi.
Xa ukhuselo ngokwemiqathango yamalungelo ommilisi wezityalo nalo lufuneka, abenzi bezicelo bakhuthazwa ukuthumela izicelo ngaxeshanye ukulondoloza ixesha nemali.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Inkqubo yokufaka udidi kuluhlu iya kuthatha ithuba elinye lokulima ubuncinane.
Entla
Iindleko
Intlawulo yesicelo malunga nokuqonda udidi: R790
Intlawulo yovavanyo malunga nokuqonda udidi:
o ihlelo A (ezolimo, imifuno, izityalo zamadlelo nombona): R900
o ihlelo B (umbona omhlophe nobomvu): R1 100
Isicelo sokuguqula okanye ukongeza igama lodidi olusele lufakwe kuluhlu lweendidi: R1 500
Entla
Entla
ISebe lezoLimo
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa
