﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ubomi & Nosapho > Ukubeleka > Ukubhalisa Ukuzalwa Komntwana Wakho

Ukubhalisa Ukuzalwa Komntwana Wakho




INKCAZELO:

Kufuneka ubhalise ukuzalwa komntwana wakho emva nje kweentsuku ezingamashumi amathathu kwenzikile oko.

Xa ubhalisa umntwana, uya kufumana isiqinisekiso sokuzalwa esishwankathelweyo simahla.

Ukuba utshatile, umntwana uya kubhaliswa ngegama likayise. Kodwa ke, ukuba akutshatanga, umntwana angabhaliswa ngegama likayise okanye likanina.

Ukuba akumbhalisi umntwaa wakho kwiintsuku nje ezingamashumi amathathu ezelwe, kuya kufuneka unikezele ngezinye iinkcukacha ukuze umbhalise:
* Ukumbhalisa kwiintsuku nje ezingamashumi amathathu ezelwe
* Ukumbhalisa emva kweentsuku ezingamashumi amathathu, kodwa ngaphambi kokuphela konyaka
* Ukumbhalisa emva konyaka, kodwa ngaphambi kweshumi elinesihlanu leminyaka
* Ukumbhalisa emva kweshumi elinesihlanu leminyaka ezelwe
* Abantwana abazalelwe ngaphandle kwemida yoMzantsi Afrika
* Iinkcukacha Zoqhagamshelwano

Qwalasela: Akuyomfuneko ukubhalisa ukuzalwa komntwana, ukuba umntwana uzelwe engasaphili.


IMIYALELO:


UKUMBHALISA KWIINTSUKU NJE EZINGAMASHUMI AMATHATHU EZELWE

Ukuze ubhalise umntwana wakho, kufuneka ugcwalise iphetshana lokubhaliswa kokuzalwa komntwana elingu-BI-24 ze ulingenise kweyona ofisi yeSebe Lemicimbi Yekhaya ikufutshane nawe. Eli phetshana liqulethe inkcazo ngomntwana lowo (isini, njalo-njalo) kwakunye negama nefani yomntwana. Abazali kufuneka beze neencwadana zabo zezazisi ndawonye nesiqinisekiso sasesibhedlele okanye ikhadi laseklinikhi lomntwana.


UKUMBHALISA EMVA KWAMASHUMI AMATHATHU EENTSUKU, KODWA NGAPHAMBI KOKUPHELA KONYAKA


Ukuba akukhange ukubhalise ukuzalwa komntwana wakho kwiintsuku ezingamashumi amathathu zokuqala ezelwe umntwana, kodwa umntwana usengaphantsi konyaka ubudala, kufuneka ugcwalise ipetshana lokubhaliswa komntwana u-BI-24, ze ucacise futhi ukuba kutheni ungazange ukubhalise ukuzalwa komntwana wakho kwiintsuku nje ezingamashumi amathathu ezelwe umntwana lowo.


UKUMBHALISA EMVA KONYAKA, KODWA NGAPHAMBI KWESHUMI ELINESIHLANU LEMINYAKA


Ukuba umntwana ungaphezulu konyaka kodwa usengaphantsi kweshumi elinesihlanu leminyaka, kufuneka ugcwalise iphetshana lokubhaliswa kokuzalwa kwakhe u-BI-24/1 ze ulingenise ndawonye nezizathu ezibhaliweyo ezichaza ukuba kutheni engazange abhaliswe kwiintsuku zokuqala ezingamashumi amathathu ezelwe nje. Uya kudinga:
* Iintetho neziqinisekiso ezifungelweyo zabazali okanye ke, kwimeko apho abazali bangasaphiliyo, ezisuka kwisizalwane esisondeleyo ngokuzalana nomntwana lo, sizalwane eso simshiya ngeshumi leminyaka ubuncinci umntwana lowo, esiya kuqinisekisa iinkcukacha nobume bakhe.


kunye


* Neempepha ezingqina iinkcukacha nobume bomntwana lowo, umzekelo:
  * Isiqinisekiso esisuka kwisibhedlele okanye ikhaya lokubelekisa apho umntwana wazalelwa khona, esityikitywe ngumntu ophetheyo futhi esiqulethe istampu seziko elo.
  * Ukuqinisekiswa kweenkcukacha zomntwana njengoko zikho kwiincwadi zesikolo sakhe. Esi siqinisekiso kufuneka sibe kwiimpepha ezisesikweni neziqulethe uphawu lwesi sikolo, sityikitywe yinqununu futhi kufuneka siqulathe istampu sesikolo eso
  * Isiqinisekiso sokuphehlelelwa komntwana.
  * Kwimeko yabantwana abalahlwe ngabazali, ingxelo esuka kunontlalo-ntle.
  * Ikhadi lomntwana laseklinikhi.
  * Iingxelo zendlela umntwana aqhuba ngayo esikolweni.




UKUMBHALISA EMVA KWESHUMI ELINESIHLANU LEMINYAKA EZELWE


Ukuba ungaphezu kweshumi elinesihlanu leminyaka ubudala futhi awuzange ubhaliswe emva kokuzalwa, isicelo sokubhaliswa kokuzalwa kwakho kufuneka sikhaphe isicelo sakho seNcwadana Yesazisi. Kufuneka ungenise iphetshana lesicelo u-BI-24/15 ndawonye no-BI-9 (oliphetshana lokufaka isicelo sencwadana yesazisi).

Uya kudinga:
* Iziqinisekiso neentetho ezifungelweyo ezisuka kubazali, ze kwimeko apho abazali bangasaphiliyo, isizalwane esisondeleyo nesimshiya ngeshumi leminyaka ubudala umntwana lowo ubuncinci, kufuneka ziqinisekise iinkcukacha nobume bomntwana.


kunye


* Neempepha ezingqina iinkcukacha nobume bakho, umzekelo:
  * Isiqinisekiso esisuka kwisibhedlele okanye ikhaya lokubelekisa owazalelwa kulo, esityikitywe ngumntu ophethe apho nesiqulethe istampu esisesikweni selo ziko.
  * Ukuqinisekiswa kweenkcukacha zakho njengoko zibonakala kwiimpepha zesikolo sakho sokuqala. Isiqinisekiso esi kufuneka sibonakale kwiphepha elinophawu olusesikweni lwesikolo esi, sityikitywe yinqununu yesikolo, futhi siqulathe istampu esisesikweni sesi sikolo.
  * Isiqinisekiso sokuphehlelelwa kwakho.
  * Kwimeko apho umntwana alahlwe ngabazali, ingxelo esuka kunontlalo-ntle.
  * Ikhadi lakho laseklinikhi.
  * Iingxelo zendlela oqhuba ngayo esikolweni.




ABANTWANA ABAZALELWE NGAPHANDLE KWEMIDA YOMZANTSI AFRIKA


Ukuba umntwana wakho uzelelwe ngaphandle kwemida yoMzantsi Afrika kodwa omnye wabazali abe engummi woMzantsi Afrika, ungatyelela iziko loonozaku-zaku okanye labathunywa boMzantsi Afrika elikwelo lizwe ukuze ubhalise ukuzalwa komntwana lowo.

Kuya kufuneka ugcwalise iphetshana lokubhaliswa kokuzalwa komntwana (u-BI-24, u-BI-24/1 okanye u-BI-24/15) ze ulingenise ndawonye:
* nephetshana u-BI-529 Elinemibuzo Ngobuzwe Nobumi bakho
* isiqinisekiso esiqinisekisiweyo sokuzalelwa komntwana wakho kwelo lizwe nesiqulethe iinkcukacha ezigcweleyo zabazali bakhe
* kwimeko apho umntwana angaphezu kweshumi elinesihlanu leminyaka nangaphezulu ubudala, iphetshana lesicelo sokubhalisa ukuzalwa komntwana, kudingeka ugcwalise u-BI-9, oliphetshana lesicelo sencwadana yesazisi.



IINKCUKACHA ZOQHAGAMSHELWANO


Ukuze ufumane iinkcukacha ezithe vetshe, tyelela iwebsite yeSebe Lemicimbi Yekhaya okanye uqhagamshelane neyona ofisi yeSebe Lemicimbi Yekhaya ikufutshane nawe.
Akukho ntlawulo idingekayo xa ubhalisa ukuzalwa komntwana.


IFUMANEKA KWI:

La mabakala amaziko:
* Ii-Ofisi zeMicimbi yeKhaya


IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

Isebe Lemicimbi Yekhaya (The Government of South Africa)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Ukufaka Isicelo seSiqinisekiso Sokuzalwa (IiNkonzo)
* Ukubhalisa Ukudluliselwa Komntwana Kubazali Abatsha (IiNkonzo)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 25 uOktobha 2004



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





