






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ezothutho > Izithuthi Zabantu Abaneemfuno Ezizodwa > Iinkonzo Zothutho Ezizodwa zeDial-A-Ride

Iinkonzo Zothutho Ezizodwa zeDial-A-Ride




INKCAZELO:

Inkonzo yothutho yeDial-a-Ride ilunguselelwe abantu abangenakho ukukwazi ukusebenzisa ezinye iindlela zothutho ngenxa yeemfuno zabo ezizodwa.

Le nkonzo ibonelelwa ngemali siSixeko saseKapa, uRhulumente wePhondo leNtshona Koloni kunye neSebe leZothutho leSizwe. Le nkonzo iqhutywa yi-iKapa Tours & travel (Pty) Ltd.

Nabani na ohlala kummandla kamaspala weKapa ongakwazi yo ukuba angasebenzisa ezinye iindlela zothuutho ngenxa yengxaki yokungaboni ngamehlo okanye okhubazekileyo angayisebenzisa le nkonzo ye-Dial-a-Ride.

Le nkonzo iqhutywa iintsuku ezisixhenxe ngeveki phakathi kwentsimbi ye-06h00 neye-19h00.

Kuya kuqala kunikwe indawo lowo uqale wafika, olo bekelo -ndawo lusenziwa kwisithuba seentsuku ezisixhenxe phambi komhla wohambo, kodwa ingabi lusuku olunye oluphakathi evekeni ngaphambi komhla wohambo. Ke ngoko, ukuba ufuna ukuhamba rhoqo ukuya okanye uvela emsebenzini, kufuneka umana ubhalisa rhoqo ngenyanga de kube ziinyanga ezintandathu.
Ukuze ufumane ulwazi ngemiqathango yothutho yeDial-a-Ride, jonga iphetshana elineenkcukacha lakwaDial-a-Ride.


IMIYALELO:

Ukubhalisa xa ufuna ukusebenzisa inkonzo yeDiala-a-Ride, kufuneka ugcwalise iphetshana lesicelo iphetshana lesicelo ulithumele kule dilesi, Dial-a -Ride, P.O. Box 102, Observatory, 7935. Isicelo sakho siya kujongwa ngokuqwalasela ukuba unganakho na okanye akunako ukusebenzisa ezinye iindlela zothutho lukawonkewonke. Ukuba ngaba awunakho ukulikhupha, uyiprinte iphetshana lesicelo kwikhompyutha, ungalifumana kwezi ndawo:
* Ikapa Tours & Travel
* Imibutho ngemibutho yabantu abakhubazekileyo
* izibhedlele zoluntu
* amasebe onyango lokwenzakala embenzini kwizibhedlele ezikhulu
* onke amaziko amkelisa inkam-nkam.

Ukubhalisela uhambo, tsalela iDial-a-Ride kwinombolo yasimahla engu-0800 600 895.
Ukuba kukho into ofuna ukuyiqonda okanye ukufaka isikhalazo malunga nenkonzo yeDial-a-Ride, ungadibana neCall Centre Enikezela Ngolwazi yakwaMetro Transport, kwinombolo yasimahla engu-0800 65 64 63.

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

Izithuthi Zoluntu (Ezothutho Nemisebenzi Yoluntu, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)


IXABISO:

Ingingqi kaMaspala weSixeko saseKapa yahlula-hlulwe yayimimandla elithoba njengoko kubonakala kwimephu. Iindleko zibalwa, ngokuthi kuxhomekeke ekubeni mingaphi imimandla oyidlulayo.


* R5.00 - Ukuba uhamba-hamba kummandla omnye okanye uhamba umgama ongaphantsi kwe-10km.
* R9.00 -Ukuba usuka komnye ummandla uye komnye
* R13.00 - Ukuba uhamba-hamba kwimimandla emithathu
* R18.00 - Ukuba uhamba-hamba kwimimadla emine okanye engaphezu kwesine.











This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Convenient Dial-a-Ride for the Physcially Disabled (IiNkcukacha Zoluntu) (File type: pdf; size: 389 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 12 uMeyi 2009



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





