






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ezothutho > Iziqinisekiso, Amaphepha-mvume & Neziqinisekiso Zoqeqesho > Ukubhaliswa Kwesithuthi

Ukubhaliswa Kwesithuthi




INKCAZELO:

Bonke abanini-zithuthi kufuneka babhalise izithuthi zabo njengoko kumiselweyo ngokusemthethweni. Ukubhaliswa kwesithuthi kuye kugcinwe kwi-National Traffic Information System (NaTIS).Luye lurhoxiswe ukubhaliswa kwesithuthyi:
* Xa sitshintsha siba sesomnye umntu.
* Xa isithuthi singabhaliswanga.
* Emva kweentsuku ezingama-31 sihluthiwe isithuthi.
* Xa ilifa liqoshelisiwe emva komnini-sithuthi.



IMIYALELO:

Xa uthenga isithuthi kufuneka usibhalise egameni lakho kwisithuba seentsuku ezingama-21.

Ukubhalisa isithuthi esitsha, kufuneka iphetshana lokubhalisa elingu-RLV kwiziko lobhaliso zithuthi, uphathe:
* ISazisi sakho
* Isiqinisekiso somenzi waso.


Kufuneka ube uyayazi inombolo yomzimba wesithuthi okanye eyenjini yesithuthi yakho.

Ukubhalisa isithuthi ebesisesomnye umntu, kufuneka ufake iphetshana lokubhalisa elingu-RLV kwiziko lobhaliso lwezithuthi, uphathe:
* amaxwebhu
* into echaza ukuba imoto leyo ibhaliswe (phantsi kwegama lomntu lowo obengumniniyo)
* isiqinisekiso sokuba isithuthi eso sikulungele ukuba sendleleni
* into engqina ukuba sithengiwe isithuthi eso.


Xa isithuthi sibhalisiwe isiqinisekiso sobhaliso siya kunikwa umnini waso.

Ukuba isithuthi sakho siye safakelwa ilungu okanye sakhiwa ngokutsha, umzekelo safakelwa injini entsha, eso sithuthi kufuneka siphinde sibhaliswe kwakhona. Kule meko, kufuneka ufumane isiqinisekiso esingqina ukuba akukho nto igwenxa emapoliseni kwanesiqinisekiso sokuba isithuthi eso sikulungele ukuba sendleleni ngaphambi kokuba ube nokusibhalisa isithuthi sakho.

Qaphela: Kukwakho nezinto ezizezinye ezifunekayo kwisithuthi ebesikhe asabhaliswa, ezongeza kwizinto ezifunwa kwindla-lifa yalowo ungasekhoyo, ukuthinjwa kwaso, ezifumaneke ngaphandle kwemida yoMzantsi Afrika okanye xa sasixeliwe ukuba sebiwa.
Ukufumana iinkcukacha ezizezinye qhagamshelana noMichael Gallant wakwa Motor vehicle Administration kwa-021 483 2058 okanye udibane neziko lobhaliso lwezithuthi elikufuphi nawe.


IFUMANEKA KWI:

La mabakala amaziko:
* Amaziko Okuvavanya Iinqwelo-mafutha


IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

ULwenziwo lweeNdlela (Ezothutho Nemisebenzi Yoluntu, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)


IXABISO:

Imali Yokubhalisa: R69.00
Ukuba awusibhalisi isithuthi sakho kwisithuba seentsuku ezingama-21 usifumene, uya kohlwaywa.




This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 18 uJuni 2004



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





