﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ezothutho > Iziqinisekiso, Amaphepha-mvume & Neziqinisekiso Zoqeqesho > Ukubhaliswa KweeNqwelo-mafutha Kumaziko Ovavanyo Lwezithuthi

Ukubhaliswa KweeNqwelo-mafutha Kumaziko Ovavanyo Lwezithuthi




INKCAZELO:

Zonke izikhululo zokuhlola izithuthi kufuneka zibhaliswe zibekwe ngokomgangatho ngaphambi kokuba zifumane iziqinisekiso ezifanelekileyo zokuba zikulungele ukuba sendleleni.

Isicelo siya kwamkelwa kuphela xa isikhululo eso sisebenza ngokuhlola izithuthi sihlangabezana nomgangatho wobuchule nolwazi ofunekayo ngokommiselo weSABS 0216 ' Isikhululo Sovavanyo Lwezithuthi' kwanendlela yokuhlola nokuvavanya isithuthi kufuneka ihlangabezene nenkqubo yeSABS 047 'Ukukhangelwa kwemoto ukuba iyilungele na indlela'.
Ukuba isicelo eso sibe nempumelelo, ukubhaliswa kwesithuthi kufuneka kusoloko luvezwa ngalo lonke ixesha.


IMIYALELO:

Ukwenza isicelo sobhaliso kwiziko lokuhlola, kufuneka ugcwalise iphetshana lesicelo u-TS1 ze ulithumele kwiCandelo lezoLwulo Mthetho leSebe lezoThutho neMisebenzi yLuntu.

Kufuneka ube noku:
* idiploma yomhloli wakho
* isiqinisekiso sokubhaliswa kweshishinii.


Umhloli uya kutyelela iziko lokuhlola ze enze iziphakamiso aqinisekise nokuba iziko elo liyahlangabezana nemimiselo yeSABS.

Isiqinisekiso sobhaliso singakhutshwa emva koko.
Ukufumana ezinye iinkcukacha dibana no:
Carene Matthee
Inombolo yomnxeba: 021 483 2074
chmatthe@pgwc.gov.za

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

ULwenziwo lweeNdlela (Ezothutho Nemisebenzi Yoluntu, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)


IXABISO:

Ngama-R300 imali yokubhalisa.




This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 23 uFebruwari 2004



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





