






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ezemfundo > Imiba Yasekuhlaleni Echaphazela Izikolo > Iinkqubo Zokungenelela Kwimiba Yolutsha Olusemngciphekweni

Iinkqubo Zokungenelela Kwimiba Yolutsha Olusemngciphekweni




INKCAZELO:

Ulutsha olusemngciphekweni ngabafundi abaneengxaki ezifana nokusebenzisa ngendlela egwenxa iziyobisi/utywala okanye abakungquzulwano nomhetho. Iingxaki zabo zomphefumlo kwakunye/okanye ezokuziphatha zingumqobo ekufundeni nasekukhuleni kwabo.

eNtshona Koloni nje kuphela mahlanu amanqanaba enkxaso ejzijoliswe ekuthinteleni okanye ekusombululeni iingxaki ezikumila kunje. Uhlobo lwenkxaso nezithintelo ezinokunikwa umfundi ngamnye zixhomekeka kubuzaza bengxaki leyo. Iinkqubo zokungenelela ziquka iinkonzo zenkxaso kwezemfundo, kwezonyango, kwakunye/okanye nezasekuhlaleni.

La manqanaba mahlanu enkxaso ngala:


* Uthintelo kuzo zonke izikolo
* Ukungenelela kwangexesha kuzo zonke izikolo
* Iinkqubo zenkxaso ezisekelwe ezikolweni
* Unonophelo lolutsha kwakunye namaziko emfundo
* Amaziko awodwa ononophelo lolutsha kwakunye namaziko emfundo



INQANABA LOKUQALA: UTHINTELO KWIZIKOLO ZONKE


Inkqubo yokuyala kwangexesha, ejongene nokungenelela kwiimeko zabantwana abasebatsha kakhulu, ifakwa kuzo zonke izikolo. Kwenziwa onke amalinge okuthintela iinzima zomphefumlo kwakunye/okanye ezinento yokwenza nokuziphatha ekudalekeni okanye ekuqhubekeleni phambili.


INQANABA LESIBINI: UKUNGENELELA KWANGEXESHA KUZO ZONKE IZIKOLO


Inkxaso yomphefumlo kwakunye nesikhokelo ziyanikezelwa kubafundi abakufumana kunzima ukumelana nemiqobo yomphefumlo/eyonakalisa indlela yokuziphatha kwabo kumagumbi okufundela.


INQANABA LESITHATHU: IINKQUBO ZENKXASO EZISEKELWE EZIKOLWENI


Iinkqubo zenkxaso ezisekelwe ezikolweni, iinkqubo zophuhliso ezijoliswe kulutsha kwakunye nokungenelela ngabom ziyanikezelwa kubafundi ababonakala besemngciphekweni wokugxothwa esikolweni, abakhutshwayo kumakhaya abo, okanye abangena kungquzulwano nenkqubo yobulungisa elwa nolwaphulo-mthetho, kwanakubantwana ekubonakala kunyanzelekile ukuba bakhutshwe esikolweni okwexexshana.


INQANABA LESINE: UNONOPHELO LOLUTSHA KWAKUNYE NAMAZIKO EMFUNDO


Apho kuthi kucace ukuba umfundi othile akazuzanga ngokwezicwangciso kule nkqubo yenkxaso, kusenokuqwalaselwa ukuba loo mfundi athunyelwe kwinkqubo yasekuhlaleni okanye yophuhliso kwiziko lolutsha nemfundo. Umgaqo wokusebenzisa eyona ndlela ingenazithintelo zininzi usetyuenziswa kuyo yonke le nkqubo.

Abantu abatsha bathunyewa kula maziko ngokwemigaqo yemithetho elawula oko. La maziko anikezela ngendawo yokuhlala kwakunye nenkqubo yenkxaso elungiselelwe iingxaki zomntu ngamnye. Isikhokelo sokusebenza ngendlela eyiyo kula maziko sisekelwe kwimigangatho ebekwe liQumrhu Elijongene Namalungelo Omntwana loMbutho Wezizwe Ezimanyeneyo.

Le migangatho ijolise:

* Ekwakheni amandla nesakhono sabahlohli kwakunye neseenqununu ukumelana nomceli-mngeni wokumelana nabafundi abasezingxakini, okanye ke, abasesichengeni sokugubungelwa yimiqobo yasemphefumlweni neyokungaziphathi kakuhle ngexesha lokukhula kwabo.
* Ekuphuculeni iinkonzo ezijoliswe kubafundi abasemngciphekweni.
* Ekuqinisekiseni ukhuseleko, imfundo kwanokuphuhla kwaba bafundi.


Mane amaziko Ononophel Lolutsha Nemfundo eNtshona Koloni:
* liZiko Lononophelo Lolutsha laseFaure
* iZiko Lononophel Lolutsha iDie Bult
* iZiko Lononophelo Lolutsha laseOttery
* iZiko Lononophelo Lolutsha laseWellington.



INQANABA LESIHLANU: AMAZIKO AWODWA AJONGENE NONONOPHELO NEMFUNDO KULUTSHA


Lukho unonophelo olulodwa olunikezelwa kulutsha olukungquzulwano nomthetho okanye abonakele kakhulu emphefumlweni nekunokufuneka benikwe inyameko ngokwasemzimbeni, emphefumlweni nangokwendlela abaziphethe ngayo. Abantu abatsha bathunyelwa kula maziko ziinkundla ngokwemiqathango yemithetho ethile elawula oko ukuze bahlale kuwo njengesinyanzelo.

Umntu omtsha ngamnye unikwa isicwangciso sophuhliso lwakhe ukumnceda abuyele kwisimo sesiqhelo nesamkelekileyo. Ingcali kwimpilo yengqondo, ingcali kunyango lomntu, umongi oqeqeshiweyo kunye nonontlalo-ntle bayafumaneka kwiziko ngalinye ukuze bajongane neemeko zolu lutsha. Abahlohli bafumana noqeqesho olulodwa kwizifundo nasekusebenzeni ngononophelo lwabantwana.
Mabini amaziko akumila kunje apha eNtshona Koloni:
* iZiko Lononophelo Olulodwa Kulutsha iDe Novo
* iZiko Lononophelo Olulodwa Kulutsha iEureka.



IMIYALELO:

Ukuze ufumane ezinye iinkcukacha ezithe vetshe, qhagamshelananoGqirha Charles Coetzee
kule nombolo yomnxeba: 021 467 2027
Eyefeksi: 021 425 7465
ccoetzee@pgwc.gov.za


IFUMANEKA KWI:

La mabakala amaziko:
* Amaziko Ononophelo Lolutsha


IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

Iinkonzo Zenkxaso Kwimfundo Eyodwa (iSebe Lemfundo leNtshona Kapa, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Uqeqesho Lwabantu Abaselula Kwizakhono Zobomi (IiNkonzo)
* What is NICRO? (IiNkcukacha Zoluntu) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* What is Restorative Justice? (IiNkcukacha Zoluntu) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Zintoni Iinkomfa Zeembumba Zeentsapho? (IiNkcukacha Zoluntu)
* What is the Child Justice Forum? (IiNkcukacha Zoluntu) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 7 uJuni 2005



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





