






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ezemfundo > Imiba Yasekuhlaleni Echaphazela Izikolo > Iziko Elitsalelwa Iminxeba Lezikolo Ezikhuselekileyo

Iziko Elitsalelwa Iminxeba Lezikolo Ezikhuselekileyo




INKCAZELO:

I-WCED ivule iZiko Elitsalelwa Iminxeba Lezikolo Ezikhuselekileyo njengengxenye yeNkqubo Yezikolo Ezikhuselekileyo.

Abahlohli, abafunda nabazali banokutsalela umnxeba kwinombolo yomnxeba engahlawulelwayo ukunikezela ingxelo ngobundlobongela, impatho-mbi, ukusetyenziswa kakubi kotywala neziyobisi, ukonakaliswa kwempahla nezakhiwo kwakunye/okanye nobuqhophololo.

Iziko Leminxeba libonelela ngolwazi:
* ngokuqhomfa
* ngokuzinikela etywaleni
* ngokusetyenziswa kakubi kweziyobisi
* nangentsholongwane kaGawulayo noGawulayo
* ngocalu-calulo ngokobuhlanga
* ngexesha lokukhulelwa.

Abasebenzi beli Ziko bakuqeqeshelwe ukunikezela ngoncedo neengcebiso zokuqala ngekhompyutha kuhbantu abadinga uncedo. Ukuba olunye uncedo luyafuneka abatsali-minxeba bathunyelwa kwiingcali.


IMIYALELO:

Inombolo yomnxeba engahlawulelwayo yeli Ziko ithi:0800 45 46 47.

Le nombolo ingahlawulelwayo isebenza ukusuka ngeMivulo ukuya kuma ngooLwezihlanu phakathi kwentsimbi yesibhozo kusasa ukuya kwicala emva kweyesixhenxe emva kwemini. Iminxeba eyenziwa ngempela-veki iyagcinwa ze iphendulwe ngeentsasa zeMivulo.
Abasebenzi beli Ziko banakho ukubanceda abatsali-minxeba ngesiBhulu, isiNgesi nesiXhosa.

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

iSebe Lemfundo leNtshona Kapa (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Inkqubo Yezikolo Ezikhuselekileyo (IiNkonzo)
* WCED Call-Centre for Teaching and Administrative Staff (0861 923 322) (IiNkonzo) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* WCED Launches State-of-the-art Call Centre (Iindaba) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 20 uOktobha 2004



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





