






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ezemfundo > Imiba Yasekuhlaleni Echaphazela Izikolo > Ukuthintela Ukungcungcuthekiswa Kwabafundi Nabahlohli Abaphila Nentsholongwane kaGawulayo

Ukuthintela Ukungcungcuthekiswa Kwabafundi Nabahlohli Abaphila Nentsholongwane kaGawulayo




INKCAZELO:

Bonke abafundi kufuneka bawahloniphe amalungelo abanye abafundi nabahlohli. Izikolo kufuneka zidale indawo yokufundela engakuvumeliyo ukuxhatshazwa kwabafundi nabasebenzi abaphila nentsholongwane kaGawulayo ngokuthi:
* banikezela ngolwazi oluthe ngqo nekulula ukuluqonda ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo kubo bonke abasebenzi, abafundi kwakunye nabazali.
* kuqinisekiswe ukusebenza koMgaqo-nkqubo wentsholongwane kaGawulayo.
Isebe Lesizwe lezeMfundo liqulunqe umganqo-nkqubo wesizwe kulawulo lwentsholongwane kaGawulayo/noGawulayo ezikolweni. Lo mgaqo-nkqubo wesizwe ujoliswe kubafundi nootitshala.

Amabhunga olawulo ezikolo kufuneka aqulunqe ze aqinisekise ukusetyenziswa kwemigaqo-nkqubo yawo, migaqo-nkqubo leyo kufuneka ihambelane nalo wesizwe. La mabhunga kufuneka akwenze oku ngentsebenziswano nabo bonke abantu namaqumrhu achaphazelekayo kulawulo lwezikolo.
Uxwebhu oluthi:'Wazi Amalungelo Noxanduva Lwakho' lunikezela ngolwazi kweyona miba iphambili nebalulekileyo kulo mgaqo-nkqubo wesizwe nokuba ungenziwa njani na umgaqo-nkqubo Wesikolo wemiba yentsholongwane kaGawulayo/noGawulayo.


IMIYALELO:

Ukuze ube nokufumana ezinye iinkcukacha, qhagamshelana neNkqubo Yezakhono Zobomi Elumkisa Ngentsholongwane kaGawulayo/oGawulayo yeSebe Lezemfundo Lephondo leNtshona Kolon, uthethe no-:
Peter Fenton
Kule nombolo Yomnxeba: 021 467 2125 / 6 / 7
pfenton@pgwc.gov.zaOkanye ke uqhagamshelane nelona Ziko leNkxaso kwezeMfundo likufutshane nawe.

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:


* Isebe Lezemfundo (The Government of South Africa)
* Iziko Lolawulo Nophuhliso Lwemfundo kuMntla Wenqila (iSebe Lemfundo leNtshona Kapa, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
* Iziko Lolawulo Nophuhliso Lwemfundo Kumbindi Wenqila (iSebe Lemfundo leNtshona Kapa, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
* Iziko Lolawulo Nophuhliso Lwemfundo kwiMpuma Yenqila (iSebe Lemfundo leNtshona Kapa, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
* Iziko Lolawulo Nophuhliso Lwemfundo kuMzantsi Wenqila (iSebe Lemfundo leNtshona Kapa, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
* Amaziko Olawulo Nophuhliso Lwemfundo Akunxweme Olusentshona/Winelands (iSebe Lemfundo leNtshona Kapa, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
* I-EMDC yaseBreede River/Overberg (iSebe Lemfundo leNtshona Kapa, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
* I-EMDC yoMzantsi Kapa/yeKaroo (iSebe Lemfundo leNtshona Kapa, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Draft National Policy on HIV/Aids, for Learners and Educators in Public Schools, and Students and Educators in Further Education and Training Institutions (Umgaqo-nkqubo) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Intsholongwane kaGawulayo/uGawulayo: Wazi Amalungelo Noxanduva Lwakho (IiNkcukacha Zoluntu)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 4 uJulayi 2005



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





