﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ezemfundo > Izixhobo Zokufunda > Amanyathelo Okufunda Ngekhompyutha

Amanyathelo Okufunda Ngekhompyutha




INKCAZELO:

ISebe lezeMfundo leNtshona Koloni lisebenzisa izicwangciso-qhinga eziliqela ukuqinisekisa ukuba eli phondo liyabuqwalasela ubugcisa beekhompyutha kwanobugcisa bonxibelelwano olumandla (ICT) kwezemfundo.

ISebe lezeMfundo eNtshona Koloni liceba ukusebenzisa obu bugcisa beekhompyutha nobonxibelelwano ezikolweni ukuze bube:
* nokuzisa indlela yokufunda iyixhase kananjalo.
* nokunceda ekuphakamiseni imigangatho yokufundisa nokufunda kwizikolo ezihlelelekileyo.
* nokufundisa ixhase abahlohli.
* nokunciphisa iyantlukano ngokwamanani.
* nokuxhobisa abafundi ukuba bazibandakanye noluntu olunolwazi kwizizwe zehlabathi.
* nokukhuthaza abafundi ukuba bazilungiselele umsebenzi kwiinkalo zenzululwazi, ezobunjineli nakwi-ICT.
* nokuqokelela kwanokuhambisa iinkcukacha zokulawula.
* Nokuqinisekisa ukuba zonke izikolo ezikweli phondo, ezo zisemaphandleni, kanti nezi zikwimimandla yedolophu, zifikelela msinyane kwisetyhula nakwiinkcukacha zokulawula.

Izicwangciso-qhinga ze 'eLearning' ezifezekiswayo eNtshona Koloni zibandakanya ezi:
* IKhanya Technology in Education Project, ephuhlisa nephumeza iindlela zokusebenzisa i-ICT ukuphucula indlela yokufundisa nokufunda ezikolweni.
* IDassie Project, ephuhlisa nekwaphumeza iindlela zokuphucula ukufundisa nokufunda ekuqhubeni nemfundo ukuya kutsho kwiiKholeji zeMfundo noQeqesho.
* IProjekthi yoNxibelelwano ngoMnxeba, edityaniswe ne-internet phantse kuzo zonke izikolo kweli phondo) izikolo ezingekafakwa ziza kufakwa nazo kungekudala emva nje kokuba zifakelwe umbane);
* Indlela yokufumana ulwazi ngekhompyutha yeSebe lezeMfundo eNtshona Koloni, ezisa iinkcukacha ezisekelezwe kwinxiwa lekhompyutha kwaneenkonzo kubafundi, abazali, ootitshala, abalawuli bezikolo kwanabo bonke abachaphazelekayo kwimiba yezemfundo.
* Iprojekthi yoBume bezifundo eqhubayo inendlela ezenzela ngokwayo ekusebenziseni ii- ICT kusenzelwa uphuhliso lobume bezifundo, ukunikezelwa kweenkonzo nenkxaso.



IMIYALELO:

Ukufumana ezinye iinkcukacha qhagamshelana no-:
Mike Chiles
Inombolo yomnxeba: 021 467 2025/6
Ifeksi: 021 467 2996
http://wced.wcape.gov.za

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

Ulwazi Nenkxaso Yobuxhaka-xhaka Bobugcisa (iSebe Lemfundo leNtshona Kapa, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* e-learning (Glossary)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 15 uJuni 2004



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





